1. Ukwenzela ukuncedisa ootitshala nabafundi xa belungiselela iprogram yovavanyo olumiselweyo (formal assessment) lwe-Agricultural Sciences kwiBakala 12, kwakhutshwa iSetyhula S14 ka-2014 liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke.
2. Itheyibhili kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo (efumaneka ngesiNgesi nangesi-Afrikansi kuphela) inika ingcaciso ngeprogram yovavanyo olumiselweyo (programme of formal assessment) ye-Agricultural Sciences kwi-CAPS kwiBakala 12.
3. Okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane makufundwe kunye noxwebhu i-Agricultural Sciences CAPS, olwakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko ngoJanuwari 2012.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kuzo zonke iintloko zezifundo nootitshala be-Agricultural Sciences beBakala 12, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:02:10

IsiHlomelo A: "Programme of Assessment"  (ubukhulu: 20 KB)