Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  45122
14/3/2
IMIBUZO:   M Combrink    IFONI:   021 467 2942  IFEKSI:   021 461 5637

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO:  0003/2015


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA-BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA AZIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO OKUBHALELA IIMVIWO KARHULUMENTE NAZIMELEYO


 

UKUTYELELWA KWEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NEZIKOLO EZIZIMELEYO


1. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) kwintlanganiso eyayibanjwe ngowe-13 Februwari 2015, labhengeza ukuba amaziko okubhalela iimviwo karhulumente nalawo azimeleyo (public and independent examination centres) amele ukuhlolwa ngamathuba athile (periodic evaluation) noluthi lwenziwe lisebe lemfundo lephondo.
2. Apho kukho ukungathotyelwa kwemigaqo yokuziphatha okuphinda-phindayo ngethuba loviwo, iziko liya kuphulukana nobume bokuba liziko lokubhalela uviwo (examination status).
3. Igosa elivela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhagamshelana nezikolo ukwenza amalungiselelo omhla nexesha lotyelelo lokuhlolwa kweefasilithi zeziko zokubhalela iimviwo.
4. Izikolo ziya kutyelelwa ukususela ngo-Apreli 2015 ukuya kuSeptemba 2015.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:27


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe