ISALANTHISO: | 20150702-944 14/19/3 |
 | IMIBUZO: | MC Hollenbach/MR Martin | IFONI: | 021 467 2960 | IFEKSI: | 021 461 5637 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO: 0007/2015 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINQUNUNU NAKUBAPHATHI BAMAZIKO ALUNGISELELA ABAVIWA IIMVIWO ZENSC, EZESC NEZE-AET LEVEL 4 |
| UQEQESHO OLUNYANZELEKILEYO LWAZO ZONKE IINQUNUNU, ABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO (CHIEF INVIGILATORS), ABAGADI BABAVIWA ABANEQHUZU (SENIOR INVIGILATORS) NAMAGOSA EZITHILI ABATHATHA INXAXHEBA EKUQHUBENI, EKULAWULENI NASEKUPHATHENI IIMVIWO ZENSC, ZESC NEZE-AET LEVEL 4 NGO-2015/16 |
1. |
I-National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate ngumgaqo-nkqubo ofuna ukuba amaSebe eMfundo amaPhondo makaqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwa ngokufanelekileyo ukuba baqhube iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), ezeSatifikethi seMatriki (SC) neze-AET ngokomgaqo-nkqubo okhoyo njengangoku ngo-2015/16. |
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kuqalisa iprogram yoqeqesho yephondo eya kwenziwa kwiphondo liphela ukususela kwi-31 Agasti 2015 ukuya kwi-01 Oktobha 2015 ukuqinisekisa ukuba zonke iinqununu/abaphathi bamaziko, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu bawo onke amaziko okubhalela iimviwo bafumana uqeqesho olufanelekileyo; ngokungakumbi ekusetyenzisweni kweenkqubo zeemviwo ezintsha eziqaliswe ngenjongo yokuphucula ukhuseleko nentembeko yenkqubo yeemviwo. |
3. |
Ukulungiselela u-2015, kunyanzelekile ukuba inqununu/umphathi weziko (umgadi wabaviwa oyintloko), amalungu amabini ekomiti yolawulo lwesikolo (school management team (SMT)), umgadi wabaviwa oneqhuzu kunye namagosa esithili athatha inxaxheba ekuqhubeni, ekulawuleni nasekuphatheni iimviwo zeNSC, eze-SC neze-AET Level 4, baye kwiseshoni yoqeqesho. |
4. |
Iinqununu/abaphathi bamaziko kunye neeSMT zabo baya kunikwa izinto zokuqhuba uqeqesho (training material) kwaye kuya kufuneka badlulisele uqeqesho nengcaciso abayifumeneyo kwabanye kuze kwabelwana ngayo kwiiseshoni zoqeqesho zephondo nabanye abagadi babaviwa. |
5. |
Ukuqaliswa kweenkqubo zeemviwo ezintsha zokuhanjiswa kwamaphepha emibuzo oviwo lweNSC nokulawulwa kweencwadi zeempendulo zoviwo kwenza uqeqesho lube lolunyanzelekileyo kuwo onke amaqela achaphazelekayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kubekho utshintsho olungenazimpazamo xa kutshintshelwa kwinkqubo entsha. |
6. |
Nangona uqeqesho lwalunyanzelekile ngo-2014, kwaqatshelwa yaye kwenziwa ingxelo ngeqela lezenzo zolwaphulo-mthetho, ezokuziphatha ngendlela engeyiyo nezokunganyiseki kwiimviwo zeNSC zango-2014. Oku kukhankanywe apha ngentla kubonisa ngokucacileyo imfuneko yokuqeqeshwa kwabagadi babaviwa neenqununu ukulungiselela iimviwo zeNCS zango-2015, iimviwo zokuXabangela zeNCS zango-2016 (ngoFebhuwari/Matshi 2016) neemviwo zeSC neze-AET Level 4 zangoJuni ngo-2016. |
7. |
Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A nokuthunyelelwayo yishedyuli ebonisa imihla yoqeqesho, amaxesha neendawo zoqeqesho kwisekethe nakwisithili ngasinye. Igosa lesithili, njengoko kubonisiwe kwishedyuli yoqeqesho, liya kuququzelela amalungiselelo okuqhutywa koqeqesho. |
8. |
Kuya kugcinwa irejista yabo bezileyo kuqeqesho kuzo zonke iiseshoni zoqeqesho kwaye ukungezi kwezi seshoni kuya kujongwa ngeliso elibukhali. |
9. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:07:08
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |