1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lixhalabile kukuba ii-Annual National Assessment (ANA) zango-2014 zibonisa ukuba abafundi bamaBakala 1 – 6 abakaqhubi ngokwamanqanaba awamkelekileyo kuLwimi nakwiMathematika.
2. Ngokumalunga nesiCwangciso soMsebenzi (Action Plan) 2014: Towards the Realisation of Schooling 2025, abafundi kumaBakala 3 no-6 mabaphumelele ngeyona pesenti isezantsi (minimum competency) engu-60% kuLwimi nakwiMathematika ngo-2014. Le theyibhile ingezantsi ibonisa umndilili wepesenti yephondo efunyenwe kwi-Annual National Assessment (ANA)) kuLwimi nakwiMathematika.

IBakala ULwimi lweeNkobe ULwimi lokuQala oloNgezeleweyo IMathematika
3 53.7 % N/A 53.6 %
6 60.4 % 41.8 % 11.9 %
3. Nangona iziphumo zibonisa ukuba abafundi baphumelele ngo-60% ongumyinge oyiavareji eyeyona isezantsi kwiBakala 6 kuLwimi lweeNkobe, kusekho amathuba okuwuphucula lo mgangatho njengoko ithagethi ka-2019 ngokwesi sicwangciso somsebenzi singentla, ikukuba bonke abafundi kula maBakala mabaphumelele ngo-75% oyeyona pesenti isezantsi kuLwimi nakwiMathematika.
4. Ngenxa yoku, lugqityiwe ucazululo lweziphumo yaye kucetyiswa izikolo ngesicwangciso songenelelo ngoncedo esidwelisa iinkalo eziyiprayorithi ephambili kuLwimi nakwiMathematika nemazilandelwe zizikolo ukususela kwiKota 2.
5. Ziyacelwa izikolo ngoko ke ukuba ziziqwalasele iinkalo eziyiprayorithi ephambili ekufuneka zithagethiwe kumaBakala 1-6 kwezi zifundo zikhankanywe apha ngentla ukwenzela ukujongana neengxaki abafundi abazifumanayo ngethuba leemvavanyo ze-ANA nezeNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED.
6. IsiHlomelo A sinika inkcazo ngeenkalo eziyiprayorithi eziza komelezwa kumalungiselelo eemvavanyo ze-ANA nezeNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED ngo-2015. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba banike inkxaso abafundi ngokumalunga nemisantsa eqatshelweyo kwikhontenti. Imibuzo ye-ANA nemibuzo eyimizekelo yeSebe iWCED (WCED exemplars) mayibandakanywe ekufundiseni, ekufundeni nakwinkqubo yovavanyo kunyaka wonke yaye mayingaze ibe yimisebenzi ezimeleyo eyenziwa yodwa.
7. Ootitshala mababenze bazisebenze abafundi iincwadi zokwenza umsebenzi zeDBE njengoko kukho ubungqina bokuba ukuzisebenzisa ezi ncwadi kuvelisa iziphumo ezihle.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo yesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:24

IsiHlomelo A: IMATHEMATIKA ISIGABA 1-3  (ubukhulu: 41 KB)
IsiHlomelo A: IILWIMI ISIGABA 1-3  (ubukhulu: 41 KB)