1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lacelwa liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke ukuba lazise zonke izikolo ezifundisa izifundo zezobugcisa kwiPhondo leNtshona Koloni ngokuqaliswa kwezifundo zobungcali zezobugcisa (technical specialisation subjects) kubandakanywa i-Technical Mathematics ne-Technical Sciences zezikolo zobugcisa.
2. Zonke izikolo zazisiwe ngeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam yeFET i-DCF 0005/2015 ye-13 Februwari 2015 yomhla wokuqalisa.
3. Impumelelo yokuqaliswa kwezifundo zezobugcisa ezitsha, kubandakanywa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences, kuxhomekeke ekuqeshweni kwabasebenzi abanezakhono eziyimfuneko nolwazi lwekhontenti.
4. Ngoko ke kukho imfuneko yokuba kuphuhliswe abo titshala baya kufundisa izifundo zezobugcisa ezitsha. IWCED ityumbe amaziko axhotyiswe kakuhle akufaneleyo ukuqhuba uqeqesho lwaba titshala.
5. Kubalulekile ke ngoko ukuba bonke ootitshala abasuka kwizikolo zezobugcisa babambisane ekuqinisekiseni ukuba ootitshala abafundisa i-Civil, Electrical kunye neMechanical Technology, kubandakanywa nabo titshala abaye batyunjelwa ukufundisa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences, ukuba baye kwiseshoni yoqeqesho yeentsuku ezisixhenxe ukususela ngoMvulo ukuya ngeCawa ngethuba leeholide zesikolo zikaJuni kwakunye neseshoni yoqeqesho yeentsuku ezisixhenxe ngethuba leeholide zikaSeptemba. Imihla neendawo ekuya kubanjelwa kuzo uqeqesho ziya kwaziswa kungekudala.
6. Izifundo zobungcali zezobugcisa zeCAPS ziya kuqaliswa ngokumana ziqaliswa ngokongezelelwayo kwiBakala 10 ukuqala ngo-2016 yaye ke ngoko uqeqesho nokwazisa ngezakhono kufuneka kuqhubeke ngo-2015.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala esikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:24