1. Kuya kujoliswa kwezi nkalo zilandelayo ekubekeni esweni ukwenziwa komsebenzi kwikota yesithathu kwiNkqubo yokuBeka eSweni uPhuculo lweSikolo (School Improvement Monitoring (SIM)) yesiCwangciso soPhuculo lweSikolo (School Improvement Plan (SIP)).

  • Amalungiselelo nokuphunyezwa kwe-SIP;
  • Iincwadi zokwenza umsebenzi;
  • Iincwadi zezifundo;
  • Ulawulo (iintlanganiso nabazali; ukufundiswa kwekharityhulam; ulawulo lwedatha ; ukuhamba isikolo kwabafundi nootitshala; ukuzaliswa kwezithuba; ukuphuhliswa kootitshala);
  • Iintsuku ekungakhange kufundiswe ngazo
  • Iidesika nezitulo;
  • Iziseko zophuhliso; kunye
  • noLawulo lwezemali.
2. Iinkcukacha zale kota zinikwe kuxwebhu oluqhotyoshelweyo.

3. Umhla wokungeniswa kwale SIM utshintshelwe kwi-01 Oktobha 2015 ukunika ixesha elaneleyo lokugqitywa kwemisebenzi emininzi ebekwe esweni.

4. Ukwenzela ukuququzelela imiba emayibekwe esweni, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
4.1 Kuya kubonelelwa le miba kuza kujoliswa kuyo iqhotyoshelweyo neya kubekwa esweni, ukulungiselela ukusayinelwa kwayo kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION".
4.2 Inqununu iya kuzifaka iimpendulo kwikhompyutha.
4.3 ABaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuxoxa ngeempendulo yaye uxwebhu oluzalisiweyo (completed sheet) luya kusayinwa ngamaqela omabini.
4.4 Inqununu iya kulusayinela uxwebhu kwi-CEMIS.
4.5 Ikopi enye eliphepha eliprintiweyo iya kugcinwa nguMphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni.
4.6 UMphathi weze-IMG uya kusayinela kwi-Eduinfosearch.

5. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weze-IMG.

6. Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:16

IKOTA 3 KA-2015 – INkqubo yoKubeka eSweni uPhuculo lweSikolo (SIM)  (ubukhulu: 76 KB)