1. Inkqubo yoKubeka eSweni uPhuculo lweZikolo (SIM) yokugqibela ukulungiselela u-2015 inemibuzo eyongezelelweyo ebuzwa liSebe leMfundo esiSiseko. Le mibuzo ivumela ukuba kugxininiswe ngakumbi kumba wokulungela kwezikolo u-2016.

2. Iinkcukacha zekota yesine zinikwe kuxwebhu oluqhotyoshelweyo.

3. Umhla wokungeniswa kwale SIM utshintshelwe kuMvulo we-09 Novemba 2015 ukunika ixesha elaneleyo lokulandelela imisebenzi emininzi ebekwe esweni.

4. Ziyacelwa izikolo ukuba zizihlaziye iingxelo zazo zeSIM qho ngoMvulo emva koku kude kube ngowe-01 Disemba 2015.

5. Ukwenzela ukuququzelela ukubekwa esweni kwemiba, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
5.1 Le miba iqhotyoshelweyo kuza kugxininiswa kuyo neya kubekwa esweni, iya kubonelelwa ukulungiselela ukusayinelwa kwayo kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION".
5.2 Inqununu iya kuzifaka iimpendulo kwikhompyutha.
5.3 Inqununu iya kulusayinela uxwebhu kwi-CEMIS.
5.4 Umphathi weze-IMG uya kuyisayinela le miba kwi-Eduinfosearch emva kokusayinelwa kwayo okokugqibela ekupheleni kwekota nasemva kwengxoxo yokugqibela kunye nenqununu.
5.5 Iikopi eziprintiweyo zokusayinelwa okokugqibela nge-01 Disemba 2015 ziya kugcinwa sisikolo nanguMphathi weze-IMG.

6. Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:10:09

ISixhobo soKuvavanya uKulungela kweSikolo u-2016 ne-SIM yeKota 4 ka-2015  (ubukhulu: 74 KB)