1. IMfunalwazi i-SA Mathematics Challenge yabafundi bamaBakala 4 -7 iququzelewa yi-South African Mathematics Foundation (SAMF) isebenzisana ne-Association for Mathematics Education of South Africa (AMESA) yaye ixhaswa ngemali yi-SASOL Foundation.

2. Injongo yale Mfuna-lwazi kukwenza abafundi bayithande iMathematika nokuphucula umgangatho wokufundisa nokufunda esi sifundo. IMfunalwazi ayilo vavanyo lwezemfundo, kodwa ivavanya ulwazi ngeekhonsepthi, usetyenziso lolwazi kwiimeko ezintsha, iindlela zokucinga nokusombulula amaqhina ekufundeni imathematika ngokubanzi. Njengoko iMathematika isisifundo emasifundwe ngabo bonke abafundi kwiSigaba seGET, kucetyiswa ukuba bonke abafundi bamaBakala 4 - 7 eNtshona Koloni, baya kuba nethuba lokuthatha inxaxheba kwi-SA Mathematics Challenge nakweminye imisebenzi yeMathematika, ukusenza sibe nomtsalane ngakumbi kubafundi esi sifundo okanye abafundi babenako ukusikhetha kamva kwiSigaba seFET.

3. Ngo-2014 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifake igalelo kwelona nani liphakamileyo labafundi abathatha inxaxheba kuMjikelo wokuQala we-SA Mathematics Challenge kweli lizwe yaye izikolo ziyakhuthazwa kwakhona ukuba zibhalise abafundi bazo bamaBakala 4 – 7 kuMjikelo wokuQala ngo-2015.

4. IMfunalwazi i-SA Mathematics Challenge

  • Kukho iindidi ezimbini zokuthatha inxaxheba - abafundi abanobuchule banokukhetha ukuthatha inxaxheba ngabodwa (ngabanye), lo gama abanye benokukhetha ukusebenza ngababini (izibini).
4.1 UMjikelo wokuQala: NgoLwesine we-21 Meyi 2015

  • Ukuthatha inxaxheba kuMjikelo wokuQala kumahala yaye bonke abafundi banokubhalisa.
  • UMjikelo wokuQala ubhalwa ezikolweni ngowe-21 Meyi 2015. Ixesha elicetyiswayo elithathwayo yiyure enye, kodwa linokuvunyelwa ixesha elingaphezulu kancinane nje.
  • Zonke izikolo ziya kufumana amaphepha emibuzo, imemo, neefom zokurekhoda ingcaciso yeenkcukacha-manani. Kucelwa ukuba isikolo senze iikopi zamaphepha emibuzo abafundi -abafundi abakhuphisana njengesibini (izibini) baya kufumana iphepha lemibuzo elinye nencwadi yeempendulo ukulungiselela ukusombulula amaqhina ngokusebenzisana.
  • Ngenxa yokuba ugxininiso lungayi kuba kwizakhono zokubala kuphela, zivumelekile iikhalityhuleyitha yaye abafundi bafanele ke ngoko ukukhuthazwa beze neekhalityhuleyitha zabo.
  • Ootitshala baya kuwamakisha amaphepha emibuzo ngezo memo zifakiweyo (okanye abafundi banokuwamakisha yaye baxoxe ngawo eklasini).
  • Ootitshala ekugqibeleni baya kuzalisa ifom i-First Round Statistics form nefom i-Final Round Registration form baze bayithumele kumququzeleli wezikolo ezisebenzisanayo/wesekethe/wesithili oya kuthethana ne-SAMF. Abacebisi bezifundo mabathunyelelwe yonke imbalelwano eya kwi-SAMF. Iifom zokubhalisa kunye nedatha yeenkcukacha-manani yoMjikelo 1 kufanele zifike kwi-SAMF ungadlulanga owe-25 Meyi 2015 ukwenzela ukuba ibe nako ukuququzelela uMjikelo wokuGqibela (Final Round).
4.2 UMjikelo wokuGqibela: NgoLwesithathu, we-29 Julayi 2015

  • Abafundi abafumana amanqaku angu-50% (ezili-10 okanye ngaphezulu kweziyi-20) kuMjikelo wokuQala bafanele ukuthatha inxaxheba kuMjikelo wokuGqibela.
  • UMjikelo wokuGqibela ubhalwa ngowe-29 Julayi 2015 kwindawo enokufikeleka kuye wonke umfundi kummandla ngamnye. Umququzeleli wezikolo ezisebenzisanayo/wesekethe/wesithili uya kwenza amalungiselelo endawo, awokugadwa kwabafundi xa bebhala yaye uya kwazisa izikolo ezithatha inxaxheba ngamalungiselelo oMjikelo wokuGqibela ungadlulanga owe-24 Juni 2015 - ngokuxhomekeka ekubeni ifom i-First Round Statistics form nefom i-Final Round Registration form zazingeniswe kwangexesha.
  • Amaphepha emibuzo oMjikelo wokuGqibela neencwadi zeempendulo ezenziwe ngokukhethekileyo (specially designed answer sheets) ziya kuprintwa yi-SAMF zize zihanjiswe ngekhuriya kuzo zonke izikolo ezibhalisiweyo zoMjikelo wokuGqibela. Akukho mfuneko yokuba zimakishwe.
  • Iincwadi zeempendulo ezigqityiweyo ziya kuthathwa yinkampani yekhuriya zize zimakishwe ngekhompyutha (electronically marked) yi-SAMF.
  • Kuphela zizikolo ezibhalisileyo kuMjikelo wokuGqibela (o.k.t. ezingenise iifom zazo zaza zahlawula nemali yokubhalisa eyi-R25 ngomfundi ngamnye) eziya kuvunyelwa zithathe inxaxheba.
5. Iindleko

  • Intlawulo yokubhalisa eyi-R25 ngomfundi ngamnye ibizwa kuMjikelo wokuGqibela (azibandakanywa ii-SASOL schools). Sikhuthaza zonke izikolo ukuba ziyibhatale le mali yokungenela imfunalwazi egameni labafundi bazo. Intlawulo yemali yokungenela imfunalwazi yesikolo echanekileyo kufanele ifike kwi-SAMF ngowe-22 Meyi 2015, nokuba kunge-electronic transfer (kusetyenziswa igama lesikolo njengesalathiso sentlawulo) okanye iyitsheki eyenzelwe ukuhlawula kwi-SAMF.
  • Ukuba umfundi okanye isikolo asinako ukuyihlawula le mali yokungenela kuMjikelo wokuGqibela, isicelo esibhaliweyo senkxaso-mali masithunyelwe kunye nefom i-Final Round Registration form kwi-SAMF.
  • Iintlawulo zokubhalisa mazihlawulwe kule akhawunti yebhanki ilandelayo ye- SAMF:
    ABSA Bank
    Hatfield, Branch code: 632005
    Account no: 4061037913
6. ISebe iWCED liyawathakazelela amalinge ezikolo okubonelela abafundi ngeli thuba lokuthatha inxaxheba kule Mfunalwazi yeMathematika (SA Mathematics Challenge) yaqho ngonyaka yaye liyakholwa ukuba ngokuprekhtiza qho, abafundi baya kubanako ukwenza iMathematika ngobuchule nangokuzithemba okukhulu.

7. Ingcaciso engaphezulu nge-SA Mathematics Challenge, ebandakanywa amaphepha emibuzo ethuba elidlulileyo, inokufunyanwa ngokungena kwiziko lewebhu i-SA Mathematics Challenge website apha: www.samf.ac.za nakwi-www.amesa.org.za/Challenge/Index.htm

8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beMathematika bamaBakala 4-7 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:05:13