1. IZifundo ngezeSini sisihloko esi-ethe-ethe kakhulu kwiSigaba esiPhakamileyo. Zifundiswa kuzo zombini iikharityhula zoLwazi ngezoBomi nakwiiSayensi zeNdalo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lifumene iintetho zokuxhalaba eziliqela ezivakaliswe ngabazali ngeprogram yezifundo ngezesini, ngokukodwa njengoko ifundiswayo kwiBakala 7. Ukongeza, ootitshala abaninzi bavakalise kwakhona ukungazithembi ekufundiseni esi sihloko.

2. I-WCED izithathele ingqalelo enkulu ezi ntetho zokuxhalaba yaye izimisele ukusombulula izinto abanoloyiko lwazo ootitshala, abazali noluntu ngokubanzi. Kuqaliswe ubulingane phakathi kweWCED ne-Department of Obstetrics (iSebe lezokuBelekisa amaBhinqa) eYunivesithi yaseKapa bokwenza iZifundo zoQeqesho looTitshala ukunceda ootitshala ekufundiseni ngezesini ngenkathalo nangendlela echanekileyo engqinelana nezonyango.

3. I-WCED seyiwathathile amanyathelo okuqeqesha abacebisi ngezifundo beSigaba esiPhakamileyo kwakunye nooTitshala abaziiNkokeli (Lead Teachers) boLwazi ngezoBomi nabeeSayensi zeNdalo ngokumalunga ne-"Approach to teach Sexuality Education" emayisetyenziswe ziingcali kwesi sifundo.

4. Kulindeleke ukuba abacebisi ngezifundo kunye nootitshala abaziinkokeli baya kuqeqesha bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi nabeeSayensi zeNdalo kwiisekethe zabo kwiKota 2.

5. Ukulungiselela uqeqesho lootitshala, zonke izikolo ziya kufumana ezi zinto zokuncedisa ukufunda eziya kusetyenziswa kumaBakala 7-9:
5.1 Abafundi bamaBakala 7-9 baya kufumana ii-bookmarks ekubhalwe kuzo imiyalelo ebalulekileyo enxulumene nempilo ngezesini (sexual health) kwakunye neenombolo zefoni zoqhagamshelwano eziluncedo. Ezi bookmarks zibhalwe ngesiNgesi nangesi-Afrikansi.
5.2 Abafundi kumaBakala 7-9 baya kufumana kwakhona iincwadi zomsebenzi (workbooks) eziqulethe izihloko ezifundiswa kwiikharityhula ze-CAPS yoLwazi ngezoBomi kunye nezeeSayensi zeNdalo. Ezi ncwadi zomsebenzi mazisetyenziswe ngabafundi oko bekwenza bephantsi kolawulo. Zinokuzaliswa ngabafundi ngabanye ngabanye okanye kumaqela nje ukuba isihloko sigqitywe ukufundiswa.

6. Umboneleli-nkonzo uya kuzisa ii-bookmarks neencwadi zomsebenzi zabafundi ezikolweni ukususela phakathi kwinyanga kaMatshi 2015.

7. Kucelwa iintloko zamacandelo/zezifundo ukuqinisekisa ukuba ezi zinto zokufunda zigcinwa ngokunqatyisiweyo esikolweni bade ootitshala boLwazi ngezoBomi nabeeSayensi zeNdalo babe bafumene uqeqesho oluqhutywa sisithili.

8. Nje ukuba zifumane uqeqesho, iintloko zamacandelo/zezifundo kwezi zifundo zibini mazibeke esweni ukusetyenziswa kweencwadi zomsebenzi zabafundi kwanokuziswa kwee-bookmarks ezikolweni.

9. Iintloko zamacandelo/zezifundo ziyakhuthazwa ukuba zinike inkxaso eyimfuneko kootitshala.

10. Amagosa ezithili kwakhona aya kunika inkxaso kwiiseshoni zeklasta nangethuba lotyelelo lokunika inkxaso eziklasini.

11. I-WCED iyathemba ukuba ezi zinto zokufunda ziya kwakha umoya wokuzithemba kootitshala ekufundiseni esi sihloko zize zincede kwakhona abantu abasebatsha benze izigqibo ezizizo ngemizimba nobomi babo.

12. Kukhuthazwa izikolo zisebenzise ezi zinto zokufunda kangangoko zinako zize zinike ingxelo kuNks Suanne Rampou apha: Suanne.Rampou@westerncape.gov.za

13. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:20:24