1. ISistim yoLawulo lweKhefu laBasebenzi (Human Capital Leave Management System (HC-LMS)) ibisoloko ikho ukususela ngo-2008. Ukuqinisekisa ukuba igama lesistim lizibandakanya zonke iimodyuli ezifumanekayo kwisistim, i-HC-LMS inikwe igama elitsha -People Management Practices System (PMPS). Ngaphandle kokutshintshwa kwegama, idilesi yeziko lewebhu neenkcukacha ze-ofisi enika uncedo ngesistim (helpdesk details), ziya kuhlala zingatshintshanga.

2. Ukwenzela usetyenziso olumandla nokuba yimpumelelo kwePMPS, imodyuli i-Contract Appointment Tracking (CAT) module yenziwe ukuba isebenze (has been activated) kwisistim.

3. Imodyuli i-CAT module ivumela iinqununu zezikolo ukuba zityumbe utitshala oqeshwe okwethutyana okanye obambeleyo (contract or substitute educator) kwisikolo esithile, ngokusebenzisa i-PMPS. Usetyenziso lwe-CAT luya kuphelisa imfuno yokuba izikolo ziwangenise ngesandla amagama abatyunjiweyo kwaNdlunkulu. Oku kuya kuncedisa ukukhawuleziswa kweentlawulo zabaqeshwa. Kwimeko apho izikolo zingenako ukusebenzisa i-CAT module kwi-PMPS, asaya kwamkelwa amagama angeniswe ngesandla.

4. Kucelwa uqaphele ukuba:

  • Abaqeshwa bamazwe angaphandle ababandakanywanga kule sistim. Iinkcukacha zabo kuya kufuneka zifakwe ngesandla.
  • Ukuba umqeshwa akanayo inombolo yePesali, isistim iya kuvelisa inombolo eyiunique number emayisetyenziswe.
  • Ukufaka ifom yesicelo kwikhompyutha kunyanzelekile. Kuphela ngamaxwebhu akwi-PDF format aya kwamkelwa ukwenzela ukuba afakwe kwisistim.
  • Ukuba kwenziwe impazamo kwisistim kwigama elityunjiweyo, irekhodi leyo iya kukulungela ukuhlelwa/ukucinywa (editing/deletion) kuphela kwiiyure eziyi-24 emva kokuba ifakiwe kwisistim. Oku kubangelwa zii-background validations ezisebenzayo kwisistim.
5. Malunga nokufaka amagama abatyunjiweyo kwi-CAT module kucelwa ulandele la manyathelo angezantsi:

  • INyathelo 1: INqununu mayiloge (log in) kwisistim isebenzisa i-unique username and password enikwe apha : (http://lms.pgwc.gov.za).
  • INyathelo 2: Ikhetha i-"CAT module" kumqolo ophezulu (top row) we-home page. Ize ikhethe u- "Add nominee".
  • INyathelo 3: Ifaka inombolo yesazisi katitshala otyunjiweyo (nominated educator) ize iklikhe ku-"Search". Ilisti yamagama atyunjiweyo angaphambili (previous nominations) iya kuvela ngokumalunga naboo titshala babetyunjwe kwezinye izikolo. Kuya kubakho necandelo elikhethisa ukufaka igama elitsha (add a new nomination).
  • INyathelo 4: Kuya kuvela ii-Tabs eziyi-5 ezinamacandelo awahlukileyo amakazaliswe. (Tab 1: Personal Details, Tab 2: Contact Details, Tab 3: Employment Details, Tab 4: Post Details, Tab 5: Form Uploads). Mayizalise icandelo ngalinye kwii-tabs ize iyiseyive ingcaciso emva kwe-tab nganye.
6. Lakuba lingenisiwe kwisistim igama elityunjwe (electronic nomination) kusetyenziswa i-CAT module, iCandelo lamaLungelo aVela kwiNkonzo, liya kusisingatha isicelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:01:28