1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) linovuyo ukupapasha ukuba kukho iibhasari eziyi-66 zeemeko ezizodwa zezithili zamaphandle zeFunza Lushaka (extraordinary rural-based Funza Lushaka bursaries) zonyaka wokufunda ka-2016 kubafundi beBakala 12 abanenjongo yokulandela izifundo zokufumana amabanga emfundo okuqeqeshelwa ukufundisa (formal teaching qualification).

2. I-2030 National Development Plan icebisa ukuba makutsalwe umdla wootitshala abatsha yaye ikwacacisa nokuba "iiprogram zebhasari zokuqhubeka nophuhliso lwabaqeqeshelwa ukufundisa zinokuwuphucula umgangatho wokufundisa yaye zincede ekutsaleni umdla nasekugcineni ootitshala beqhubeka nokwenza lo msebenzi".

3. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (iSebe i-DBE) lineprogram yeebhasari ebizwa ngokuba yi-Funza Lushaka Bursary Programme, ebonelela abafundi abapasa emagqabini ngeebhasari zokuhlawula ngokupheleleyo iifizi zokufunda, ezendawo yokuhlala nokutya, isibonelelo seencwadi zezifundo, seenowuthsi nefizi zelebhu (notes and laboratory fees) (apho kufanelekileyo), kwakunye nemali yaqho ngenyanga (monthly stipend) yokuhlawulela iintwana-ntwana eziyimfuneko (basic living expenses).

4. I-Funza Lushaka Bursary Programme yiprogram yeminyaka emininzi (multi-year programme) eyaqaliswa ngo-2007 ukwenzela ukuphucula umsebenzi wokufundisa kwizikolo zikarhulumente njengekhondo elinokukhethwa ngabemi baseMzantsi Afrika abanako nabazimiseleyo. Le program iqhutywa apha eNtshona Koloni kumaziko emfundo ephakamileyo amathathu (higher education institutions (HEIs)) aseNtshona Koloni, o.k.t. kwiYunivesiti yaseNtshona Koloni, kwiYunivesithi yaseStellenbosch nase-Cape Peninsula University of Technology. 5. 6. 7.

5. Ngo-2012, iSebe i-DBE laqalisa iprogram yokugaya abafundi eqhubekela kwizithili zemfundo (district-based recruitment programme) ethagetha abafundi abakwiindawo ezingamaphandle nezithwaxwa yintlupheko (izikolo zamaNqanaba eNtlupheko 1 – 3) ukubanceda ukuba bafumane iibhasari zeFunza Lushaka. ISebe iWCED ke ngoko, liya kunika abafundi iibhasari eziyi-66 zeemeko ezizodwa (66 extraordinary bursaries) kuphela kwizikolo ezikwiingingqi ezisemaphandleni, kuthathelwa ingqalelo iimfuno zezithili zemfundo ezisemaphandleni.

6. Ukunikwa kwabafundi ibhasari kuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  1. Iprogram iya kuxhasa ngemali abafundi abanqwenela ukugxininisa kwimfundo yeSigaba seSiseko (Foundation Phase education) (AmaBakala 1 - 3) okanye abo banenjongo yokufundela isidanga se-BEd, begxininisa kwi-Mathematics kunye/okanye kwi-Science.
  2. Ibhasari yeyonyaka wokufunda omnye ngexesha yaye, xa kukho ubungqina bokuphumelela kwizifundo, inokuhlaziywa kunyaka ngamnye de lowo onikwe ibhasari aphumelele isiqinisekiso sokuba ngutitshala oqeqeshiweyo.
  3. Kuya kufuneka onikwe ibhasari afake isicelo kwakhona ekupheleni kuka-Oktobha kunyaka ngamnye ukulungiselela unyaka olandelayo.
  4. Akuyigqiba ikhosi yezifundo, umfundi onikwe ibhasari kuya kufuneka afundise esikolweni esisemaphandleni esikwingingqi yakhe ahlala kuyo njengangoku ithuba lonyaka omnye ngonyaka ngamnye afumene ibhasari ngawo.
  5. Ikopi yeziphumo zango-2014 zeBakala 11 zomenzi-sicelo mazingeniswe kunye nesicelo sokuqala.
7. Ngaphezu koko, abenzi-sicelo abalindelekileyo mabenze izicelo zokwamkelwa kumaziko azii-HEI awahluka-hlukeneyo axelwe kwingongoma 4 apha ngentla yaye mabazifezekise iimfuno ezimiselweyo zokwamkelwa kula maziko. Iibhasari ziya kunikwa ngokwezinto aqaqambe ngazo umenzi-sicelo (on merit) yikomiti yokhetho ekuNdlunkulu weSebe iWCED eKapa, ngokusekelwe kwezi khrayitheriya zezifundo (academic criteria) zizezona zisezantsi zilandelayo:

  1. Ukupasa kwinqanaba leBakala 12 ukuba "abe nokwamkelwa kwizifundo zesidanga sokuqala ("admission to Bachelor’s degree studies").
  2. Ukupasa ubuncinane ngenqanaba elingu-Level 4 pass, okanye ukupasa ngo-50% ubuncinane, kwisifundo umfundi aya kugxininisa kuso kwikhosi yakhe ye-BEd.
  3. Kubafundi abanqwenela ukugxininisa kwiSigaba seSiseko, kufuneka bapase iMathematika okanye uLwazi lweMathematika kwiBakala 12. Ukongeza apho, kufuneka bapase ngenqanaba elingu-Level 5 pass (ukupasa ngo-60%) kuLwimi lweeNkobe.
8. Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo yi-26 Juni 2015. Abenzi-sicelo mabenze isicelo ngokuzalisa le fom yesicelo iqhotyoshelweyo yaye zonke ifom zokwenza izicelo ezizalisiweyo mazisiwe kwi-ofisi yesithili semfundo yesikolo eso.

9. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa ungathandabuzi, uqhagamshelane nelinye kula magosa eSebe i-WCED kwaNdlunkulu:

  • Ms Malorato Mpiti, kule Nombolo yefoni 021 467 2155
  • Mnu Lusapho Ndzongo, kule Nombolo yefoni 021 467 2190
10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abafundi beBakala 12 besikolo sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:05:27

"Bursary application form"  (ubukhulu: 80 KB)