1. |
Izikolo zifanele ukuba kungokunje zibe zizigqibile izinto zeprofayili yesikolo (school profile elements) nee-School Improvement Plan (SIP) Action Plans ukulungiselela u-2015 kwikhompyutha. |
2. |
Iziphumo zeemvavanyo zenkqubo yezemfundo (systemic tests) nezeemviwo zika-2014 ziya kufakwa kwisistim (uploaded on the system) ungadlulanga owe-19 Januwari 2015. |
3. |
I-capture screens ziya kuvulelwa izikolo ngowe-21 Januwari 2015. |
4. |
Zifanele ukuhlaziywa ngokupheleleyo izicwangciso kuyo yonke into yaye mazisayinelwe zizikolo ungadlulanga owe-30 Januwari 2015. |
5. |
Isistim emva koko iya kuhlala ivuliwe de kube ngumhla wokugqibela wokuvalwa kwayo ngowe-13 Februwari 2015 ukuvumela ukwenziwa kwezilungiso kwizicwangciso (adjustments) emva kokuqwalaselwa kwazo ngabaphathi beze-IMG. |
6. |
Izikolo zifanele ukunika ingqwalasela eyodwa isicwangciso i-Academic Performance Improvement Plan. |
7. |
Kubalulekile ukuba ii-academic targets zisekelwe kwinani labafundi kungabi kwiipesenti kuphela. Ukwenzela ukuncedisa kule nkqubo, i-online SIP for 2015 yenziwe ukuba isebenze (has been set up) ukwenzela ukuba xa izikolo zifaka u-PERCENTAGE PASS othagethiweyo, iNANI labafundi elingqinelana noko (corresponding NUMBER of learners), livele ngokuzenzekelayo kwikholam efanelekileyo. |
8. |
Ukufakwa kwedatha ka-2014 kuya kubandakanya i-School Annual Report kwisicwangciso sika-2014. |
10. |
Sakuba sisayinelwe okokuqqibela isicwangciso, izikolo zifanele ukuprinta ikopi efanele ukusayinwa nguSihlalo weSGB, yiNqununu, nanguMphathi weze-IMG ochaphazelekayo. Iikopi zifanele ukugcinwa ngawo onke amaqela achaphazelekayo. |
11. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
12. |
Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu ekuphuculeni umgangatho wemfundo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:01:10
|
|