1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, libambisene kunye neSouth African History Online, limema zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-2015 National Schools' Oral History Competition for the Nkosi Albert Luthuli Young Historians' Award, eyaqalwa ngo-2005. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yegalelo leSebe leMfundo ekomelezeni ukufunda nokufundisa ezeMbali ezikolweni. ISebe leMfundo likazwelonke liceba ukuba nomnyhadala kazwelonke oya kwandulelwa lukhuphiswano lwamaphondo olumalunga nezihloko ezithile.

2. Ikwayinxalenye yenyathelo leli Sebe eliqhubeka okokoko ukukhuthaza bonke abafundi kuba bayiqonde imbali yaseMzantsi Afrika, kungabi lulwazi nje ngokubanzi lwembali, koko kwakhona bazi ukuqhama kweembali zeendawo abahlala kuzo. Eli lithuba labafundi abatsha lokuba bazuze amava ekufundeni izakhono zophando ezibalulekileyo.

3. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi ukuqalela kwiBakala 8 – 11 nakubo bonke ootitshala beeSayensi zezeNtlalo nakootitshala bezeMbali kwizikolo eziziisekondari.

4. Kucetyiswa abafundi nootitshala ukuba baye kweli ziko lewebhu le-South African History Online www.sahistory.org.za ukufumana ingcaciso ngophando lwezembali yomlomo kunye nakweli ziko lewebhu le-South African History Archives www.saha.org.za

5. Ukhuphiswano lwabafundi

Kuya kufuneka abafundi benze uphando balungiselele inkcazo-ntetho okanye ifilim ebalisa ngokwenzekileyo (documentary film) okanye ividiyo ngesinye sezi zihloko zilandelayo:

5.1 Inkululeko, idemokhrasi kunye nembali yesikolo sam

Indlela isikolo sam esaye sachatshazelwa ngayo lucalu-calulo neenguqu ezenzekayo ukususela ekuqaleni kwedemokhrasi ngo-1994.

5.2 Ibhayografi yezentlalo nezopolitiko yeqhawe okanye yeqhawekazi lendawo endihlala kuyo

Yeyiphi impembelelo abaye bayifumana kuMqulu weNkululeko (Freedom Charter)?

5.3 Ibali lobomi balowo wayesaya kuba yinkokeli yabafundi ngowee-1980

Indlela iingcamango zoMqulu weNkululeko ezaba sisikhokelo ngayo kubo.

5.4 Itshantliziyo lamalungelo esini elikwindawo endihlala kuyo elathatha inxaxheba kwintshukumo yemanyano yabafazi

Indlela iingcamango zoMqulu weNkululeko ezawugcina uphila ngayo umzabalazo wabo.

5.5 Iqhawe okanye iqhawekazi elikwindawo endihlala kuyo elathatha inxaxheba kwimizabalazo yabasebenzi yowee-1980

Ingaba sasithetha ukuthini isaci esithi "kuya kubakho imisebenzi nokhuseleko" kumbutho weentshukumo zabasebenzi ngelo xesha.


6. Kucelwa uqaphele oku kulandelayo:

  • Le projekthi mayisekelwe kuphando lwezembali yomlomo;
  • Abafundi mabancediswe ekukhetheni abantu abaya kwenza udliwano-ndlebe nabo bakhuthazwe kakhulu ekukhetheni abantu abakwindawo abahlala kuyo;
  • Abafundi mabacetyiswe ukuba baqhube udliwano-ndlebe nabantu ubuncinane aba-3 ukuya kwaba-4;
  • Inkqubo yokugweba iya kulinganiselwa ngokomgangatho wophando;
  • Abafundi bangenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yabo ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni;
  • Abafundi mabangenise iphothifoliyo ebonisa wonke umsebenzi wabo wophando.
7. Iikhrayitheriya - Kuya kulindeleka ukuba abafundi benze izinto zibe MBINI:
7.1 Mabenze inkcazo-ntetho yomlomo (yemizuzu eyi-10) okanye bangenise ividiyo ebalisa ngokwenzekileyo (video documentary) yophando lwezembali yomlomo kwiphaneli yabagwebi (injongo asikokuyenza ibe ngumdlalo weqonga okanye isihobe).
7.2 Mabalungise iphothifoliyo ebhaliweyo ekufuneka ibe nezi zinto zilandelayo:
7.2.1 Iiphothifoliyo mazibonise ubungqina bophando. Abafundi bafanele ukwenza udliwano-ndlebe nabahlali baloo ndawo kwaye bafanele ukuba bakwazi ukubonisa ubungqina bodliwano-ndlebe, umzekelo, iileta eziya kwabo benze nabo udliwano-ndlebe, iitranskripthi zodliwano-ndlebe okanye okurekhodwe ngetheyiphu, kunye noluhlu lwemibuzo ebuzwe umntu ebekusenziwa udliwano-ndlebe naye kunye neempendulo - nokuba zibhaliwe okanye zirekhodwe ngetheyiphu.
7.2.2 Udliwano-ndlebe lungaqhutywa yaye lurekhodwe ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
7.2.3 Iiphothifoliyo mazibonise kwakhona ubungqina bokucingisisa kwaye zithathele ingqalelo oku kulandelayo:

  • Abafundi mabacacise ukuba kutheni na bekhethe abo bantu benze udliwano-ndlebe nabo, babonise ulwazi olucace gca lwemeko yezembali yalapho loo mntu wayesebenza khona nokuba ingcaciso yodliwano-ndlebe inxulumana njani nemeko yezembali okanye isinceda njani ukuqonda iziganeko ezichazwayo ngokwendlela esibona ngayo;
  • Abafundi mababandakanye izinto ezibonisa ukucingisisa kwabo (reflection) ngabakufundileyo malunga nokuba nako kwabantu ngabanye ngabanye ukuzisa inguqu eluntwini, noko bakufundileyo bona ngokwabo ngethuba lophando, nangexabiso lomsebenzi wophando lwezembali yomlomo ekusincedeni ukuba siqonde imbali yethu;
  • Kufuneka abafundi babhale yonke imithombo yolwazi abayisebenzisileyo kwiiphothifoliyo zabo. Mazifakwe neebhibliyografi. Baya kohlwaywa qatha ngesenzo sokunyiba umsebenzi womnye umntu bawenze owabo (plagiarism).
8. Iikhrayitheriya zovavanyo lweeprojekthi zophando ngezembali yomlomo (zilungiswe apha naphaya zakuba zithathwe kwi-NCS FET History Subject Assessment Guidelines):

Umhlaba ekuza kufikelelwa kuwo kwiprojekthi yezembali yomlomo
Iiprojekthi zezembali yomlomo zinamacandelwana aliqela:

  • Owona mbuzo uphambili nongundoqo oluza kujoliswa kuwo uphando;
  • Uphando lokwandlalela ukulungiselela udliwano-ndlebe oluza kuqhutywa;
  • Udliwano-ndlebe nokukhutshelwa (transcriptions) kodliwano-ndlebe;
  • Ingxoxo ebhaliweyo engokuba ingcaciso ekudliwano-ndlebe inxulumana njani na nelo thuba;
  • Uvavanyo lodliwano-ndlebe njengemithombo yolwazi yexesha elidlulileyo;
  • (Ukucingisisa okwenzekileyo ekugqibeleni: Ngaba ibe yintoni inzuzo kum mna [mfundi] ngokwenza le projekthi malunga nophuhliso lwam buqu, nolwazi lwam nokuqonda okwakusenzeka ngelo thuba?
    (Oku kungagxininisa kwakhona kweminye imibuzo engqale ngqo, ngokukodwa kwiBakala 10, enjengale: Yeyiphi eyona nto ibaluleke kakhulu oyifundileyo kwiimbali zomlomo? Wakuba uyenzile iprojekthi, yintoni obungathanda ukwazi ngayo nangakumbi?
Omakuqatshelwe: Sebenzisa iikhrayitheriya njengoko zibhaliweyo kwi-asayinimenti yophando. Kunokongezwa ezinye iikhrayitheriya ukwenzela ukuba iikhrayitheriya ezingundoqo zifanele ngakumbi imisebenzi ethile.
Ikhrayitheriyoni 1
Qulunqa imibuzo yeprojekthi
Ikhrayitheriyoni 2
Khetha uze ufumane imithombo ngemithombo yengcaciso
Ikhrayitheriyoni 3
Ulwazi nokuqonda ithuba elichaphazelekayo
Ikhrayitheriyoni 4
Uphando ngezembali kunye nonxibelelwano
Ikhrayitheriyoni 5
Inkcazo-ntetho
Iikhrayitheriya zokuvavanya iprojekthi yezembali yomlomo
Ikhrayitheriyoni 1
Imibuzo yodliwano-ndlebe

  • Imibuzo ibiyileyo efuna iimpendulo ezigabalala ezingajonge siphumo sithile (open-ended);
  • Imibuzo ibifanelekile yaye ize nengcaciso efanelekileyo kowona mbuzo ophambili nongundoqo; yaye
  • Bekukho imibuzo eyaneleyo.
Ikhrayitherioni 2
Abo kwenziwa udliwano-ndlebe nabo

  • Bebefanelekile abantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo; yaye
  • Zinikiwe iinkcukacha zabantu ekwenziwe udliwano-ndlebe nabo.
Ikhrayitheriyoni 3
Amalungiselelo nokucwangcisa

  • Kukho ubungqina bokulungiselela udliwano-ndlebe ngenyameko
  • Kukho ubungqina bokucwangciswa kweprojekthi.
  • Zonke iinowuthsi zamalungiselelo nokucwangcisa zifakiwe kwiprojekthi
Ikhrayitheriyoni 4
Ukunikwa kwengcaciso evela kudliwano-ndlebe

  • Abantu ekwenziwa udliwano-ndlebe nabo bacaciselwa ngeemeko zezembali ezingqongileyo;
  • Zanikwa iimeko ezingqongileyo zokuqonda udliwano-ndlebe;
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yanikwa ngokweemeko zezembali ezingqongileyo;
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yakhutshelwa (transcribed) ngokuchanekileyo (ukuba kwakusetyenziswe itheyiphu rekhoda);
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yacazululwa yaza yacwangciswa ngokuyondeleleneyo (coherently), yabonisa izimvo ezahlukeneyo apho kufanelekileyo oku;
  • Inkcazo-ntetho ngeprojekthi eyenziwa eklasini yayicacile kwaye yenziwa ngempumelelo.
Ikhrayitheriyoni 5
Ukucingisisa obekusenziwa

  • Iikhomenti zibonisa ubunzulu bengcinga ngenkqubo nesiphumo sokwenziweyo.

9. Ukhuphiswano lootitshala
9.1 Ootitshala bezikolo eziziisekondari ezingenela ukhuphiswano kuya kufuneka benze isicwangciso somsebenzi esibonisa indlela ababecwangcise ngayo nabalungiselela ngayo iProjekthi yezeMbali yoMlomo eklasini.
9.2 Kuya kufuneka ukuba utitshala ngamnye enze inkcazo-ntetho (iphothifoliyo yakhe) kwiphaneli yabagwebi kwaye azilungiselele ukubizelwa kwingxoxo yephaneli ngephothifoliyo leyo yakhe.
9.3 Kufuneka ootitshala babandakanye oku kulandelayo kwiphothifoliyo yokhuphiswano:

  • Yaziswa njani iklasi ngokwenziwa kweprojekthi yezembali yomlomo;
  • Abafundi bangavelisa iiphowusta zeziko lezenkcubeko elilifa lethu;
  • Yeyiphi inkcazo eyanikwa abafundi malunga nokukhetha kunye nokuthetha nabo babeza kubuzwa imibuzo yodliwano-ndlebe, nokulungiselela kunye nokuqhuba udliwano-ndlebe kunye nokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo laloo mntu;
  • Loluphi ungenelelo ngoncedo olwenziwa ngootitshala ukuncedisa abafundi ukuba bayigqibe le projekthi;
  • Yintoni utitshala acinga ukuba abafundi bayizuza ekwenzeni kwabo uphando ngezembali yomlomo;
  • Kungafakwa iintlobo ezahlukeneyo zemizekelo yomsebenzi wabafundi.
10. Inkqubo yokugweba yephondo
10.1 Ootitshala mabakhethe abafundi babalungiselele imijikelo yokukhiqa abangaphumelelanga (elimination rounds) kwizithili nakwiphondo, baqinisekise ukuba bonke abafundi abangenele ukhuphiswano bakhona kwaye balulungele ukhuphiswano lwephondo yaye baqinisekise ukuba kukho izithuthi eziyimfuneko zokuya nokubuya kukhuphiswano ezilungisiweyo.
10.2 Kufuneka abafundi bagqibe ukwenza uphando lwabo, iikhweshine zabo, udliwano-ndlebe neetranskripthi zabo kuselithuba elide ngaphambi kokhuphiswano, baqinisekise ukuba bazenzile iiphothifoliyo zabo ezibubungqina, bazigqibile iinkcazo-ntetho zabo, bayakwazi ukuphendula nayiphi na imibuzo emalunga neeprojekthi zabo nophando lwabo kwaye bayakwazi ukucingisisa nokwabelana ngamava abo.
10.3 Inkqubo yokugweba yephondo ukukhetha abafundi abayi-8 nootitshala aba-2 ukuba bangenele ukhuphiswano lukazwelonke iya kuqhubeka nge-22 Agasti 2015. Iindibano noomasifundisane bokulungiselela baya kwenziwa ukuncedisa abafundi ngeeprojekthi zezembali yomlomo zabo. Iindawo zendibano ziya kudluliswa kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zezeNtlalo nezeMbali (Social Sciences and History) kwakuba kuqinisekisiwe ngazo.
10.4 ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke liya kuzihlawula iindleko zohambo nezokulala zabafundi nootitshala abathatha inxaxheba ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke ePitoli ukuqala nge-02 – 05 Oktobha 2015

11. Kuqhotyoshelwe apha ifom yesicelo njengeSihlomelo A.

12. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane noNks N Dodgen kule nombolo yefoni 021 467 9333 okanye kule dilesi ye-imeyili noleen.dodgen@westerncape.gov.za

13. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:23

IsiHlomelo A: "The Nkosi Albert Luthuli oral history competition application form 2015"  (ubukhulu: 42 KB)