1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lixhalabile yinkqubo engancumisiyo kwiMathematika, kuLwimi lweeNkobe nakuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo eNtshona Koloni kuVavanyo loNyaka lukaZwelonke (Annual National Assessment (ANA)) ngo-2014 kwiBakala 9.

2. Iziphumo zephondo zolwimi lokufunda nokufundisa, zibonisa ukuba i-48,7% yabafundi bafumene inqanaba lokupasa elamkelekileyo kuLwimi lweeNkobe lwabo, lo gama kuphela i-24,2% yaye yenjenjalo kuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo lwabo. KwiMathematika kuphela yi-6,2% yabafundi kwiphondo abaye bafikelela kwinqanaba elamkelekileyo kwi-ANA.

3. Khon' ukuze kuphuculwe ezi ziphumo kucetyiswa isicwangciso songenelelo ngoncedo oluzizigaba ezithathu (three-tier intervention plan) omalulandelwe zizikolo. Esi sicwangciso sinenjongo eyodwa yokuphucula iziphumo ze-ANA zeBakala 9 kwizikolo apho ireyithi yokupasa yayinganeno kwe-20% kwiMathematika noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, okanye yanganeno kwe-50% kuLwimi lweeNkobe.

4. Ungenelelo ngoncedo oluzizigaba ezithathu lubandakanya okulandelayo:
4.1 Iprogram yokusebenza edwelisa iinkalo eziphambili ngokobaluleko eziya kufundiswa kwezi zifundo ezihamba namaxwebhu amisela isantya sokufundisa iiLwimi neMathematika (pace setters for Languages & Mathematics) kunye
4.2 Uviwo olukumgangatho ofanayo ngoJuni kwezi zifundo.

5. Kucelwa izikolo ke ngoko ukuba ziqaphele iinkalo eziphambili (isiHlomelo B) ngokobaluleko emazithagethwe zamaBakala 8 no-9 kwezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla ukwenzela ukusombulula iingxaki ezifunyanwa ngabafundi ngethuba leemvavanyo ngokukodwa kwi-ANA.

6. IsiHlomelo B siya kunika ootitshala amaxwebhu okuncedisa isantya amaBakala 8 no-9 sokufunda kwiMathematika. La maxwebhu okuncedisa isantya sokufunda aya kunceda ootitshala ekusebenziseni ixesha elifunekayo ukufundisa iikhonsepthi eziphambili ngokobaluleko kwezi zifundo zikhankanywe apha ngentla.

7. Amaphepha oviwo akumgangatho ofanayo kunye neememoranda zeMathematika, zoLwimi lweeNkobe noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo aya kusetwa liqela leengcali elibandakanya abacebisi ngezekharityhulam kunye nootitshala. Amaphepha emibuzo oviwo aya kusekelwa kwiimfuneko ze-CAPS kwaye ziya kugxininisa ngokukodwa kwiinkalo eziphambili ngobaluleko kwiprogram yokusebenza eqhotyoshelweyo. Injongo yala maphepha emibuzo oviwo yile:

  • ukumisela umgangatho ofanayo wenkqubo yovavanyo;
  • ukubonelela ootitshala ngamanqaku athembakeleyo oviwo afanelekileyo ngoJuni;
  • ukulungiselela abafundi beBakala 9 uvavanyo lwe-ANA ngeKota 3;
  • ukuphucula inkqubo engekho semgangathweni kwizifundo ezikhankanywe ngentla;
  • Ukuseka iziko ledatha yokulandelela abafundi abafumene amanqaku angaphezu ko-50% kwi-ANA.
8. Lo gama ukubhalwa kwamaphepha emibuzo oviwo kuvuleleke kuzo zonke izikolo, izikolo ezifumena amanqaku anganeno komlinganiselo oqingqiweyo obhalwe kwingongoma 3 apha ngentla kofuneka zithathe inxaxheba kule projekthi.

9. Kucelwa ezi zikolo zizalise isiHlomelo C zize zisibuyisele ngokusithumela ngefeksi okanye nge-imeyili kuMququzeleli weGET wesithili sazo ungadlulanga owe-24 Apreli 2015.

10. Amaphepha emibuzo oviwo aya kufakwa kwiziko lewebhu iMoodle yeWCED aze athunyelwe nge-CD kwii-ofisi zezithili ungadlulanga owe-25 Meyi 2015. Izikolo ezithatha inxaxheba ziya kubhala amaphepha emibuzo ahlukeneyo ngezi ntsuku zilandelayo:

Amaphepha emibuzo oviwo akumgangatho ofanayo eeLwimi (HL ne-FAL) nge-3 ne-5 Juni 2015:
10 Juni IBkl 9 IPhepha 2 Uvavanyo-kuqonda nosetyenziso-lwimi 2 h
IBkl 8 IPhepha 2 Uvavanyo-kuqonda, usetyenziso-lwimi noluncwadi
Izikolo mazisetele amaphepha emibuzo eBkl 8 oluncwadi ngaphakathi
2 h
 
12 Juni IBkl 9 IPh 3 Ukubhala: Isincoko & ubhalo lweetranzakshini 1 h
IBkl 8 IPh 3 Ukubhala: Isincoko & ubhalo lweetranzakshini 1 h

Qaphela 1: 8 & 9 IPhepha 1 leBkl 8 & 9 - Amanqaku eorali makavavanywe sisikolo kwiKota 1 no-2
Qaphela 2: IBkl 9 IPhepha 4 – Izikolo mazisete amaphepha emibuzo azo ukuvavanya iintlobo ezahlukeneyo zoluncwadi esezifundiswe kwiKota 1 no-2.

Amaphepha emibuzo oviwo akumgangatho ofanayo eMathematika nge-8 ne-10 Juni 2015:
11 Juni IBkl 8 & 9 IPhepha 1 Number, Algebra 1½ h
 
17 Juni IBkl 8 & 9 IPhepha 2 Shape & Space, Measurement & Gr 8 Data 1½ h


11. Nje ukuba iziphumo zigqitywe ukucazululwa kukhuthazwa ootitshala ukuba banike inkxaso kubafundi ngokunxulumene nezikhewu eziqatshelweyo. Imibuzo ye-ANA mayibandakanywe kwinkqubo yokufunda, ukufundisa kwanokuvavanya apha enyakeni. Mayingabonakali njengomsebenzi ozimele wodwa jwi.

12. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala beelwimi neMathematika abakwiSigaba esiPhakamileyo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:24

isiHlomelo A: IPHETSHANA LEMPENDULO  (ubukhulu: 44 KB)
isiHlomelo B: "Mathematics"  (ubukhulu: 32 KB)
isiHlomelo B: "Languages"  (ubukhulu: 79 KB)