1. Ukuzaliswa kweemakhishithi ze-SBA, ezePAT neze-Language Oral
1.1 Okufakwe apha ziimakhishithi eziveliswe ngekhompyutha ze-SBA, ze-PAT neemvavanyo ze-Language Oral zazo zonke izifundo, ngaphandle kwezi zifundo: Civil Technology, Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology, Music, Unisa Music, Trinity Music, ne-Visual Arts. Iimakhishithi zezi zifundo sele zikhankanyiwe zithunyelwa ngqo kuBacwangcisi bezeKharityhulam aBaKhulu (SCPs) kwaNdlunkulu.
1.2 Iinqununu maziqinisekise ukuba zizifumene zonke iimakhishithi ezifunekayo kwakunye neekhontrolisti ezichanekileyo.
1.3 Kucelwa uqaphele ukuba unikwa ikopi enye kuphela yemakhishithi nganye ukuba izaliswe. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo mazenze iikopi zeemakhishithi emva kokumodareyithwa kwazo yaye zizigcine ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
1.4 Kucelwa uqinisekise ukuba iishedyuli zokumodareyitha zizalisiwe yaye ziya kufumaneka xa zifunwa ngabacebisi ngezekharityhulam (curriculum advisors (CAs)) ngosuku lokumodareyitha. Ootitshala bezifundo mabazalise kuphela amanqaku angekamodareyithwa kwikholam ebhalwe "Mark".
1.5 Kuphela kusemva kokumodareyithwa kokugqibela kwesifundo ngasinye, apho kuya kukhutshelwa ngokuchanekileyo amanqaku amodareyithiweyo ngumcebisi ngezekharityhulam (CA) kwikholam ebhalwe "Mod" kwiimakhishithi ze-SBA.
1.6 Ukuba isikolo sakho sifumana kuphela iimakhishithi eziveliswe ngekhompyutha (computerised mark sheets), emva kokumodareyithwa kwazo, makwenziwe amalungiselelo afunekayo okuzaliswa kweemakhishithi nomcebisi ngezekharityhulam (CA).

2. Ukwabiwa kwamanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral
2.1 Makwabelwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yakhe yoviwo ivelayo kwimakhishithi.
2.2 Oku makwenziwe nakubaviwa:

  • ababegxothiwe okanye ababenqunyanyisiwe okwethutyana esikolweni;
  • abafake izicelo zokutshintsha iziko lokubhalela uviwo;
  • ababengekho esikolweni ithuba elide apha enyakeni;
  • ababengekho ngosuku lokumodareyitha;
  • ababhalisele isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko umz., iziko lobugcisa (art centre); kunye
  • nababhaliswe njengabaviwa abaphindayo/abangesosigxina.
3. Amanqaku angafakwanga (ABaviwa ababengekho nabo bangenawo amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral)
3.1 Ukuba umfundi akaphumeleli ukwenza ikhomponenti okanye iikhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral apha enyakeni, yaye kunikwe izizathu ezibambekayo (valid reasons), umfundi makanikwe elinye ithuba lokuvavanywa kumsebenzi awunikweyo okanye umfundi makathi zingadlulanga iiveki ezintathu phambi kokuqala kweemviwo zokuphela konyaka zokugqibela zebakala elichaphazelekayo, angenise umsebenzi ongafakwanga. Apho kungenakwenzeka oku, amanqaku alo khomponethi ye-SBA, ye-PAT, neye-Language Oral makangathathelwa ngqalelo kuze awona manqaku maninzi, kule meko, abalwe kwakhona kususelwa kwinani eliseleyo lemisebenzi (makujongwe kwiTheyibhile 1).

Itheyibhile 1: Isizathu esibambekayo (Iikhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral yesifundo namanqaku omfundi):

  khompo-nenti 1 khompo-nenti 2 khompo-nenti 3 khompo-nenti 4 khompo-nenti 5 khompo-nenti 6 khompo-nenti 7
Amanqaku aphezulu 5 5 30 20 40 40 40
Umfundi 4 Ayenziwa-nga (Kunikwe isizathu esibambe-kayo) 16 Ayenziwa-nga (Kunikwe isizathu esibambe-kayo) 20 15 12

Amanqaku e-SBA = (4+16+20+15+12)/(5+30+40+40+40)
= 67/155
= 43%
3.2 Ukuba umfundi akaphumeleli ukwenza ikhomponenti okanye iikhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral, kungekho sizathu sibambekayo, umfundi makanikwe uziro ("0") kuloo khomponenti okanye kwezo khomponenti ngokuxhomekeka ekubeni, ukuba zonke iikhomponenti zinikwa uziro ("0"), umfundi uya kufumana amanqaku angaphelelanga, arekhodwe njengongekhoyo (makufundwe iTheyibhile 2). Umfundi uya kunikwa iiveki ezintathu phambi kokuqala koviwo lokuphela konyaka lokugqibela kwibakala elichaphazelekayo, awungenise umsebenzi ongafakwanga.

Itheyibhile 2: Akukho sizathu sibambekayo sinikiweyo (iikhomponenti zesifundo se-SBA, se-PAT neLanguage Oral namanqaku omfundi):

  khompo-nenti 1 khompo-nenti 2 khompo-nenti 3 khompo-nenti 4 khompo-nenti 5 khompo-nenti 6 khompo-nenti 7
Amanqaku aphezulu 5 5 30 20 40 40 40
Umfundi 4 Ayenziwa-nga (Akukho sizathu sibambe-kayo sinikiweyo) 16 Ayenziwa-nga (Akukho sizathu sibambe-kayo sinikiweyo) 20 15 12

Amanqaku e-SBA = 4+0+16+0+20+15+12)/(5+5+30+20+40+40+40)
= 67/180
= 37%
3.3 Kufuneka kugxininiswe oku kulandelayo malunga nokuzaliswa kweemakhishithi (IsiHlomelo A):
3.3.1 Apho umviwa angakhange awagqibe amanqaku kwaphela, kodwa kube kunikwe isizathu esibambekayo, faka "999" kwimakhishithi. Makunikwe ubungqina besizathu (bezizathu) esibambekayo kumcebisi ngezekharityhulam (CA) ngethuba leseshoni yokumodareyitha buze buthunyelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.

Okuthethwa ngu-"999":

  • Umviwa uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) nkqu nokuba amanye amaphepha oviwo abhaliwe.
  • Abaviwa abano-"999" baya kunikwa iinyanga ezi-3 zekhalenda emva kokukhutshwa kweziphumo ukuba bangenise amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral. Ukungaphumeleli ukungenisa amanqaku e-SBA, e-PAT naweLanguage Oral, kwiinyanga ezintathu emva kokukhutshwa kweziphumo, kuya kubangela ukuba umviwa asiphinde isifundo siphela.
3.3.2 Apho umviwa angakhange awagqibe amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral yaye kungekho sizathu sivakalayo sinikiweyo, faka u-"444" kwimakhishithi. Umviwa ololu hlobo uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) yaye kufuneka asiphinde isifundo siphela kubandakanywa ne-SBA, ne-PAT neLanguage Oral kwiimviwo ezilandelayo. Umviwa akanakuzibhala iimviwo zokuxabangela.
3.3.3 Utshintsho kwizifundo olungavunywa luya kuthathwa njengesitenxo. Faka u-"888" kwikholam yamanqaku ("Mark" column), uze ungenise nezizathu ezixhasa oko kunye nefom yesiHlomelo B ezalisiweyo. Iya kuba yiNtloko yeSebe eya kwenza ngokokubona kwayo ngokumalunga neziphumo zomfundi.

4. Abafundi abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva

Abaviwa abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva (candidates with speech and/or hearing barriers) kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku ngokomlinganiselo (pro rata) osusela kumanqaku abawafumeneyo kumsebenzi wabo obhalwayo weemviwo zikaJuni nezikaSeptemba zango-2015.


5. Umsebenzi oluxanduva lweenqununu ngokumalunga nokuzaliswa kweemakhishithi

Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abaviwa ababhala uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kwizikolo zabo bawanikiwe amanqaku afunekayo e-SBA, e-PAT, naweLanguage Oral. Iinqununu maziyisayine imakhishithi emva kokuba izaliswe ngutitshala ukuqinisekisa ukuba kuyathotyelwa okukule ngcaciso imfutshane namanqaku angafakwanga.


6. Umsebenzi oluxanduva lwabacebisi bezifundo ngokumalunga nokumodareyithwa kweemakhishithi

Abacebisi bezifundo banomsebenzi oluxanduva ngokupheleleyo malunga nenkqubo yokumodareyithwa kweekhomponenti zeSBA, zePAT neze-Language Oral kwakunye nokuqinisekisa ukuba iyathotyelwa imigaqo emalunga nokumodareyithwa, ukuzaliswa kweemakhishithi namanqaku angafakwanga.


7. Umhla wokubuyiswa kweemakhishithi

Abaququzeleli bovavanyo mabaqinisekise ukuba iimakhishithi ezizaliswe ngokupheleleyo zifika kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-30 Oktobha 2015.


8. Amanqaku angafakwanga (outstanding) e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral

Ziyacelwa iinqununu ukuba zingathumeli abaviwa abangenawo amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral ngqo kwiSebe leMfundo emva kokukhutshwa kweziphumo. Inkqubo echanekileyo yokuqhagamshelana neSebe leMfundo ngokumalunga namanqaku angafakwanga e-SBA, e-PAT naweLanguage Oral kukuqala kuMcebisi ngezeKharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo.


9. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane inikwa aBaququzeleli beBakala 12 nootitshala babafundi beSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:04

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 44 KB)
"IsiHlomelo B"  (ubukhulu: 46 KB)