1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kwakhona liya kubeka esweni ukuphunyezwa kwesiCwangciso soPhuculo lweSikolo (SIP) ngo-2015. |
2. |
Kuya kujoliswa kwezi nkalo zilandelayo ekubekeni esweni ukwenziwa komsebenzi kwi-School Improvement Monitoring (SIM) ye-School Improvement Plan (SIP) ngo-2015:
- Amalungiselelo nokuphunyezwa kweSIP;
- Iincwadi zokwenza umsebenzi (workbooks);
- Iincwadi zezifundo (textbooks);
- Iireyithi zokupasa kwamaBakala 1 no-9;
- Ezolawulo (iintlanganiso nabazali, ukufundiswa kwekharityhulam, ulawulo lwedatha, ukuhamba isikolo kwabafundi nootitshala, ukuzaliswa kwezithuba, ukuphuhliswa kootitshala);
- Iintsuku ekungakhange kufundiswe ngazo, kubandakanywa iimviwo neentlanganiso;
- Iidesika nezitulo;
- Iziseko zophuhliso, kugxininiswa kwiithoyilethi; kunye
- noLawulo lwezemali.
|
4. |
I-SIM mayizaliswe sisikolo nangamagosa ngolu hlobo lulandelayo:
Ithuba |
Umhla omisiweyo |
Ikota 1 |
27 Matshi 2015 |
Ikota 2 |
19 Juni 2015 |
Ikota 3 |
23 Septemba 2015 |
Ikota 4 |
13 Novemba 2015 |
|
5. |
Ukwenzela ukuququzelela imiba emayibekwe esweni, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo: |
5.1 |
Iinkalo eziza kubekwa esweni nekujoliswe kuzo, ziya kunikwa qho kwikota nganye kwiNgcaciso eMfutshane. |
5.2 |
Le miba iza kubekwa esweni nekujoliswe kuyo iya kunikwa ngenjongo yokuba isayinelwe kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION". |
5.3 |
Inqununu iya kuzifaka iimpendulo kwikhompyutha. |
5.4 |
ABaphathi beze-IMG baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo luze uxwebhu oluzalisiweyo (completed sheet) lusayinwe ngamaqela omabini. |
5.5 |
Inqununu iya kulusayinela uxwebhu kwi-CEMIS. |
5.6 |
Ikopi enye eliphepha iya kugcinwa nguMphathi weze-IMG ukulungiselela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni. |
5.7 |
UMphathi weze-IMG uya kusayinela kwi-Eduinfosearch. |
6. |
Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weze-IMG. |
7. |
Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:01:10
|
|