1. Ukuza kuthi ga ngoku mhlawumbi sewusazi ukuba kukho inkxalabo kuzwelonke ngenkqubo engekho semgangathweni yabafundi kumaBakala 8 no-9 kwiMathematika nokupaswa ngokungancomekiyo kwesi sifundo kumaBakala 10 – 12.
2. Ukulwa oku, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lenze isicwangciso sephondo sokomeleza ukufundiswa kweMathematika kwiSigaba esiPhakamileyo (Senior Phase).
3. Inyathelo lokuqala yaba kukuqhubeka koqeqesho lwekhosi yoqeqesho olunzulu yeentsuku ezintlanu olwaluqale nge-13 – 17 Julayi 2015. Olu qeqesho lube ngamava abaluleke kakhulu kootitshala abayi-350 ababeyile kulo. Sibulela bonke abathathinxaxheba ngokuzimisela kwabo ukuphucula iMathematika. Nakuba kunjalo, mninzi umsebenzi ekusafuneka ukuba wenziwe. Kuya kubakho iiyure eziyi-14 ezingaphezulu zoqeqesho ekuqaleni kuka-2016 ukugqibezela izihloko zokuqulethwe kwiMathematika yeBakala 8 no-9, umzekelo, ngokusebenzisa imiGqibelo ibe mibini ngoJanuwari ukuqala ngo-07:30 – 15:30.
4. Ngaphezulu, inkxaso yoluntu lwasekuhlaleni yooTitshala bokuXhasa ezeMfundo (Professional Learning Communities) (PLCs) iya kunceda ootitshala basebenzise kwizikolo zabo oko bakufundileyo. Zonke izikolo ezaziyile kuqeqesho lwangoJulayi kunye nezinye izikolo ezifuna inkxaso kwiMathematika kwiBakala 8 no-9 ziyacelwa ukuba zithathe inxaxheba kwiPLC ecetywa ngokudibeneyo naBacebisi ngeziFundo zeMathematika beFET bezithili zabo.
5. Kujongwe ukuba ezi ntlanganiso zePLC maziqhube ukuqala ngoAgasti ukuya kuOktobha 2015, nango-2016.
6. Iprogram yonyaka ka2015 ifumaneka kwitheyibhile engezantsi:

Iveki iqala nge- Izihloko zeBkl 8 Izihloko zeBkl 9 Izixhobo zokufunda
24 Agasti 2015 Indlela yokusebenza ngedatha Iigrafu
  • Izicwangciso zezifundo zeDBE zikwiziko lewebhu leWCED
  • IiNcwadi zoMsebenzi zakwaSasol ezikwiDVD
  • IiNcwadi zoMsebenzi zikaZwelonke
28 Septemba 2015 Iigrafu Ingqikelelo yesiphumo
12 Oktobha 2015 Ingqikelelo yesiphumo IJiyometri yezinto ezinemilo ye-3D

Kujongwe ukusetyenziswa le mihla ilandelayo kunyaka ka2016: 8 Februwari, 7 Matshi, 18 Apreli, 16 Meyi, 13 Juni, 25 Julayi, 22 Agasti, 19 Septemba, 17 Oktobha.

7. Isigaba sesibini sesi sicwangciso sibandakanya ukusetyenziswa kovavanyo olwandlalelayo lokuqaphela iingxaki i-Grade 8 Baseline Diagnostic Assessment for Language, Mathematics and Natural Sciences.
8. Uvavanyo olwandlalelayo lokuqaphela iingxaki i-Grade 8 Baseline Diagnostic Assessment lusebenzisa isixhobo sovavanyo esisekhompyutheni ukucazulula (analyse), ukuhlela (categorise) nokwenza iripoti ngenkqubo yabafundi kwizifundo ezichazwe apha ngasentla ekuqaleni kweminyaka yezifundo yomfundi ngamnye okwimfundo ephakamileyo kwiBakala 8. Kuyathenjwa ukuba le ngcaciso iya kunikwa sisixhobo sokuvavanya iya kwenza izikolo zikwazi ukuthatha isigqibo ngesicwangciso songenelelo ngoncedo esiya kuvala izikroba ezongezelekayo kwezi zifundo nokuphucula ngokunenkqubela (progressively) indlela abaqhuba ngayo abafundi kumabakala aphakamileyo.
9. Kucelwa zonke iinqununu zezikolo zize kwezi ntlanganiso ezilungiselelwe zizithili zazo ukwenzela ukuba zilungiselele ukuqaliswa kweBaseline Diagnostic Assessment ngoJanuwari 2016.
10. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 8 no-9 boLwimi, iMathematika neeSayensi zeNdalo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:08:20