1. Ukusetyenziswa kootitshala nabantu basekuhlaleni njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zango-2015
1.1 Ngokwemimiselo i-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 37651 ye-16 Meyi 2014, amasebe emfundo amaphondo makatyumbe iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko njengabagadi babaviwa abaziintloko beemviwo zeNSC kunye neemviwo zeSatifikethi seMatriki (SC).
1.2 Iinqununu zezikolo zingawudlulisela lo msebenzi, ngokubhaliweyo, kutitshala oneqhuzu (senior teacher). Nakuba kunjalo, yinqununu yesikolo eya kuba noxanduva ngokupheleleyo kwanokuphendula (will be fully responsible and accountable) ngokubhalwa kwazo zonke iimviwo.
1.3 Inqununu yesikolo okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya makaqinisekise ngokuzaliswa kwazo zonke iimvumelwano, iziHlomelo A – F, kwanokungeniswa kweenombolo zezalathisi zerhafu (tax reference numbers) zomgadi wabaviwa ngamnye, kuqatshelwe ngakumbi isiHlomelo E.
1.4 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) laqalisa ukusebenzisa ootitshala njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC ngo-2011. Izikolo zaziye zaziswa malunga noku kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0009/2010 nakwiSetyhula 0015/2011.
1.5 Amalungiselelo okugada abaviwa kwiimviwo zeNSC zango-2015 ami ngolu hlobo lulandelayo:
1.5.1 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba, kwiseshoni yoviwo nganye, i-50% yabagadi babaviwa bayo ngootitshala ukuze i-50% ibe ngabantu basekuhlaleni.
1.5.2 Umgadi wabaviwa oneqhuzu (senior invigilator), ongumntu wasekuhlaleni, kulindeleke ukuba axhase umgadi wabaviwa oyintloko ekulawuleni nasekubhalweni kweemviwo zeNCS zango-2015. Akuvumelekile phantsi kwazo naziphi iimeko umgadi wabaviwa oneqhuzu athweswe uxanduva olupheleleyo lwayo yonke imisebenzi yezolawulo enxulumene neemviwo zeNCS zango-2015.
1.5.3 Umgadi wabaviwa oneqhuzu makatyunjelwe kwakhona iimviwo zokuxabangela zangoMatshi 2016 zeNSC neemviwo zeSatifikethi seMatriki zangoJune 2016.
1.6 Ootitshala abasebenza njengabagadi babaviwa abamele kufakwa kwisicwangciso sokugada abaviwa iseshoni nganye yoviwo epheleleyo.
1.7 Utitshala onomntwana obhala iimviwo zeNSC esikolweni ekuqeshwe kuso loo titshala, makangatyunjwa njengomgadi wabaviwa.
1.8 Kunyanzelekile ukuba kungabikho titshala ogada abaviwa kwisifundo asifundisayo apho esikolweni, umz. xa kubhalwa i-Physical Sciences, akukho titshala ofundisa i-Physical Sciences uvumelekileyo ukuba makagade abaviwa kolo viwo.
1.9 Inqununu yesikolo mayityumbe ngokubhaliweyo bonke ootitshala abaya kusebenza njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC. Uluhlu lwabo bonke ootitshala nabantu basekuhlaleni abatyunjwe njengabagadi babaviwa malungeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo ungadlulanga uMvulo, we-3 Agasti 2015.
1.10 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba bonke ootitshala nabantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa baqeqeshwe ngokupheleleyo ekwenzeni imisebenzi yabo yokugada abaviwa.
1.11 Uqeqesho lweenqununu zezikolo, abagadi babaviwa abaneqhuzu kunye nabagadi babaviwa abaziintloko luya kwenziwa ngoSeptemba 2015 yaye kunyanzelekile ukuba kuyiwe kulo.
1.12 Iinqununu zezikolo mazenze ithayimthebhile yokugada yabaviwa zize ziyingenise kumphathi wezeIMG ochaphazelekayo ungadlulanga uLwesihlanu, we-21 Agasti 2015. Ithayimthebhile leyo yokugada abaviwa mayibandakanye abagadi babaviwa nabagadi babaviwa bokuphumza abanye (relief invigilators) kwiseshoni yoviwo nganye.
1.13 Ukuba baceliwe, abaphathi bezeIMG baya kunika uncedo ekwenzeni ithayimthebhile yokugada abaviwa.

2. Ukuqeshwa kwabagadi beemviwo zeSatifikethi seMatriki
2.1 Kucelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bagaye abantu abafanelekileyo kubantu basekuhlaleni njengabagadi babaviwa abaneqhuzu nanjengabagadi bezi mviwo zikhankanywe apha ngentla.
2.2 Onke amagama atyunjiweyo abagadi babaviwa makabhalwe kwisiHlomelo A, nekufuneka ukuba angeniswe phambi koLwesithathu, 24 Juni 2015 kumphathi wezeIMG. Umphathi wezeIMG makawavume loo magama atyunjiweyo aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiCandelo loLawulo lweeMviwo lungadlulanga usuku lwango Lwesithathu, 29 Julayi 2015.
2.3 Uluhlu lwamagama abagadi babaviwa abatyunjiweyo malukhatshwe ziikopi eziqinisekisiweyo zesazisi nezifundo ezipasiweyo zomtyunjwa ngamnye (nesifundo esipasiweyo somtyunjwa ngamnye) ezineemfuno ezisezantsi ekufuneka ukuba ibe sisatifikethi seBakala 12 ubuncinane.
2.4 Xa kutyunjwa abagadi babaviwa abaneqhuzu, makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo:
2.4.1 Umphathi wezeIMG makaqhube udliwano-ndlebe buqu naloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko okanye njengomgadi wabaviwa oneqhuzu.
2.4.2 Umphathi wezeIMG makaqiniseke ngezakhono zomtyunjwa ngamnye zokukwazi ukufunda, ukubhala, ukuva ncam nokubona kakuhle, kwanobume bempilo yakhe.
2.4.3 Abenzi-sicelo okanye abantu abatyunjwe njengabagadi babaviwa, abenze isicelo sokuqeshwa isigxina kwenye indawo, kukhethwa ukuba mabanganikwa ngqwalaselo yokuqeshwa njengabagadi babaviwa.

3. Ukutyunjwa okanye ukuvunywa kwabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu
3.1 IsiHlomelo B (Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu) masizaliswe yinqununu okanye ngumphathi weziko size sivunywe ngumphathi wezeIMG. Ikopi yoku mayinikwe ngoko nangoko umntu otyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa komgadi wabaviwa inemiyalelo ebaluleke gqitha. Iikopi eziqinisekisiweyo zesazisi somtyunjwa nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (ubuncinane iBakala 12) maziqhotyoshelwe kwisiHlomelo B.
3.2 Ngethuba lodliwano-ndlebe nomgadi wabaviwa oyintloko okanye nomgadi wabaviwa oneqhuzu otyunjiweyo, umphathi wezeIMG, emva kokuzanelisa ngokuba umntu otyunjiweyo ngonako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makagqithisele isiHlomelo C kulowo utyunjiweyo ukuba asizalise, emva koko kufuneka ifom leyo isayinwe kwakhona ngumphathi wezeIMG.

4. Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa

Inqununu okanye umphathi weziko makavakalise ukuba umtyunjwa ngofanelekileyo (abatyunjwa ngabafanelekileyo) ukwenza imisebenzi yomgadi wabaviwa (yabagadi babaviwa), ekuya kuthi emva koko umphathi wezeIMG abonise ukuba ngaba ukuqeshwa komtyunjwa (kwabatyunjwa) kuya kwamkeleka na. Kufuneka emva koko kuzaliswe isiHlomelo D size sisayinwe ngumgadi wabaviwa (ngabagadi babaviwa).


5. Imvumelwano yokwenza inkonzo

Bonke abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa mabazilungiselele ukungena kwimvumelwano yokwenza inkonzo neWCED ngokumalunga nemisebenzi kunye noxanduva lwabo (responsibilities) ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. Le mvumelwano iya kusebenza ngokusemthethweni (will be valid) kwiimviwo zikaNovemba 2015, Matshi 2016 nezikaJuni – Julayi 2016.


6. Ukungeniswa kweefom zokutyumba amagama
6.1 Emva kokuzaliswa kwefom zokutyumba amagama abagadi babaviwa, umphathi wezeIMG makangenise ngokukhawuleza iziHlomelo A, B, C, D, E no-F, kumagosa eCandelo loLawulo lweeMviwo achaphazelekayo njengoko adwelisiweyo apha ngezantsi lungadlulanga usuku lwango Lwesithathu, 29 Julayi 2015 (njengoko kumiselweyo kumhlathi 2.2):

ISithili Emakuqhamshelwane naye Inombolo yeFoni I-imeyili
Cape Winelands Lindsay Weber 021 467 2732 Lindsay.Weber@westerncape.gov.za
Metropole Central Farrel Jacobs 021 467 2990 Farrel.Jacobs@westerncape.gov.za
Metropole East Riyad Isaac 021 467 2916 Riyad.Isaac@westerncape.gov.za
Metropole North Johnnie Isaacs 021 467 2974 Johnnie.Isaacs@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Samuel Adams 021 467 2914 Samuel.Adams@westerncape.gov.za
Metropole South Margaret Janda 021 467 2275 Margaret.Janda@westerncape.gov.za
West Coast Gail Laguma 021 467 2913 Gail.Laguma@westerncape.gov.za
Overberg Linsay van Gensen 021 467 2911 Linsay.vanGensen@westerncape.gov.za
6.2 Abaphathi bezeIMG mabaqinisekise ukuba zonke iifom ezizalisiweyo zithunyelwa kwi-ofisi yeCandelo loLawulo lweeMviwo zikwibhetshi enye, ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwinkqubo yokuqesha.
6.3 Kuphela ngabantu ekuvunyiweyo ukuqeshwa kwabo ngumphathi wezeIMG abanokwenza imisebenzi njengabagadi babaviwa. Abagadi babaviwa akuvumelekanga, naphantsi kwazo naziphi iimeko, ukuba baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi inxenye yomsebenzi wabo. Ukuba iimeko ziyamthintela umgadi wabaviwa oyintloko okanye umgadi wabaviwa ukuba asuphavayize uviwo, inqununu okanye umphathi weziko, ngokuthetha-thethana nomphathi wezeIMG, mayenze amalungiselelo okuqeshwa kwebambela kwaye malaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo ngoko nangoko ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zabo zeebhanki kwifom yesiHlomelo E.

7. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabagadi babaviwa
7.1 Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho mntu makaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko, njengomgadi wabaviwa oneqhuzu okanye njengomgadi wabaviwa ukuba:
7.1.1 ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala, okanye ungaphezu kweminyaka eyi-65 ubudala;
7.1.2 usisizalwane.

  • somfundi obhala iimviwo;
  • sikatitshala ofundisa esikolweni okanye sikatitshala olungiselela abaviwa nokuba zeziphi na kwezi mviwo;
7.1.3 esenza nantoni na enxulumene nootitshala nabasebenzi besikolo okanye kwihostele ekuhlala kuyo abafundi besikolo esithile; okanye
7.1.4 ungumyeni okanye inkosikazi okanye usisizalwane somgadi wabaviwa oyintloko.
7.2 Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 kwiseshoni yoviwo, iWCED ikulungele ukuqesha umgadi wabaviwa omnye kubaviwa abayi-30 abongezelelweyo, okanye inxenye yeli nani, kuloo seshoni, okanye umgadi wabaviwa omnye kwigumbi ngalinye ekubhalela kulo abaviwa, phantsi komqathango wokuba amagumbi asetyenziswe ngokupheleleyo azala phambi kokuba kusetyenziswe igumbi elongezelelweyo.
7.3 Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini ilelona nani lisezantsi), ziya kwanela iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye. Kwimeko enjengale, umgadi wabaviwa oyintloko okanye oneqhuzu akasayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa xa kufuneka ekhaphe umviwa onikwe imvume yokuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yemfuno engxamisekileyo.
7.4 Xa zifuneka iinkonzo zabagadi babaviwa abongezelelweyo ukulawula amagumbi okubhalela iimviwo amabini okanye nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akasayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, kodwa kuya kufuneka ukuba ancedise ukwenza imisebenzi kula magumbi.
7.5 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa mababe namabanga emfundo apasiweyo elinye lawo yimfuneko eyeyona isezantsi yesiqiniseko semfundo seBakala 12 (sebanga leMatriki).
7.6 Ukuba bonke abaviwa ngamadoda, umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa mababe ngamadoda. Ukuba bonke abaviwa ngamabhinqa, umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa mababe ngamabhinqa. Ukuba abaviwa ngamadoda namabhinqa yaye umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu oyindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa makabe libhinqa, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko libhinqa, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa makabe ngoyindoda.
7.7 Le mizekelo ilandelayo ibonisa inani labagadi babaviwa abanokuqeshwa.

Inani labaviwa Inani labagadi babaviwa abaziintloko Inani labagadi babaviwa
1 - 30 1 1
31 - 60 1 2
61 - 90 1 3
CATN 1 – 10 (Practical) 1 1

Ukuba kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo, makukhawuleziswe kwaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo (funda itheyibhile elapha ngentla).

8. Imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko kunye nabagadi babaviwa
8.1 Imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa ibhaliwe kwisiHlomelo A seemvumelwano zokwenza inkonzo zabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa. Le misebenzi mayenziwe ngokwanelisayo ngethuba lokubhalwa kweemviwo.
8.2 Abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu kunyanzekile ukuba ukuba beze kuqeqesho lokugada abaviwa lweWCED.
8.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba bavunyelwe ukungena kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo. Bonke abagadi babaviwa mabasayine irejista yokuza kuqeqesho, engqina ukuba balufumene uqeqesho oluyimfuneko.
8.4 Abagadi babaviwa mabangabashiyi abaviwa bengagadwanga (unsupervised) ngethuba lokuqhutywa kweseshoni yoviwo.
8.5 Abagadi babaviwa mabangabancedisi abaviwa kuzo naziphi izenzo ezitenxileyo ngethuba lokubhalwa koviwo. IWCED ayisayi kulibazisa ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho kuye nawuphi umgadi wabaviwa ofunyenwe enetyala lokubandakanyeka kwisitenxo.
8.6 Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa ngabanye kubo mabaphathe izazisi zabo, irekhodi yezifundo zakutshanje ezipasiweyo (ubuncinane iBakala 12) neemvumelwano zengqesho ngalo lonke ithuba xa kubhalwa iimviwo.
8.7 Phambi kokuqala kweemviwo, umgadi wabaviwa oyintloko ngamnye makaqinisekise ukuba indawo ekubhalelwa kuyo uviwo ilungiselelwe ngokufanelekileyo ukubhalwa kweemviwo.

9. Ukuqeqeshwa kwabagadi babaviwa
9.1 Umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oneqhuzu mabaxelelwe ukuba banyanzelekile ukuza kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi babaviwa.
9.2 Umgadi wabaviwa oyintloko uya kuthi emva koko athweswe uxanduva lokuqeqesha abagadi babaviwa abongezelelweyo.
9.3 Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama oyi-75km ukusuka esikolweni okanye kwiziko apho uqeqesho luya kuqhubeka khona, baya kuhlawulelwa iseshoni ibe nye eyongezelelweyo.
9.4 Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama ongaphezulu kwe-75 km ukusuka kwindawo yoqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo.

10. Ukuhlawulwa kwabagadi babaviwa
10.1 IWCED iya kuqesha ize ihlawule abagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni ngokungqinelana nemigqaliselo yePersonnel Administration Measures (PAM).
10.2 Izikolo ezizimeleyo, iikholeji neentolongo luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo. Nangona abagadi babaviwa bala maziko bengahlawulwa yiWCED, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji nezeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iifom zokuvuma ukutyunjwa, iziHlomelo C no-D zize zizibuyisele kwiSebe leMfundo.
10.3 Abasebenzi abangoomabhalana nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe leMfundo nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa liSebe leMfundo ngemisebenzi yabo yokugada abaviwa abayenzileyo.
10.4 Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa ngoku (esengatshintsha) yi-R182,57 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oneqhuzu ize ibe yi-R121,71 ngeseshoni kumgadi wabaviwa.
10.5 Abagadi babaviwa abayi kuhlawulwa naphantsi kwazo naziphi iimeko ngeendleko zehambo. Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke, mabaqeshe abagadi babaviwa kubantu basekuhlaleni abafumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko.
10.6 Imimiselo (IRP 10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu abaqeshwe ngokungesosigxina mayitsalelwe irhafu ye-25%. ISebe leMfundo liya kuthi, ngoko ke, litsale i-25% kwizixa zentlawulo yabagadi babaviwa ngeenkonzo abazenzileyo. Ngoko ke, ukungeniswa komyalelo werhafu yabaqeshwa (tax directive) (IRP 3) akusasebenzi.

Abagadi babaviwa abafanele ukuxolelwa okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi emva kokuba befumene izatifikethi ze-IRP 5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yomvuzo liSebe leMfundo), bazingenise kwi-ofisi yabo yeReceiver of Revenue ekufutshane nabo, kwakunye nefom emiselweyo i-IT 12S.

Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates, zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngoJuni noJulayi wonyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo.

Umzekelo:

Igosa elityunjiweyo Inani leeseshoni Intlawulo Intlawulo engekatsalelwa rhafu Irhafu ye-25% Intlawulo etsalelwe irhafu
Umgadi wabaviwa oneqhuzu 12 R182,57 R2 190,84 R547,71 R1 643,13
Umgadi wabaviwa 12 R121,71 R1 460,52 R365,13 R1 095,39
10.7 Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ukuba ngamnye umgadi wabaviwa oneqhuzu nomgadi wabaviwa abhale inombolo yesazisi (identity number) yakhe kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo. IsiHlomelo E ekubhalwe kuso kwakhona isalathisi senombolo yerhafu masizaliswe ngabo bonke abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni. Le fom mayizaliswe ize iqinisekiswe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki ingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo.

11. Imisebenzi yenqununu okanye yomphathi weziko lokubhalela uviwo
11.1 Lusemagxeni enqununu yesikolo okanye umphathi weziko lokubhalela uviwo, uxanduva lokuphendula ngolawulo olufanelekileyo lokubhalwa kweemviwo kuloo ndawo zibhalelwa kuyo.
11.2 Inqununu okanye umphathi weziko makaqinisekise ukuba amaphepha emibuzo eemviwo agcinwa ngokukhuselekileyo nangendlela ecwangciswe kakuhle ngokulandelelanayo kwigumbi elinqatyisiweyo, nokuba iindawo zokubhalela iimviwo zifanelekile, kwanokuqinisekisa ukuba abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu kunye nabagadi babaviwa baqeqeshwe ngokufanelekileyo.
11.3 Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bathi, ngokuthetha-thethana nomphathi wezeIMG, baqinisekise ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo ukuqinisekisa ukuba abaviwa abaphazamiseki ngethuba leeseshoni zokubhalwa kweemviwo.

12. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa inqununu okanye umphathi weziko, lowo udluliselwe amagunya ongumgadi wabaviwa oneqhuzu kunye nomgadi wabaviwa owongezelelweyo ngamnye.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:06:11

"Contract of temporary employment for community members"  (ubukhulu: 54 KB)
IsiHlomelo A & B: "Terms and conditions for the appointment"  (ubukhulu: 103 KB)
IsiHlomelo A - D: "Nomination lists"  (ubukhulu: 66 KB)
IsiHlomelo E: "BAS entity maintenance"  (ubukhulu: 52 KB)
IsiHlomelo F: UKUQINISEKISWA KOKUFUMANEKA KWENGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO: 0000/2015  (ubukhulu: 22 KB)