1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liza kufundisa izifundo eziza kusasazwa ngqo, kusetyenziswa i-interactive Telematic platform (izifundo ezisasazwa ngethekhinoloji yesathalayithi) ukuqala ngoFebruwari - Oktobha 2015. |
2. |
Ezi zifundo ngoFebruwari noMatshi ziya kwenzelwa abafundi abakwiBakala 12 njengangoku kunye nabo abaza kubhala iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC). |
3. |
Abaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela bangaya kwizikolo ezine-Telematic ezikufuphi neendawo abahlala kuzo (jonga isiHlomelo B ukukhangela ezi zikolo). Kufuneka aba baviwa beze kwezi zifundo nezinto zabo zokubhala. Abaviwa abangakwazi ukufikelela kuso nasiphi na isikolo esifakwe kuluhlu olukwisiHlomelo B bangathenga izifundo zokubanika inkxaso ezikwii-DVD ngexabiso elifikelelekayo kwiSebe iWCED ngokuthi bafonele u-EDUMEDIA apha 021 689 9536. |
4. |
Ezi zifundo ziya kwenzelwa la mabakala ahlukeneyo ngolu hlobo lulandelayo:
NgoFebruwari ukuya kuMatshi |
Abafundi beBakala 12 njengangoku kunye nabo babhala iimviwo zokuxabangela |
Ngo-Apreli ukuya ku-Septemba |
AbeBakala 12 |
Ngo-Oktobha |
AbeBakala 11 |
|
5. |
Izifundo eziya kufundiswa zezi zilandelayo kumaBakala 11 no-12:
i-Mathematics
i-Physical Sciences
i-Accounting
i-Geography
i-English FAL
|
i-Life Sciences
i-Business Studies
i-History
i-Afrikaans HL
|
|
6. |
IsiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha sinika uluhlu lwamaxesha-ezifundo. Izihloko zezifundo ziya kunhalwa kwiincwadana zabafundi. |
7. |
Abasasazi (presenters) ziincutshe zootitshala abakhethwe ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo. |
8. |
Njengoko izifundo ziqhutywa emva kweeyure zesikolo apha evekini, kubaluleke gqitha ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi bamaBakala 11 no-12, kwakunye namabhunga olawulo azo. |
9. |
Ukuya kwezi zifundo kwabafundi kuya kubekwa esweni rhoqo nguNdlunkulu nangamagosa ezithili zemfundo. |
10. |
Kuya kulindeleka ukuba iinqununu zinike ingxelo qho ngeveki ngokuya kwabafundi kwezi zifundo kwakunye nempumelelo okanye ubunzima ezibufumanayo malunga nale nkqubo. |
11. |
Ukuba ninayo nayiphi na imibuzo ngale nkqubo, kucelwa ningalibazisi niqhagamshelane noWalter Mercuur, kule nombolo yefoni 021 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili walter.mercuur@westerncape.gov.za |
12. |
Kucelwa iinqununu zezikolo ezingena-Telematics zikhuthaze kwaye zincedise abaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela ukuba basebenzise eli thuba lihle kangaka balinikwayo. |
13. |
Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo; abafundi bamaBakala 11 no-12 kunye nabazali babo okanye abagcini (guardians) babo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:02:02
|
|