1. Njengoko usazi, isikolo sakho njengangoku sityunjelwe ukuthatha inxaxheba kwiphulo longenelelo ngoncedo le-Phase 4 leSebe leMfundo leNtshona Koloni i-WCED Literacy and Numeracy Training Intervention (LitNum Intervention). Esi sigaba siqhutywa ngemijikelo (cycles) emi-2 ngolu hlobo lulandelayo:

  • U-Cycle 1 uya kuqala ngoJuni-Julayi 2015, ngokwenziwa kweseshoni yoqeqesho lootitshala yeentsuku ezi-5 kuLwimi okanye kwiMathematika. Oku kuya kulandelwa yinkxaso eyenzelwa ootitshala ziingcali neya kuqhutyelwa ezikolweni (on-site specialist support) ukubancedisa ekuphumezeni iindlela zokufundisa (methodologies) nokutyebisa ulwazi lwabo lwekhontenti nokuphuhlisa izakhono zokwazi ukufundisa kootitshala. U-Cycle 1 ugqitywa ngoJuni 2016.

  • U-Cycle 2 uqala ngoJuni 2016. Uqeqesho lokuqala lokwandlalela lweentsuku ezi-5 luya kuqhutywa ngoJuni-Julayi 2016. Ku-Cycle 2, zonke izikolo ezafumana inkxaso kwiiLwimi kwi-Cycle 1, ngoku ziya kufumana inkxaso kwiMathematics ngethuba lika-Cycle 2, ngokutshintshanayo (vice versa).
2. Le ngcaciso imfutshane mayithathwe njengesaziso esisemthethweni esithunyelwa kuzo zonke izikolo ze-Phase 4 sokuba uqeqesho lweCycle 1 luya kuqhubeka ngoJuni-Julayi 2015 (njengoko kwakupapashiwe kwiintlanganiso zengcaciso zezithili kunye neekomiti zolawulo zezikolo). Ootitshala neeHoDs kufuneka bayigcine le mihla ichaphazelekayo ilapha ngezantsi:

29 Juni - 03 Julayi 2015 13 Julayi - 17 Julayi 2015 Uqeqesho luya kuthatha iintsuku ezi-5. Amaxesha ngala:

  • NgoMvulo: Ubhaliso luqala ngo-08:00. Uqeqesho luqala ngo-08:30 luze luphele ngo-16:00
  • NgoLwesibini ukuya kuLwesine : 08:30 ukuya ku-16:00
  • NgoLwesihlanu : 08 :30 ukuya ku-14 :00
ISithili seMfundo i-Metro Central ISithili seMfundo i-Metro North
ISithili seMfundo i-Cape Winelands ISithili seMfundo i-Metro East
ISithili seMfundo i-West Coast ISithili seMfundo i-Eden and Central Karoo
3. Njengoko kwakunjalo ngaphambili nalapho kunokwenzeka oku, uqeqesho luya kuqhubeka kumaziko andawonye kwizithili ezisezidolophini nakwizithili ezisemaphandleni.

4. Ubhaliso
4.1 Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (isiHlomelo C okanye isiHlomelo D) zize ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo phambi koLwesine we-30 ka-Apreli 2015 kumququzeleli weGET wesithili semfundo ochaphazelekayo.
4.2 Aba titshala balandelayo mababhalisele ukuya kuqeqesho:
4.2.1 Izikolo eziya kufumana uqeqesho kwi-Language training and support ku-Cycle 1 (makufundwe isiHlomelo A):

  • Bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1-3) kodwa kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) kuphela ngootitshala abafundisa iiLwimi (kumaBakala 4 - 6).
  • Makuzaliswe isiHlomelo C, ifom yobhaliso yekhosi yoLwimi.
4.2.2 Izikolo eziya kufumana uqeqesho kwi-Mathematics training and support ku-Cycle 1 (makufundwe isiHlomelo B):

  • Bonke ootitshala beSigaba seSiseko (IBakala 1 - 3) kodwa kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) kuphela ngootitshala abafundisa iMathematika (kumaBakala 4 - 6).
  • Makuzaliswe isiHlomelo D, ifom yobhaliso yekhosi yeMathematika.
4.3 Makuqatshelwe ukuba ootitshala beBakala R nebeBakala 7 AKUFUNEKI baye kolu qeqesho ngaphandle kokuba :

  • bazii-HODs zeSigaba seSiseko/ zeSigaba esiPhakathi okanye
  • baziintloko zezifundo zoLwimi okanye zeMathematika kwiSigaba okanye
  • baza kufundisa iBakala 1 ukuya kwiBakala 6 ngo-2016, ngoko baya kuba befundisa uLwimi/iMathematika.
4.4 Ukwenzela ukuthintela naziphi na iingxaki zamalungiselelo okuqhutywa kolu qeqesho, kubalulekile ukuba izikolo zinike ingcaciso yobhaliso echanekileyo. Zonke izicwangciso namalungiselelo oqeqesho (kubandakanywa inani leemanyuwali (manuals) ngolwimi ngalunye, abaququzeleli, amaqela, iindawo, amalungiselelo okutya nendawo yokulala, njl.njl) asuselwa kule ngcaciso.

5. Amalungiselelo ohambo
5.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo esiyintlawulo yohambo ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuqinisekiswa kobukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama owahanjiweyo uwonke ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.
5.2 Amabango aya kuphicothwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

5.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: Makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithi semfundo.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezi- 3 phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuya kwamkelwa eyona kowuteshini isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makangqinisise kwinqununu ukuba inkonzo inokwenziwa (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, uluhlu lwamagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqotyoshelwe iikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi ehlawulweyo yokugqibela.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili semfundo.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.

5.2.5 Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iteksi, ibhasi, uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.

6. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo) kwizithili ezisemaphandleni kuphela
6.1 Indawo yokulala nokutya (okwangokuhlwa nakusasa) ziya kufumaneka phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km ngohambo olunye ngosuku, o.k.t. 120km ngohambo lokuya nokubuya.
  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso lugqitywe kwangaphambili.
  • Kungqinelwene ngokupheleleyo neemfuno ezimiselweyo ku-6.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa ibenye (1) kuphela (jonga ku-6.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo ngako nakuphi na ukutshintsha okanye ngenye indawo yokulala.
6.2 Kuya kubonelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, apho kungakhethwa ukufika kwindawo yokulala (checking in) ngentsimbi ye-14 :00 kuye ku-17 :00 ngeCawa kokuqala kukamasifundisane.
6.3 Iindidi zendawo yokulala:

Ootitshala abafanele ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kwindawo ENYE kuphela kwezi zilandelayo:

6.3.1 Indawo esehostele Kuya kubonelelwa ngendawo esehostele, yaye akukho ntlawulo ifunwayo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ifom yobhaliso (IsiHlomelo C okanye D) mayingeniswe engadlulanga uLwesine we-30 Apreli 2015
  • Ootitshala baya kuhlalisana kumagumbi.
  • Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngo-17:00.
6.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, i-guest house, ihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R 300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi eyintsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo ngulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ayinakuqinisekiswa intlawulo yamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva
6.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R 130 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo ochaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
6.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa).
  • Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET wesithili, kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET kwikhosi yoqeqesho).
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zezithili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe NJENGEBHILI ENYE kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

7. Indlela yokwenza ibango
7.1 Bonke ootitshala abanqwenala ukufaka ibango mabazalise le Fom ineeNkcukacha zeBhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayigximfizwe yibhanki yaye makungeniswe ifom eyintsusa kuphela. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo).
7.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
7.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni kwekhosi. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancedise ootitshala bazo ngokumalunga noku. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe.
7.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
7.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
7.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo.

8. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo.

Isithili Umququze leli Inombolo yefoni I-imeyili Inombolo yefeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgendal@gmail.com 086 236 1892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 5569 519
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499

9. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa bonke ootitshala yaye zonke iinkcukacha zobhaliso zingeniswa kumququzeleli weGET wesithili semfundo engadlulanga uLwesine, we-30 ka-Apreli 2015.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:20

IsiHlomelo A: EZI ZIKOLO MAZIBHALISELE UQEQESHO KWIILWIMI  (ubukhulu: 27 KB)
IsiHlomelo B: EZI ZIKOLO MAZIBHALISELE UQEQESHO KWIMATHEMATIKA  (ubukhulu: 29 KB)
IsiHlomelo C: UKUBHALISELA UQEQESHO KULWIMI  (ubukhulu: 71 KB)
IsiHlomelo D: UKUBHALISELA UQEQESHO KWIMATHEMATIKA  (ubukhulu: 71 KB)
"BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 28 KB)