1. I-AstroQuiz lukhuphiswano lwesayensi olwenzelwa abafundi beBakala 7 nolusekelwe kwimixholo enxulumene ne-astronomi (astronomy-related themes) yaye ikwanxulumene necandelo le-"Earth and Beyond" lesilabhasi yeeSayensi zeNdalo (Natural Sciences syllabus).

2. I-AstroQuiz yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA) yaye iqhutywa kweli phondo yi-South African Astronomical Observatory (SAAO). Injongo yale projekthi:

  • kukukhuthaza umdla kwisayensi kwizikolo eziziiprayimari;
  • kukuphucula indlela yokufunda nokufundisa eklasini;
  • kukwenza ukuba kwaziwe yaye kuqondwe nzulu ngemiba esisisseko kwiastronomi, kwisayensi nakwimathematika; kunye
  • nokukhuthaza umdla kumathuba anokuvela kwikhondo le-astronomi nakwezinye iisayensi.
3. I-AstroQuiz iphunyezwe ngempumelelo kweli phondo ukususela ngo-2006 yaye umdla kolu khuphiswano ube uphakame kakhulu. Ngo-2014 i-Outeniqua Primary School yamela iphondo kwinqanaba likazwelonke lokhuphiswano. Kukwakho namabhaso atsala umdla afunyanwa sisikolo esiphumeleleyo.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-AstroQuiz ka-2015.

5. Iphekhi yezibonelelo i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo eminyaka yangaphambili, ziya kusiwa yi-SAAO kwizikolo ezithatha inxaxheba. Le phekhi yezibonelelo i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo eminyaka yangaphambili zinokukhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu i-SAAO AstroQuiz website : www.astroquiz.saao.ac.za

6. Liyacela iSebe iWCED ukuba zonke izikolo ziyisebenzise iphekhi i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo ukwenzela ukuba abafundi baprekhtizele ukubhala ikhwizi. Oku kufuneka kube ngumsebenzi ekusetyenziswa kuwo iincwadi nezinye izibonelelo ukufumana iimpendulo zemibuzo (open-book activity) ngamaqela abafundi abane, apho iqela ngalinye lisebenza kunye.

7. Izikolo ezinomdla mazibhalisele le khwizi kanye ngqo kwi-SAAO ngokuqala zingene kwiziko lewebhu i-AstroQuiz website: http://astroquiz.saao.ac.za Ubhaliso luya kuqala ngoMatshi 2015.

8. Yonke imbalelwano ne-SAAO iya kwenziwa nge-imeyili kunye/okanye nge-SMS. Ootitshala banokukhetha iindlela zonxibelelwano abakholwa zizo xa bebhalisa.

9. Izikolo zifanele ukwenza amalungiselelo okuthatha inxaxheba kwimijikelo emibini yokuqala yephondo ye-AstroQuiz kwikhompyutha (AstroQuiz online). Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba zingenise amaqela amaninzi kangangoko zinako kumjikelo wokuqala. Kuya kubakho umjikelo wokuzivavanya (trial round) wokuba abafundi baprekhtizele ukuthatha inxaxheba kwikhwizi kwikhompyutha (quiz online). Abafundi banokusebenzisa iiselula zabo ukuthatha inxaxheba kwikhompyutha (online). Izikolo mazikhuphisane ukuphendula iseti yemibuzo eyi-30 kumjikelo ngamnye. Zonke izikolo ziphendula imibuzo efanayo. Amaqela anikwa imizuzu eyi-60 eqingqiweyo ngombuzo ngamnye. Amaqela anokuxoxa ngeempendulo, ngokuzolileyo phakathi kwabo. Kuphela liqela elinye ngesikolo ngasinye elinokuthatha inxaxheba kumjikelo wesibini. Akuvumelekanga ukuba abafundi abathatha inxaxheba baze nezinto zokufunda kwindawo ekuqhutyelwa kuyo ikhwizi.

10. Imijikelo emibini yokuqala ye-Astroquiz yephondo, iya kubanjelwa esikolweni phantsi kweliso likatitshala owongameleyo. Umjikelo 1 uya kubanjwa ngoLwesihlanu we-24 Apreli 2015 ukuze uMjikelo 2 ube ngoLwesihlanu we- 05 Juni 2015.

11. UMjikelo 3 no 4 kwiphondo uya kubanjwa ngosuku olunye, ngoLwesihlanu we-28 Agasti 2015, kwi-SAAO e-Observatory, eKapa. Zonke izithili kwiphondo ziya kumelwa kumjikelo wesithathu. Kuya kuba luxanduva lwe-SAAO ukuhambisa amaqela aya kuMjikelo 3 no 4 wephondo nakumjikelo wokugqibela kuzwelonke. Isikolo esiwinayo siya kumela iphondo kukhuphiswano lukazwelonke, oluya kuba ngoLwesihlanu we-09 Oktobha 2015. Indawo yokhuphiswano lokugqibela lukazwelonke iya kwaziswa kamva.

12. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, musa ukuthandabuza qhagamshelana ngqo ne-SAAO ngokuthumela i-imeyili, ngefoni okanye ngefeski. Unokutyelela iziko lewebhu labo ukufumana ingcaciso engaphezulu. Nazi iinkcukacha zabo:

  Ifoni:   021 460 9369 (Buzani)
021 460 9319 (Thembela)
021 460 9328 (Christian)
Ifeksi: 086 554 1330
I-imeyili: help@astroquiz.saao.ac.za
Iziko lewebhu: http://astroquiz.saao.ac.za

13. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeSayensi zeNdalo beBakala 7 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:20