1. Ukuqeqeshwa kootitshala abakwiqela 1: Bekukho ootitshala bemathematika abayi-350 abavela kwizikolo eziyi-174 abebeze kuqeqesho olungeendlela zokufundisa ezibubuchule nekhontenti yeMathematika ngoJulayi 2015. Apha kuqhotyoshelwe uluhlu lwezo zikolo. (kwisiHlomelo A). Olu qeqesho belugxile kwiBakala 8 no-9, luqwalasele izihloko ezifundiswa ngethuba lehafu yesibini yonyaka wesikolo.

2. Kubalulekile ukuba lugqitywe leli qela linye lootitshala uqeqesho olujolise kwikhontenti yeMathematika efundiswa kwihafu yokuqala yonyaka. Olu qeqesho luya kuqhubeka ukususela kwi-06 ukuya kwi-08 Januwari 2016 eCape Teaching and Leadership Institute (CTLI).

3. Ootitshala abavela kwizikolo ezidweliswe - kwisiHlomelo A bayacelwa babhalisele uqeqesho lwangoJanuwari 2016. Kuqhotyoshelwe apha ifom yobhaliso. (kwisiHlomelo B). Mayithunyelwe ngefeksi okanye nge-imeyili kumququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo.

4. Ukuqeqeshwa kootitshala abakwiqela 2: Kukho ootitshala beMathematika abaninzi beBakala 8 no-9 abangazange baye kuqeqesho lwangoJulayi kodwa izikolo zabo zinganako ukuzuza okuthile okuluncedo kule khosi yangoJanuwari yokulungiselela iinyanga eziintandathu zokuqala ku-2016.

5. Eli qela longeziweyo lootitshala liyacelwa ukuba lijoyine uqeqesho oluya kuqhubeka ukususela ngowe-06 ukuya kowe-08 Januwari 2016 ukwenzela ukuba babenako ukuzifezekisa iimfuno ezimandla zekharityhulam ecwangciselwe ihafu yokuqala yonyaka. Ikhosi yokugqibela yeli qela iya kuqhutywa ngoJulayi 2016. Akuyi kubakho luqeqesho lumbi luya kubonelelwa ngale ndlela kootitshala kwiBakala 8 no-9 njengoko kuya kuqwalaselwa kuqala uqeqesho lweMathematika kumabakala asezantsi kwiminyaka ezayo.

6. Ubhaliso lokuya kuqeqesho lwangoJanuwari malwenziwe kwiifom zobhaliso eziqhotyoshelweyo. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele phambi okanye engadlulanga uLwesihlanu we-16 Oktobha 2015 kumququzeleli weGET wesithili esichaphazelekayo.

7. Amalungiselelo ohambo
7.1 Amabango aya kuqwalaselwa ngokwale miqathango kuphela xa ngaba:

  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama ohanjiweyo uwonke kwithuba leentsuku ezi-3 mawube ngaphezu kwe-60 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-3 mawungabi ngaphezu kwe-420 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-420 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.
7.2 Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

7.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku konokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezi-3 phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa ikowuteshini eyeyona isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo karhulumente.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, uluhlu lwamagama, abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe ikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.

7.2.5 UKusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz. iteksi, ibhasi, uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.

8. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo) ukwenzela izithili zasamaphandleni kuphela
8.1 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala nokutya (isidlo sakusasa nangokuhlwa) ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km uhambo lokuya kuphela, o.k.t. yi-120 km uhambo lokuya nokubuya.
  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso lugqitywe kwangaphambili.
  • Kungqinelwene ngokupheleleyo neemfuno ezimiselweyo ku-8.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa udidi lube lunye (1) (makujongwe ku-8.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo ngalo naluphi na utshintsho okanye enye indawo yokulala.
8.2 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala lwekhosi yoqeqesho, yaye ootitshala banokukhetha ukufika kwindawo yokulala (checking in) ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane.
8.3 Iindidi zendawo yokulala:

Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kudidi OLUNYE kwezi ndidi zingezantsi:

8.3.1 Indawo ekwiHostele ye-CTLI Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ehostele eCTLI, yaye akukho ntlawulo ifunwayo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ifom yobhaliso (IsiHlomelo B) mayingeniswe engadlulanga uLwesihlanu we-16 Oktobha 2015.
  • Ootitshala baya kuhlalisana kumagumbi.
  • Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika liphela ngo-17:00 kuphela ngolo suku luphambi kokuqala koqeqesho.
8.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, ii-guest houses, iihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo ngulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ayinakuqinisekiswa intlawulo yamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva.
8.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R130 ngosuku esidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo uchaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
8.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo yoko (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) eziya kubakho.
  • Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango elandelayo:
    Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET wesithili, kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET wesithili makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET wesithili kwikhosi yoqeqesho.
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe NJENGEBHILI ENYE kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

9. Indlela yokwenza ibango
9.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le Fom ineeNkcukacha zeBhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayigximfizwe yibhanki yaye yifom yentsusa kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo.)
9.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
9.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iintlawulo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancedise ootitshala bazo kulo mbandela. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe.
9.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
9.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
9.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

10. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

Isithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 021 514 6770
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3104
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 021 900 7051
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 021 860 1569
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8316 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400

11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beMathematika beBakala 8 nabeBakala 9 ukuze bakuthathele ingqalelo


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:30

"IsiHlomelo A: Schools who attended July 2015"  (ubukhulu: 89 KB)
IsiHlomelo B: IFOM YOBHALISO YEKHOSI YOQEQESHO LWEMATHEMATIKA  (ubukhulu: 37 KB)