1. |
Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukukhumbuza ngamagalelo acelwa kuwe okulungiselela ukwenziwa kweengxelo-mali liSebe leMfundo leNtshona Koloni zonyaka-mali ka-2014/2015. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe neNgcaciso eMfutshane yoLawulo lweMicimbi yezeMali 0001/2015 (Financial Accounting Minute 0001/2015) engeenkqubo zokuvalwa kweBAS zonyaka-mali ka-2014/2015. |
2. |
NgokweSiqendu (40)(1)(c) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, uMthetho 1 ka-1999, (Public Finance Management Act) (PFMA), 1999, (Act 1 of 1999)), njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho 29 ka-1999, iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali (Accounting Officer) kufuneka lilungise iingxelo-mali zonyaka-mali ngamnye lize lizingenise ukuba ziphicothwe, zingadlulanga iinyanga ezimbini zokuphela konyaka-mali, kuMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General) (AG) nakuNondyebo wePhondo (Provincial Treasury), oya kulungisa iingxelo-mali ezidityanisiweyo (consolidated financial statements)). Oku kuthetha ukuba iingxelo-mali zeSebe iWCED ezigqityiweyo zaza sayinwa mazingeniswe ungadlulanga owe-31 Meyi 2015. |
3. |
Ukwenzela ukuba iCandelo lezeMicimbi yeMali lingqinelane ngqo neemfuno ezingummiselo zePFMA, kubaluleke gqitha ukuba abantu abakolu luhlu luqhotyoshelweyo apha bangenise amagalelo abo kweli candelo ngokukhawuleza emva kokuvalwa kwalo nyaka-mali, okanye ungadlulanga owe-15 Apreli 2015 ukuba akaxhomekekanga ekuvalweni konyaka-mali. Kucelwa niqaphele ukuba amagalelo enu makahanjiswe namaxwebhu axhasayo, namakangeniswe ngokuthunyelwa ngekhompyutha, ngendlela nangexesha ekufunwa ngalo yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele (AG’s Office). Onke amagalelo okanye amaxwebhu axhasayo angeniswayo engamaphepha (in hard copy format), makangqinisiswe njengachanekileyo (certified as correct) aze asayinelwe (signed off) ngumlawuli okanye yisuphavayiza echaphazelekayo. |
4. |
Ukwenza kube lula ukujonga izalathiso (reference), kuza kuthunyelwa kwicandelo ngalinye nge-imeyili iikopi ezisekhompyutheni zeethempleyithi zokusetyenziswa xa kulungiswa iingxelo-mali ezifanele icandelo elo, kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokunceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali kubantu abakuluhlu oluqhotyoshelweyo. |
5. |
Nayiphi na imibuzo emalunga noku inokubhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736 okanye kuMnu H Mouton kule nombolo yefoni 021 467 2263. |
6. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:08
|
 |