Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  47093
13/2/11/6/4
IMIBUZO:   AJ LAMPRECHT / P SMIT / NN NGONDO    IFONI:   021 467 2443/ 2244/ 2588  IFEKSI:   021 467 9369

INGCACISO EMFUTSHANE YEKHARITYHULAM YEGET:  DCG 0008/2015


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZEIMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BEZEGET, KUBACEBISI NGEZIFUNDO BESIGABA ESIPHAKATHI, KUBACEBISI NGEZIFUNDO BESIGABA ESIPHAKAMILEYO NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO EZIZIISEKONDARI


 

ISICWANGCISO SONGENELELO SOKUPHUCULA IZIPHUMO KWIMATHEMATIKA, KULWIMI LWEENKOBE NOLWIMI OLONGEZELELWEYO LOKUQALA LWAMABAKALA 8 NO-9 NGO-2015


1. Le ngcaciso ifanele ukufundwa kunye neNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam yeGET: DCG 0006/2015 ethunyelwe ezikolweni ngomhla wama-28 Apreli 2015.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyithathele ingqalelo imbalelwano ebichaza imihla yokubhalwa koviwo olukumgangatho ofanayo lweeLwimi kunye neMathematika kwizikolo zesiGaba esiPhakamileyo ukuba ingabangela ingxaki nanjengoko izikolo sele zibekele bucala imihla yokubhala iimviwo.
3. Izikolo maziqaphele ukuba ukubhalwa kwezi mviwo akusosinyanzelo, kodwa noxa kunjalo izikolo ziyacetyiswa ukuba zizibhale. Izikolo ezinengxaki nemihla echaziweyo yokubhala zingasebenzisa imihla esekiweyo ezikolweni kodwa ziqinisekise ukuba iiLwimi neMethematika ziya kubhalwa phantsi kweemeko eziya kwenza ubhalo lwazo lugcine umgangatho olungeselelwe zona.
4. Izikolo ezinomdla wokubhala amaphepha eemviwo ezikumgangatho ofanayo kucelwa ukuba zizalise isiHlomelo A seNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam yeGET: DCG 0006/2015 0006/2015.
5. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala beelwimi neMathematika abakwiSigaba esiPhakamileyo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:05:05


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: IPHETSHANA LEMPENDULO  (ubukhulu: 50 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe