1. NgokweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) weeLwimi kwiSigaba saBadala (amaBakala 7-9), abafundi mabafunde iincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa ("formal study of literary texts") kubandakanywa namabalana amafutshane, iinoveli, imibongo nedrama.
2. Apha kufakwe ezi zintlu ziqhotyoshelweyo zeencwadi ezicetyiswayo zoncwadi kumaBakala 7-9 ukwenzela u-2016. Injongo yoku kukwandisa ikhathalogu yezibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) zeSebe iDBE ukuba kucingwa ngeetheksti ezifanelekileyo zokongezelela.
3. Injongo yezi zintlu kukuba kuncitshiswe imfuno yokuthenga iincwadi ezintsha, kodwa kukwalungiselelwe nokuba kwaziswe izihloko zeencwadi ezintsha.
4. IiKomiti zeeNcwadi eziMiselwe uKufundwa (Prescribed Book Committees) ziziqwalasele zonke iincwadi ezicetyiswayo, zaveza nezimvo ngazo yaye sele kwenziwe izilungiso apha naphaya kwizintlu zephondo.
5. Izikolo zinokusebenzisa iimali zazo zemimiselo nemigangatho ukuthenga iincwadi zoncwadi. Ukwenzela ukukhetha izibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa ezifanelekileyo, makusetyenziswe olu luhlu lwephondo luqhotyoshelweyo okanye ikhathalogu yeLTSM yeSebe iDBE. Yiya ku-http://wced.school.za -> LTSM (CAPS textbooks) -> Gr 7-9 catalogue. Emva koko jonga kwikholam -"Component" ye-"Core reader" (ukususela kwikhasi 1) okanye i-"Novel" (ukususela kwikhasi 5).
6. Izikolo zimele ukuqaphela ukuba injongo yolu luhlu kukuncedisa ootitshala beelwimi bamaBakala 7-9 xa bekhetha iincwadi zoncwadi. Iincwadi ezininzi ziquka imibuzo, imisebenzi yokusebenzisa ulwazi abalufumeneyo neenowuthsi ukunika inkxaso abafundi. Kwezinye izihloko kukho inkxaso efumanekayo ku-intanethi.
7. Izifundo ngeendidi ezininzi zoncwadi kubandakanywa imibongo, iinoveli, amabalana amafutshane nedrama, ziya kwakha isiseko sokuhlalutywa koncwadi kwinqanaba leKholeji ii-TVET Colleges. Ukubandakanywa kwezincoko ngesiXhosa kunenjongo yokuxhonkxa okuya kukhokelela ekunikeni inkxaso uphuhliso lwezakhono zokubhala ezifanelekileyo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:26

"Final 2016 Lists: English Literature Study: Grades 7, 8, 9"  (ubukhulu: 107 KB)
"Finale Lys vir 2016: Afrikaans Letterkundestudie: Grade 7, 8, 9"  (ubukhulu: 155 KB)
"Provisional 2016 Lists: African Languages Literature Study: Grades 7, 8, 9"  (ubukhulu: 115 KB)