1. Umhla we-25 kuMeyi ukhunjulwa minyaka le kwi-Afrika iphela "njengoSuku lwe-Afrika".

2. Injongo yokukhunjulwa koSuku lwe-Afrika kukubhiyozela umanyano lwe-Afrika nenkululeko yamazwe ase-Afrika awayengamathanga aphantsi kolawulo lwamazwe aseNtshona.

3. Esi sikhumbuzo siya kubonelela ngethuba lokuvuselela ulwazi nokuqonda ngokubanzi ngeenkcubeko ezahlukileyo zase-Afrika ezikolweni, lo gama kukwaqwalaselwa nezizathu ezingunobangela wohlaselo lwabemi bamanye amazwe phakathi kwabahlali.

4. Ziyacelwa iinqununu nootitshala ukuba zifumane ixesha elifanelekileyo apha evekini eyandulela uSuku lwe-Afrika lokwazisa abafundi ngokubaluleka kolu suku kubo bonke abemi beli lizwe.

5. Apha kuqhotyoshelwe la maxwebhu alandelayo:

  • IsiHlomelo sokuncedisa ngemisebenzi yolu suku;
  • Iikopi zoMhobe i-African Union (AU) Anthem;
6. Iifayili ze–AU Anthem kunye nentetho kaThabo Mbeki: I am an African ziyafumaneka kwi-website yeSebe leMfundo laseNtshona Koloni engezantsi ethi: http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/index.php/student-parent-support/africa-day-celebrations

7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane noBridget Tobin, oliSekela leNgcali yeMfundo eyiNtloko leHistory apha kule dilesi ye-imeyili Bridget.Tobin@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefowuni 021 467 2251.

8. Kucelwa wazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:05:08

IsiHlomelo: USUKU LWE-AFRIKA  (ubukhulu: 122 KB)
"African Union (AU) Anthem"  (ubukhulu: 66 KB)
"African Union (AU) Anthem - Notations"  (ubukhulu: 107 KB)
"African Union (AU) Anthem - Audio file"  (ubukhulu: 521 KB)