1. Ngenxa yeziphumo eziye zakumgangatho ophantsi kwiBakala 9 kwii-Annual National Assessments (ANA) zango-2014, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linenjongo yokuqeqesha ootitshala beMathematika bamaBakala 8 no-9 njengomba ongxamisekileyo.

2. Izikolo ezibeneziphumo ezikumngangatho ongaphantsi kwama-40% kwimvavanyo ze-ANA zikhethelwe ukuba zibeyinxenye yoqeqesho lweMathematika lwamaBakala 8 no-9.

3. Uqeqesho luya kuqhubeka ngeeseshoni ezimbini zeentsuku ezi-5 ngo-2015 nango-2016. Oku kuya kulandelwa yinkxaso enikwa ootitshala bezikolo ezisebenzisanayo (cluster support) ukutyebisa ulwazi lwabo lwekhontenti nokwakha iqela lootitshala abaxhotyiswe ngezakhono eziphuculweyo zokufundisa imathematika.

4. Le ngcaciso imfutshane ke ngoko icela izikolo eziphumelele ngamanqaku ongumndilili ka-40% kwiimvavanyo ze-ANA zika-2014 ziye kolu qeqesho longenelelo ngoncedo lubalulekileyo.

5. Iiseshoni ezimbini zoqeqesho sele zilungiselelwe le njongo, yaye iseshoni yoqeqesho yokuqala iya kuqhubeka ngoJulayi 2015 ukuze iseshoni yoqeqesho yesibini ibe ngoJanuwari 2016 phambi kokuqala konyaka wesikolo omtsha. Bayacelwa ootitshala neentloko zamacandelo/zezifundo ke ngoko ukuba bayigcine le mihla ilandelayo:

13-17 Julayi 2015
(o.k.t. iveki yokugqibela yeholide yesikolo)
11-15 Januwari 2016
(o.k.t. kwiveki enye phambi kokuvulwa kwezikolo)
Uqeqesho luya kuthatha iintsuku ezi-5. Amaxesha ngala alandelayo:

  • NgoMvulo ukuya kuLwesine: 08:00 ukuya ku-15:30
  • NgoLwesihlanu : 08:00 ukuya ku-14:00

Uqeqesho luya kuqhubeka e-Cape Teaching and Leadership Institute.


6. Ubhaliso

Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) zize ziyibuyisele kumququzeleli wesithili weGET ochaphazelekayo, phambi kwe-15 Meyi 2015.

Ukwenzela ukuthintela naziphi na iingxaki zamalungiselelo okuqhutywa kolu qeqesho, kubalulekile ukuba izikolo zinike ingcaciso yobhaliso echanekileyo. Zonke izicwangciso namalungiselelo oqeqesho (kubandakanywa inani leemanyuwali (manuals) ngolwimi ngalunye, abaququzeleli, amaqela, iindawo, amalungiselelo okutya nendawo yokulala, njl.njl) asuselwa kule ngcaciso.


7. Amalungiselelo ohambo
7.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo esiyintlawulo yohambo ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama ohanjiweyo uwonke ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.
7.2 Amabango eendleko zohambo aya kuphicothwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

7.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: Makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithi semfundo.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezi-3 phambi koqeqesho
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuyakwamkelwa ikowuteshini eyeyona isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can becontracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo karhulumente.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, uluhlu lwamagama, abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe ikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili semfundo.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.

7.2.5 Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iteksi, ibhasi, uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.

8. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo) kwizithili ezisemaphandleni kuphela
8.1 Indawo yokulala nokutya (okwakusasa nangokuhlwa) ziya kufumaneka phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km ngohambo olunye ngosuku, o.k.t. 120km ngohambo lokuya nokubuya.
  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso lugqitywe kwangaphambili.
  • Kungqinelwene ngokupheleleyo neemfuno ezimiselweyo ku-8.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa ibenye (1) kuphela (jonga ku-8.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo ngako nakuphi na ukutshintsha okanye ngenye indawo yokulala.
8.2 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, apho kungakhethwa ukufika kwindawo yokulala (checking in) ngentsimbi ye-14 :00 kuye ku-17 :00 ngeCawa phambi kokuqala kukamasifundisane.
8.3 Iindidi zendawo yokulala:

Ootitshala abafanele ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kwindawo ENYE kuphela kwezi zilandelayo:

8.3.1 Indawo esehostele yeCTLI Kuya kubonelelwa ngendawo esehostele eCTLI, yaye akukho ntlawulo ifunwayo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ifom yobhaliso (IsiHlomelo A) mayingeniswe engadlulanga uLwesihlanu we-15 Meyi 2015.
  • Ootitshala baya kuhlalisana kumagumbi.
  • Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngo-17:00 kuphela
8.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, i-guest house, ihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R 300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi eyintsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo ngulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ayinakuqinisekiswa intlawulo yamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva.
8.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R 300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo uchaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
8.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo yoko (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa).
  • Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET wesithili, kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET wekhosi yoqeqesho).
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250.00 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe NJENGEBHILI ENYE kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

9. Indlela yokwenza ibango
9.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le Fom ineeNkcukacha zeBhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayigximfizwe yibhanki yaye makungeniswe yaye yifom eyintsusa kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo).
9.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
9.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iintlawulo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zincedise ootitshala bazo kulo mbandela. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe.
9.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
9.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
9.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

10. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili

Isithili Umququzeleli Inombolo yefoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 021 514 6770
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3104
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 021 900 7051
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 021 860 1569
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 4604 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 023 348 4604
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 044 803 8320

11. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa bonke ootitshala yaye zonke iinkcukacha zobhaliso zingeniswa kumququzeleli weGET wesithili semfundo engadlulanga uLwesihlanu we-15 Meyi 2015.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:31

IsiHlomelo A: UKUBHALISELA UQEQESHO KWIMATHEMATIKA  (ubukhulu: 54 KB)