1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze incwadana Tips for Success booklet yomviwa ngamnye we-NSC waseNtshona Koloni ngo-2015 ukubanceda kumalungiselelo abo eemviwo. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, ithayimthebhili yoviwo, ingcaciso ngeebhasari, iingcebiso ngokuphumelela kunye nenye ingcaciso eluncedo.
2. Injongo kukuba le ncwadana mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 12 ngoJanuwari 2015.
3. Ukongeza kwezi ncwadana zabaviwa, kufakwe iincwadi ezongezelelweyo ngesikolo ngasinye, ukwenzela utitshala ngamnye wezifundo zeBakala12. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili zemfundo kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ungadlulanga owe-26 Januwari 2015.
4. Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho semfundo. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
5. Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nezo ziphumo zinqwenelekayo zokuncedisa abaviwa xa belungiselela iimviwo zabo, kucetyiswa ngokungamandla ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe zizo neeklasi zabo zeBakala 12 nokuba babakhuthaze abaviwa ukuba bazifunde yaye bazisebenzise.
6. Amaphepha emibuzo eNSC eminyaka edlulileyo neemomorandam zokumakisha zinokufunyanwa apha: http://wced.school.za
7. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:01:16