1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) laliceliwe liSebe leMfundo esiSiseko (DBE) ukuba lazise izikolo ezifundisa izifundo zobugcisa (technical subjects) kwiPhondo leNtshona Koloni ngokuphunyezwa kwezifundo zobugcisa ezikhethekileyo (technical specialisation subjects) ezibandakanya i-Technical Mathematics ne-Technical Sciences kwizikolo zobugcisa. |
2. |
ISebe i-DBE lapapasha iSetyhula S16 ka-2014 ukunika izikolo iingcebiso ngokuphunyezwa kwezi zifundo. |
3. |
UMphathiswa wayivuma i-CAPS njengomgaqo-nkqubo wezifundo ii-technology subjects nezifundo ezibini ezitsha, ekuzezi, Technical Mathematics ne-Technical Science, kwiGazethi kaRhulumente No. 37840 ka-2014. |
4. |
Izifundo zoBugcisa zeCAPS Technical stream ziya kuphunyezwa ngokuqaliswa kwisigaba ngesigaba ngale ndlela: ngo-2016 kwiBakala 10, ngo-2017 kwiBakala 11 ngo-2017 nakwiBakala 12 ngo-2018. |
5. |
Impumelelo yokuphunyezwa kwezifundo zobugcisa ezitsha ixhomekeke kubasebenzi abanezakhono eziyimfuneko nabanolwazi lwekhontenti. |
6. |
Kukho imfuno yokubaxhobisa kwakhona ootitshala abaya kufundisa ezi zifundo zobugcisa zitsha. ISebe iWCED ngako oko likhethe amaziko anezibonelelo ezaneleyo afanelekileyo aza kuqeqesha ootitshala be-Technical Mathematics nabe-Technical Science. |
7. |
Akhethiwe namaziko okuphuhlisa izakhono okuqeqesha ootitshala kwezi zifundo zilandelayo: Civil Technology, Mechanical Technology ne-Electrical Technology. Umhla ocetywayo wolu qeqesho lootitshala ngu-Apreli 2015. |
8. |
Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula bonke ootitshala esikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:02:10
|
|