1. ISebe leMfundo esiSiseko (iDBE) likuhlaziyile ukuqhutywa kweeMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments) (ANA) kumaBakala 7 no-8 ukususela ngo-2015. Oku kuya kuqinisekisa ukuba kunikwa ugxininiso olukhulu kwisigaba esiphakamileyo (senior phase) kwicandelo leMfundo noQeqesho Jikelele (General Education and Training (GET) band)), apho inkqubo ebuthathaka yabafundi kwiimvavanyo ibisoloko iyinto exhalabisayo.

2. I-ANA iya kuqhutywa kuLwimi nakwiMathematika kuwo onke amabakala njengokuba kwakunjalo kwiminyaka edlulileyo. Ukuqhutywa kwe-ANA kucwangciselwe ukuqhubeka phakathi kwe-15-18 Septemba 2015.

3. Ukuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye ufumana iimvavanyo ze-ANA kwibakala elichanekileyo nangolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LoLT), kubalulekile ukuba ukubhaliswa kwabafundi kumaBakala 1-9 kurekhodwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS kuze kuhlaziywe ingcaciso ungadlulanga owe-20 Matshi 2015.

4. Oku kulandelayo kusebenza kubhaliso lwabafundi lwe-ANA, kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, kwizikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente nakwizikolo ezithile zemfundo eneemfuno ezizodwa:
4.1 Umfundi ngamnye kufuneka abhale uvavanyo loLwimi novavanyo lweMathematika.
4.2 Uvavanyo ngalunye luya kuqhutywa ngolwimi lokufunda nokufundisa lomfundi (LoLT).
4.3 Kwimeko yeSigaba esiPhakathi neSigaba esiPhakamileyo (Intermediate and Senior Phases), inqanaba lovavanyo loLwimi malibe linqanaba elifanayo nelo lenqanaba (loLwimi lweeNkobe okanye loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Home Language or First Additional Language) lolo lwimi lufundwayo esikolweni.
4.4 Amanqanaba olwimi eemvavanyo acaciswa ku-4.5 no-4.6 apha ngezantsi.
4.5 Ulwimi lovavanyo kwiSigaba seSiseko (kumaBakala 1 – 3)

KwiSigaba seSiseko, i-ANA iya kuqhutywa kwinqanaba loLwimi lweeNkobe.

Isifundo esifundwayo ULwimi lokufunda nokufundisa (LoLT) Ulwimi lwe-ANA Uvavanyo loLwimi Ulwimi lwe-ANA Uvavanyo lweMathematika
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe IsiXhosa IsiXhosa uLwimi lweeNkobe IsiXhosa
Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi
IsiSuthu uLwimi lweeNkobe IsiSuthu IsiSuthu uLwimi lweeNkobe IsiSuthu
4.6 Ulwimi lovavanyo kumaBakala 4 - 9

Abafundi kumaBakala 4 – 9 baya kuvavanywa nokuba kungesiNgesi okanye ngesi-Afrikansi (nokuba kukwinqanaba loLwimi lweeNkobe okanye iNqanaba loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo) njengoko kucacisiwe apha ngezantsi:

Isifundo soLwimi lweeNkobe esifundwayo Isifundo soLwimi lokuQala oloNgezelelweyo esifundwayo ULwimi lokufunda nokufundisa (LoLT) Ulwimi lwe-ANA Uvavanyo loLwimi Ulwimi lwe-ANA Uvavanyo lweMathematika
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiXhosa uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi
Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi
Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo Isi-Afri
4.7 Ukungqinisisa ukuchaneka kweetotali zabafundi ne-LoLT kwibakala ngalinye, loga kwi-CEMIS uze uye ku-"Assessments".
4.7.1 Khetha i-tab i-"ANA 2015", uklikhe kwi-"LoLT report".
4.7.2 Tshekisha ukuchaneka kwamanani abafundi ne-LoLT ebonisiweyo kubafundi ababhala iimvavanyo zoLwimi nezeMathematika. Yenza izilungiso eziyimfuneko kwi-LoLT sheet. Yakuba ilungisiwe i-LoLT sheet, izinto ezitshintshiweyo ziseyivwa ngokuzenzekelayo (automatically saved).
4.7.3 Ikhasi lokusayinela (sign-off page) ingxelo ye-LoLT lifumaneka ngokukhetha u-"ANA Print Statistics" phantsi ko-"ANA 2015" kwimenyu ye-"Assessment". Faka ekhompyutheni igama leNqununu nefani kwanomhla kwibloko ye-"sign off details" uze uklikhe ku-"submit details" ukusayinela ingxelo ye-LoLT yesikolo sakho.
4.7.4 Khetha u-"Print Details" ukuprinta ikhasi elizalisiwe ngokupheleleyo lokusayinela oku (completed signed off sheet) uze ungenise ikopi yengxelo ye-LoLT esayinelweyo kumququzeleli wovavanyo kwisithili sakho semfundo, njengoko kubonisiweyo kule theyibhili ingezantsi, engadlulanga uLwesihlanu we-27 Matshi 2015:

Isithili semfundo Umququzeleli wovavanyo Inombolo yeFoni I-imeyili
ISithili iCape Winelands Nks Monica Stanley 023 348 4655 Monica.Stanley@westerncape.gov.za
ISithili iMetro East Nks Geraldine Kirchner 021 900 7029 Geraldine.Kirchner@westerncape.gov.za
ISithili iMetropole Central Mnu Johann Afrika 021 514 6970 Johann.Afrika@westerncape.gov.za
ISithili iMetropole North Mnu Gladstone Foster 021 938 3027 Gladstone.Foster@westerncape.gov.za
ISithili iMetropole South Nks Bridget Tobin 021 370 2059 Bridget.Tobin@westerncape.gov.za
ISithili iOverberg Mnu Trevor de Bruyn 028 214 7364 Trevor.DeBruyn@westerncape.gov.za
ISithili seWest Coast Nks Gail Ahrends 021 860 1568 Gail.Ahrends@westerncape.gov.za
ISithili i-Eden & Central Karoo Nks Lenise Hendricks 044 803 8316 Lenise.Hendricks@westerncape.gov.za

5. Inkqubo yokwenza izicelo zeminyinyiva (process for concessions) nezeemvavanyo ezitshintshwe apha naphaya zabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo
5.1 Kubafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo ezintsha nezingabhalwanga phantsi (new and undocumented special educational needs), inqununu mayingenise isicelo kwisithili semfundo kuMcebisi weMfundo eneemfuno ezizodwa, noya kuqwalasela ezi zicelo. Izicelo zeminyinyiva (umzekelo, ixesha elongezelelweyo), ziya kuqwalaselwa kuphela xa izicelo zabafundi abaneemfuno ezizodwa sele zingqinisisiwe zaza zasingathwa ngamagosa ezithili zemfundo zaza zachazwa kwi-CEMIS. Ziyacelwa izikolo ziqale zazise izithili zemfundo ngeminyinyiva yazo zize emva koko zizilawule ngokwazo ezi zicelo zeminyinyiva esikolweni.
5.2 Iimvavanyo ezitshintshwe apha naphaya (adapted tests) ziyafumaneka kwiBreyili e-uncontracted nakwi-contracted Braille yabafundi abangaboniyo, nangefonti eyenziwe nkulu ukwenzela abafundi abanorhatyazo (partially sighted) namaphepha atshintshwe apha naphaya kunye nee-audio CD zabafundi abangevayo. Kuphela ngabafundi abasele bevavanyiwe ligosa lezonyango elingqiniweyo (certified medical officer) njengabafundi abafuna kwenziwe utshintsho apha naphaya kwiimvavanyo nabasele belufumene olo tshintsho apha naphaya ekubhaleni kwabo iimvavanyo eziqhelekileyo, abafanelekileyo kolu tshintsho lweemvavanyo ze-ANA apha naphaya.
5.3 Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezinabafundi abafuna iimvavanyo ezitshintshiweyo apha naphaya, mazizibonise iimfuno zokutshintshwa apha naphaya kweemvavanyo zabafundi kwi-CEMIS nakwisiHlomelo A.
5.4 Kucelwa uqaphele ukuba njengoko ukutshintshwa apha naphaya kweemvavanyo (adaptations) kulawulwa liSebe leMfundo esiSiseko, AKUKHO zicelo zizezinye zokutshintshwa apha naphaya kweemvavanyo ziya kwamkelwa emva komhla osikiweyo we-27 Matshi 2015.

6. Ubhaliso lwabafundi kwizikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali
6.1 IMimiselo neMigangatho kaZwelonke yoLwabiwo-mali lweZikolo efakelwe izilungiso (kwiGazethi kaRhulumente 33973, iSaziso 48, siqhotyoshelwe) ibonisa ukuba iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (ANA) zeBakala 3 okanye ezeBakala 6 ziya kusetyenziselwa ukulinganisela amanqanaba okuphumelela kwabafundi kwizikolo ezizimeleyo ezikufaneleyo ukufumana inkxaso-mali.
6.2 Zonke izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente ezifundisa iBakala 3 okanye iBakala 6 ziyacelwa ukuba zibhale i-ANA. I-ANA iya kubhalwa nokuba ibhalwa ngabafundi beBakala 3 okanye abeBakala 6 kwezi zikolo nokuba kukweliphi na ibakala eliphezulu kula mabakala mabini afundiswayo esikolweni.
6.3 Ezi zikolo zizimeleyo zixhaswa ngemali ngurhulumente mazilandele ngqo imigqaliselo njengoko icaciswe kumhlathi 4.1 – 4.7 ukungqinisisa amanani abafundi ne-LoLT yabafundi abaqatshelelwe ukubhala i-ANA nangokungqinelana nomhlathi 5, mazibonise imfuno yokutshintshwa apha naphaya kweemvavanyo neminyinyiva ukulungiselela aba bafundi.

7. Ubhaliso lwabafundi kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa
7.1 Kuphela ngabafundi abafanelekileyo ngokweminyaka yobudala nangokwebakala kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezifundisa iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) abaya kubhala i-ANA.
7.2 Ziyacelwa iinqununu zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ukuba zikungqininise ukuthatha inxaxheba kwezikolo zazo kwiimvavanyo ze-ANA nge-imeyili eya kuBaququzeleli boVavanyo babo ekupheleni kukaFebruwari 2015.
7.3 Izikolo ezithatha inxaxheba maziqinisekise ukuba iirekhodi zabafundi bazo (eze-LoLT, i-HL, ne-FAL, ezeklasi, ibakala nokhubazeko) zichanekile yaye zihlaziyiwe.
7.4 Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa mazizalise onke la manyathelo alandelayo ukubhalisa abafundi abaya kubhala iimvavanyo ze-ANA:

  1. Loga kwi-CEMIS;
  2. Yiya ku-"Assessments" no-"ANA 2015";
  3. Khetha u-"SNE ANA learners";
  4. Klikha ku-"Manage My Learners";
  5. Khetha ibakala uze uklikhe ku-submit;
  6. Khetha kuphela ibakala nabafundi bobudala obufanelekileyo ngokwekharityhulam yaye ubaSEYIVE abafundi (SAVE learners);
  7. Klikha ku-"Learner Summary" ukubona ingxelo eshwankathelweyo (summarised report) yabafundi abathatha inxaxheba; kunye
  8. Nokufumaneka ko-Sign off phantsi ko-"Assessments" / "ANA printing statistics".
7.5 Zakuba zitshekishiwe ii-printing statistics zaza zangqinisiswa, sayinela idatha kwi-CEMIS, yiprinte uze usayine ikopi yedatha esayinelweyo, uze ungenise le ngcaciso kubaququzeleli bovavanyo abakwizithili zemfundo ungadlulanga uLwesihlanu, we-27 Matshi 2015.

8. Akukho mvavanyo ze-ANA zongezelelweyo ziya kunikwa izikolo ukuba azizihlaziyanga zize zizisayinele iidatha zazo ze-ANA.

9. Kucelwa amagosa ezithili zemfundo neenqununu ukuba bakuthathele ingqalelo okukule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:17

isiHlomelo A: "Application for adapted question papers for ANA grades 1 to 9"  (ubukhulu: 90 KB)
"Government Gazette 33973 - Notice 48"  (ubukhulu: 166 KB)