1. I-Poetry FOR LifeTM liphulo leqela labemi baseMzantsi Afrika eliphembelelwe ngamatshantliziyo emibongo kwamanye amazwe awathi aqalisa iphulo lokuvuselela ubugcisa bamandulo bokufunda nokucengceleza imibongo.
2. Kule minyaka imbalwa idlulileyo, abantu abathanda isihobe e-USA, eCanada, e-Ireland nase-England baqalise kwilizwe ngalinye, ukhuphiswano lukazwelonke lokucengceleza isihobe, nolubanjwa qho ngonyaka noluye lube lukhuphiswano lwamazwe ngamazwe phakathi kwamazwe athatha inxaxheba. Kwilizwe ngalinye ukhuphiswano lwesihobe luqhutywa ngegama elahlukileyo kodwa injongo yalo iyafana – ukukukhuthaza abafundi bezikolo eziphakamileyo ukuba bafunde yaye bacengceleze imibongo.
3. I-Cambridge University ne-Commonwealth Education Trust, besebenzisana ne-South African Poetry Project (ZAPP) benze olu khuphiswano lwe-Poetry FOR LifeTM apha eMzantsi Afrika. Kukho ithemba lokuba olu iya kuba lukhuphiswano lwaqho ngonyaka noluvuleleke kubafundi bamaBakala 10 - 12 abafunda isiNgesi uLwimi lweeNkobe (English HL) noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) kwilizwe liphela.
4. Olu khuphiswano luya kuba namacandelo amabini, yaye umfundi ngamnye ongenele ukhuphiswano, kuya kufuneka afunde yaye acengceleze imibongo emibini ekuludwe lwemibongo ekhethwe ngabaququzeleli. Ngo-2015, kukho imibongo yesiNgesi eyi-55 yamazwe ngamazwe kuludwe nesetyenziswa yiprogram yesihobe e-England; neyi-56 yaseMzantsi Afrika, ekhethwe yi-ZAPP (funda isihlomelo esiqhotyoshelweyo ukufumana iinkcukacha zeprogram, ilisti yemibongo nefom yokungenela).
5. Zonke izikolo ziyakhuthazwa ukuba zibhalise yaye zithathe inxaxheba kolu khuphiswano ludala umdla.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:01:16

"Isihlomelo"  (ubukhulu: 178 KB)