ISALANTHISO: | 20150612-356 14/R |
 | IMIBUZO: | A Gietzmann | IFONI: | 021 514 5807 | IFEKSI: | 021 514 5808 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO: 0006/2015 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA-BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUQZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG NAKWIINTLOKO ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE NEZAMAZIKO ZESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI |
Isishwankathelo esifutshane: Inkqubo yokucela ukuprinta kwiiNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu (Reprographic Services)
| IINKQUBO EMAZILANDELWE XA KUCELWA IINKONZO ZOKUPRINTA |
1. |
ICandelo leeNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu (Reprographic Division) zeSebe leMfundo leNtshona Koloni : ULawulo lweeMviwo lise-Alexandra Provincial Office Precinct, eHaven Road yaye libonelela ngezi nkonzo zilandelayo kuwo onke amaqumrhu (entities) karhulumente:
- Ukuprinta iphepha eliyi-A4/A3 nge-inki emnyama nemhlophe (black and white) kunye/okanye ngeyombala (colour), iphepha elinye okanye elimacala mabini (double sided) kwi-50 – 300 gsm paper/board.
- Ukugqitywa koxwebhu (Finishing): Iziteyiplizi (staples) ezi-2, kwifomathi engu-A5 okanye kwincwadana i-A4 booklet, ukuvula imingxuma (hole punching), ukuwadibanisa nge-ring ne-glue binding.
|
2. |
Ukuqinisekisa inkonzo eyimpumelelo nesebenzayo, le nkqubo ilandelayo mayilandelwe xa kucelwa iinkonzo zokufotokopa nokuvelisa amaxwebhu kwiCandelo leeNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu: |
2.1 |
IiNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaxwebhu mazicelwe kwifom yokwenza isicelo efanelekileyo (IsiHlomelo A). |
2.2 |
Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayigunyaziswe ligosa lesikhundla esingekho ngaphantsi kwesoMlawuli oNcedisayo (Assistant Director) okanye esilingana neso. |
2.3 |
Abenzi-zicelo mabaqinisekise ukuba bayazizalisa iinkcukacha ii-debt transaction details (BAS Allocation) neenkcukacha zokuprinta kwifom - Request for Printing Form. |
2.4 |
Nceda uqhakamshelane neNkonzo zokuFotokopa phambi kokuba amaxwebhu asiwe kwindawo yokuFotokopa ukwenzela ukuba isicelo sakho sokufotokopa/sokuprinta samkeleke |
2.5 |
Iform Request for Printing Form (IsiHlomelo A) mayingeniswe kwikopi eliphepha (hard copy) kwigosa elikwiiNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu. |
2.6 |
Amaxwebhu aza kufotokotshwa makangeniswe e-Maitland complex okanye athunyelwe nge-imeyili kwezi dilesi zidweliswe apha ngezantsi. |
2.7 |
Ukuba ifayili inkulu kune-20 MB ifanele ukubhalwa phantsi kodidi olufanelekileyo lwamaxwebhu (suitable media) ize isiwe ngesandla kwi-Maitland complex. |
2.8 |
Kwakuba kugqitywe lo msebenzi, igosa leeNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu liya kuqhagamshelana negosa ebelenze irikhwizishini ngefoni okanye nge-imeyili, lisebenzisa ingcaciso efumaneka kule fom yerikhwizishini (requisition form). |
2.9 |
Igosa ebelenze irhikhwizishini malenze amalungiselelo okuthathwa kwalo maxwebhu aprintiweyo (printed material) kwiCandelo leeNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu e-Maitland. |
2.10 |
ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kwenza amalungiselelo okutsala intlawulo kulo bhajethi ichaphazelekayo. |
3. |
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zala magosa achaphazelekayo zezi:
|
4. |
Idilesi yendawo yokuhlala yeCandelo leeNkonzo zokuFotokopa nokuVelisa amaXwebhu eMaitland yile:
Alexandra Provincial Office Precinct Haven Road MAITLAND 7405 |
5. |
Le setyhula ihlaziyiwe ngako oko iyitshitshisa ngokupheleleyo iSetyhula 0161/2000. |
6. |
Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula kuwo onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:06:23
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |