1. Kuya kujoliswa kwezi nkalo zilandelayo ekubekeni esweni ukwenziwa komsebenzi kwikota yesibini yeNkqubo yokuBeka eSweni uPhuculo lweSikolo (School Improvement Monitoring (SIM)) yesiCwangciso soPhuculo lweSikolo (School Improvement Plan (SIP)).

  • Amalungiselelo nokuphunyezwa kwe-SIP;
  • Iincwadi zokwenza umsebenzi;
  • Iincwadi zezifundo;
  • Iireyithi zokupasa zeBakala 1 nezeBakala 9;
  • Ulawulo (iintlanganiso nabazali; ukufundiswa kwekharityhulam; ulawulo lwedatha ; ukuhamba isikolo kwabafundi nootitshala; ukuzaliswa kwezithuba; ukuphuhliswa kootitshala);
  • Iintsuku ekungakhange kufundiswe ngazo, kubandakanywa iimviwo neentlanganiso;
  • Iidesika nezitulo;
  • Iziseko zophuhliso kunye
  • noLawulo lwezemali.
2. Iinkcukacha zale kota zinikwe kuxwebhu oluqhotyoshelweyo.

3. Umhla wokungeniswa kwale SIM utshintshelwe kwi-25 Juni 2015 ukunika ixesha elaneleyo lokugqitywa kwemisebenzi emininzi ebekwe esweni.

4. Ukwenzela ukuququzelela imiba emayibekwe esweni, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo:
4.1 Iinkalo eziza kubekwa esweni nekuya kujoliswa kuzo ziya kunikwa kwikota nganye kwiNgcaciso eMfutshane.
4.2 Le miba kuza kujoliswa kuyo neya kubekwa esweni, iya kubonelelwa ukulungiselela ukusayinelwa kwayo kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION".
4.3 Inqununu iya kuzifaka iimpendulo kwikhompyutha.
4.4 Abaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuxoxa ngeempendulo yaye uxwebhu oluzalisiweyo (completed sheet) luya kusayinwa ngamaqela omabini.
4.5 Inqununu iya kulusayinela kwi-CEMIS.

4.6 Ikopi enye eliphepha eliprintiweyo iya kugcinwa nguMphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni.
4.7 UMphathi weze-IMG uya kusayinela kwi-Eduinfosearch.

5. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weze-IMG.

6. Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:05:11

"2015 Term 2 - School Improvement Monitoring"  (ubukhulu: 61 KB)