1. Ngokomyalelo weSebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE), ingcaciso yabafundi bamaBakala 10 - 12 mayirekhodwe kwi-National Examination System..

2. Oku kuthetha ukuba ingcaciso engabafundi ekwiCEMIS iya kutsalwa (extracted) yaye ikhutshelwe (transferred) kwi-National Examination System ukulungiselela iinjongo zeemviwo. Onke amaphepha emibuzo namaxwebhu anxulumene neemviwo aya kupakishwa yaye ahanjiswe kuzo zonke izikolo ngokwedatha yeCEMIS esayinelwe ziinqununu.

3. Izikolo zinethuba lokwenza izilungiso kwiinkcukacha zabafundi bazo (ngaphandle kwezilungiso zezifundo) kwiCEMIS. Ukusebenza kwesistim (functionality) kuvuliwe kwiCEMIS ukulungiselela izikolo ukuba zenze ezi zilungiso.

4. Eli iya kuba lithuba lokugqibela lezikolo ukuba zenze naziphi na izilungiso kwiinkcukacha zabafundi bazo bamaBakala 10-12 phambi kokuba idatha ikhutshelwe (transferred) kwi-National Examination System.

5. Iinqununu mazizingqinisise yaye zizisayinele iinkcukacha zobhaliso zabafundi bazo bamaBakala 12 engadlulanga uLwesihlanu we-19 Juni 2015 kunye nezamaBakala 10-11 engadlulanga uLwesihlanu we-31 Julayi 2015

6. Ukungqinisiswa kweenkcukacha zabafundi
6.1 Makutshekishwe upelo lwamagama apheleleyo neefani. Amagama afanele ukufana nalawo akuxwebhu lwesazisi somfundi (learner's identity document).
6.2 Inombolo yesazisi (identity number) yomfundi licandelo elinyanzelekileyo (compulsory field) njengoko i-National Examination System ingabamkeliyo (rejects) abafundi abangenazo iinombolo zezazisi (identity numbers). Abafundi abangenazo iinombolo zezazisi (identity numbers) abayi kusifumana iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Ngako oko, kubalulekile ukuba bonke abaviwa bafake izicelo zamaxwebhu ezazisi zabo kwiBakala 10.
6.3 Inombolo yeselula licandelo elinyanzelekileyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lisebenzisa iinkonzo ze-SMS ukunxulumana nabafundi ngemiyalezo ebalulekileyo. Kucelwa uqinisekise ukuba iinombolo zeeselula zabafundi beBakala 12 zichanekile yaye ziyaseb.

7. Inkqubo emayilandelwe ukwenza izilungiso kwiinkcukacha zabafundi kwiCEMIS
7.1 Landela imiyalelo ecacileyo kwiCEMIS emalunga nokuba itsalwa njani na ifayili kwelo bakala neklasi ethile.
7.2 Bonke abafundi mabazingqinisise iinkcukacha zabo yaye basaziyinele ukuba bazitshekishile.
7.3 Iimpazamo mazixelwe kwifom yaye mazilungiswe ngumlawuli weCEMIS wesikolo.
7.4 Emva kokuba kwenziwe izilungiso, ezi fom mazisayinwe yinqununu yaye mazisayinelwe kwiCEMIS. Makwenziwe ikopi yezi fom zisayiniweyo. Ikopi eyintsusa mayigcinwe esikolweni ukwenzela iinjongo zeerekhodi zesikolo. Iikopi mazithunyelwe kwaba:

AmaBakala 10-11 Ii-ofisi zeZithili zeMfundo
IBakala 12 KwaNdlunkulu
  Umntu ekuqhagamshe-lwana naye kwaNdlunkulu Iinombolo zoqhagamshe-lwano I-imeyili
ISithili i-Cape Winelands Lindsay Weber 021 467 2732 Lindsay.Weber@westerncape.gov.za
ISithili i-Eden & Central Karoo Samuel Adams 021 467 2978 Samuel.Adams@westerncape.gov.za
ISithili i-West Coast Gail Laguma 021 467 2913 Gail.Laguma@westerncape.gov.za
ISithili i-Overberg Linsay van Gensen 021 467 2911 Linsay.vanGensen@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro Central Farrel Jacobs 021 467 2990 Farrel.Jacobs@westerncape.gov.za
ISithili i-Metropole East Riyad Isaac 021 467 2916 Riyad.Isaac@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro North Johnnie Isaacs 021 467 2974 Johnnie.Isaacs@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro South Margaret Janda 021 467 2275 Margaret.Janda@westerncape.gov.za

8. Kucelwa uqaphele ukuba izikolo aziyi kuvunyelwa ukuba zenze NAZIPHI NA izilungiso zezifundo (subject corrections) kwiCEMIS. Izikolo mazingenise izicelo zamaBakala 10 -12 zokwenziwa kwezilungiso kwizifundo kwizithili zemfundo kunye namaxwebhu axhasayo ayimfuneko afana neshedyuli yokudlulela kwelinye ibakala (progression schedule) ukwenzela u-2014 okanye iripoti yesikolo yomfundi kaNovemba yonyaka ongaphambili (kwimeko yeBakala 10, yiripoti yeKota yokuQala yomfundi ekufuneka ingenisiwe).

9. Kwimeko yomfundi othatha u-Music njengesifundo, uxwebhu oluqhotyoshelweyo, isiHlomelo A – A List of Music candidates, maluzaliswe yaye maluthunyelwe kwii-ofisi ezahlukileyo njengoko kuchaziwe kule theyibhili ingentla (7.4).

10. Le ngcaciso imfutshane mayihanjiswe kubo bonke abaququzeleli bamaBakala 10-12 nakubalawuli beCEMIS.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:06:12

IsiHlomelo A: "List of music candidates"  (ubukhulu: 49 KB)