1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), lisebenzisana neWordworks (iqumrhu elinobuchule kulwazi lokufunda nokubhala olusavelayo (a specialist organisation on emergent literacy)), liya kuqalisa iprojekthi apha kwiphondo ngokubanzi yootitshala neeprakthishina zeBakala R ngo-2016. Le projekthi iya kubizwa ngokuba yi-Emergent Literacy (ELIT) Intervention.
2. Injongo yolu ngenelelo ngoncedo lwe-ELIT kukomeleza ukufundiswa koLwimi lweeNKobe kusetyenziswa izibonelelo ezifanelekileyo ukwenzela ukuphucula amaqanaba okupasa kwabafundi kulwimi nakulwazi lokufunda nokubhala kwiSigaba seSiseko (FP).
3. Ngenxa yoku ootitshala abayi-200 abaziinkokeli nabaziiprakthishina zeBakala R bafumene uqeqesho lokubalungiselela ukuqaliswa ngokupheleleyo koqeqesho lwe- ELIT intervention ngo-2016.
4. Iinqununu ezijongene neBakala R ziyacelwa ukuba zibhalise ootitshala/ iiprakthishina zeBakala R ukulungiselela uqeqesho lwe-ELIT kwifom yobhaliso eqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele kumququzeleli we-GET wesithili ochaphazelekayo phambi kwe-15 Januwari 2016.
5. Kucelwa uqaphele ukuba ootitshala/iiprakthishina ezingezizo ezeBakala R (umzekelo abancedisi abazii-Early Childhood Development (ECD) assistants neeprakthishina ze-pre-Grade R) abanako ukubhalisela olu qeqesho. Nakuba kunjalo abathunywa abayileyo kuqeqesho banako ukwabelana nabo ngolwazi abalufundileyo kumsebenzi wabo wokufundisa. Oku kuya kuba ngumsebenzi oya kuququzelelwa yikomiti yolawulo lwesikolo.
6. Uqeqesho luya kuqhutywa koomasifundisane abaluthotho bezikolo ezisebenzisanayo (cluster workshops) (iiyure ezi-3 umasifundisane ngamnye) kunye nomasifundisane wezikolo zonke ngethuba eliqingqiweyo leentsuku ezi-5 (block 5-day workshop). Bayacelwa ootitshala/iiprakthishina ukuba baye kule program yoqeqesho ngokupheleleyo.
7. Oomasifundisane bezikolo ezisebenzisanayo (cluster workshops) baya kuqhubeka nangowuphi na umhla kule ilandelayo:

Umasifundisane wezikolo ezisebenzisanayo 1 Phakathi kwe-08 ne-12 kaFebruwari 2016. Izithili ziya kukhupha izaziso zemihla echanekileyo neendawo zikamasifundisane.
Umasifundisane wezikolo ezisebenzisanayo 2 Nge-29 Februwari nange-04 Matshi 2016.
Umasifundisane wezikolo ezisebenzisanayo 3 Nge-05 nange-08 Apreli 2016
Umasifundisane wezikolo ezisebenzisanayo 4 Nge-03 nange-06 Meyi 2016
Umasifundisane wezikolo ezisebenzisanayo 5 Nge-30 nange-03 Juni 2016
Umasifundisane wezikolo zonke ngexesha elinye Uqeqesho lweentsuku ezi-5 ukususela kwi-11 ukuya kwi-15 Julayi 2016 Iindawo ziseza kuqinisekiswa xa imihla sele isondele.
8. Ukwenzela ukuba kwenziwe izicwangciso ezifanelekileyo, kubalulekile ukuba izikolo zinike ingcaciso yobhaliso echanekileyo.
9. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli wesithili weGET ochaphazelekayo:

Isithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgendal@gmail.com 086 236 1892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 086 764 1912
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala neeprakthishina zeBakala R ukwenzela ukuba zikuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:12:02

UQEQESHO LWE-ELIT INTERVENTION IFOM YOBHALISO LUKA-2016  (ubukhulu: 21 KB)