Umhla wokuphelelwa: 31 Matshi 2016



1. Ngokwemiqathango yomgaqo-nkqubo kazwelonke nemimiselo esetyenziswayo xa kuqhutywa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kubaluleke kakhulu gqitha ukuba ZONKE iimviwo ziqhutywe ngendlela ethembekileyo (with intergrity).

2. Iimviwo zeprakhtikhali zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) kwi-Computer Applications Technology nakwi-Information Technology zilubeka emngciphekweni omkhulu ukhuseleko lwedatha (security of data). Oku kubangelwa kukuba kusetyenziswa kwa ezi khompyutha zinye eluviweni ezisetyenziswa ngexesha lezifundo kwanangenxa yokuba kufuneka kukotshwe iifayili kwikhompyutha yalowo nalowo mviwa (individual computers) ukwenzela abevi. Ngako oko ke ukuqinisekisa ukhuseleko lwedatha kubaluleke gqitha ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuthembeka kwezi mviwo.

3. Le ingcaciso inemiyalelo ejolise ngqo kokuthile nangakumbi (very specific instructions) NEMAYILANDELWE ngabo bonke abagadi babaviwa nabanye ootitshala/abasebenzi abathatha inxaxheba kulawulo nasekuqhutyweni kweemviwo ekusetyenziswa kuzo iikhompyutha. Iinqununu nabaphathi bamaziko okubhalela iimviwo, abangamagosa eemviwo, mabaqinisekise ukuba ilandelwa ngqo le miyalelo ngawo onke amaxesha.

4. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neMiqathango emalunga noKuqhutywa, uKulawulwa noKuphathwa kweeMvavanyo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (Regulations pertaining to the Conducting, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate), (isiHlomelo G) (IGazethi kaRhulumente No. 313337 ye-29 Agasti 2008).

5. Apha kule ingcaciso kuqhotyoshelwe ezi zihloneyelwa zilandelayo. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba uyifundile wayiqonda imiyalelo equlethwe kwezi zihlonyelwa ukuze apho kuyimfuneko uzalise ilisti yokutshekisha echaphazelekayo:
5.1 ISIHLOMELO A: Ezona mfuno zisezantsi zokufundiswa kwe-Computer Applications Technology ne-Information Technology
5.2 ISIHLOMELO B: Imisebenzi eluxanduva
5.3 ISIHLOMELO C: Iilisti zokutshekisha (Checklists)

6. Bonke abagadi babaviwa nootitshala abaqeshelwe ukuqhuba iimviwo zeprakhtikhali ze-Computer Applications Technology neze-Information Technology mabaye kwiiseshoni zoqeqesho eziququzelelwe liSebe iWCED.

7. Kucelwa uqaphele ukuba inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko, notitshala we-Computer Applications Technology kunye/okanye owe-Information Technology mababekho kwigumbi lokubhalela uviwo xa kukhutshelwa iiCDs zokugqibela (when the final CDs are written). Mabazalise baze basayine ngokunjalo ilisti yokutshekisha (ISIHLOMELO C).

8. Kuvumeleke iiseshoni ezimbini ezizezona zininzi kuphela. Kucetyiswa la maxesha amiselweyo alandelayo okuhlalela uviwo:
8.1 UKUHLALELA UVIWO KANYE

INKCAZO IXESHA ELISIKELWE OKU UBUDE BEXESHA
Ukuhlala kwilebhu yekhompyutha   08:30
Ukunikwa kwamakhadi okungena (access cards) Inkqubo yokuloga ungene nokunika elinye igama ifolda yoviwo 15 imizuzu 08:35 - 08:50
Ixesha lokufunda 10 imizuzu 08:50 - 09:00
Iphepha 1 (Iprakhtikhali) 3 iiyure 09:00 - 12:00
Ukugqibezela ukutshekisha, ukuqokelela iifolda, nokukhuphela iCDs (burn CDs) 120 imizuzu (lixhomekeke kwinani labaviwa) 12:00 - 14:00
8.2 UKUHLALELA UVIWO KABINI

INKCAZO IXESHA ELISIKELWE OKU UKUHLALELA UVIWO OKOKUQALA UKUHLALELA UVIWO OKWESIBINI
Ukuhlala kwilebhu yekhompyutha   07:30 13:00
Ukunikwa kwamakhadi okungena, inkqubo yokuloga ungene nokunika elinye igama ifolda yoviwo 15 imizuzu 07:35 - 07:50 13:05 - 13:20
Ixesha lokufunda 10 imizuzu 07:50 - 08:00 13:20 - 13:30
Iphepha 1 (Iprakhtikhali) 3 iiyure 08:00 - 11:00 13:30 - 16:30
Ukugqibezela ukutshekisha, ukuqokelela iifolda, nokukhuphela iCDs (burn CDs), ukucima konke okukwikhompyutha (clean computers) njl.njl. 120 imizuzu (lixhomekeke kwinani labaviwa) 11:00 - 13:00 16:30 - 18:30 (Ukuhlala okwesibini kunokuqala kwangoko

(Kucelwa uqaphele ukuba apho kukho amaxesha amabini okuhlalela uviwo (two sittings,) MAKWAZISWE abaviwa nabazali babo ngaloo malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo).


9. II-NETHIWEKHI (NETWORKS)
9.1 Unxibelelwano lwee-Peer-to-peer networks aluboneleli ngamanqanaba afanayo okhuseleko njenge-server-based networks yaye akuvunyelwanga ukusetyenziswa kwalo yaye izikolo mazenze lungasebenzi olu nxibelelwano (dismantle) ngexesha lokuqhutywa koviwo kwaye mazisebenzise iikhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).
9.2 Apho kukho ubungqina bokuba ii-SERVER-BASED networks, azizinzanga (unstable) kunye/okanye ukhuseleko oluyimfuneko alunakuqinisekiswa, unxibelelwano lwazo malwenziwe lungasebenzi (dismantle) zize iikhompyutha zisetyenziswe njengezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).
10. Kwezinye iinethiwekhi kunokwenzeka ukuba kugcinwe inkcazo (log) engokuba ngubani na okhe wafikelela kwaye kweziphi na iifolda. Ukuba inethiwekhi yakho inaso esi sibonelelo, mayenziwe isebenze le nkqubo ngexesha lokubhala iimviwo ize igcinwe emva kokugqitywa koviwo, ukwenzela ukuphendula imibuzo enokubuzwa emalunga nezitenxo. Le fayili yenkcazo yelog mayikhutshelwe kwiCD kunye neefolda zabaviwa.

11. Amagosa eSebe iWCED aya kutyelela iindawo zokubhalela iimviwo phambikokuqala kokubhalwa koviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iinethiwekhi nee-workstations zeekhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone workstations) zilungiswe kakuhle nokuba imiyalelo ekule ingcaciso ithotyelwe.

12. Ukuba kumka umbane ngexesha lokubhala uviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
12.1 Umphathi weziko lokubhalela makazise ngoko nangoko abasemagunyeni baloo ngingqi (local authorities) kwaye makazame ukufumana apho kubo ukuba ngaba umbane uya kumka ithuba elingakanani na, ukuba oko kunokwenzeka.
12.2 Makwaziswe iSebe iWCED ngoko nangoko ngokumka kombane. Xhulumana no mnumzana u Clive Berry kule nombolo 021-4672265/2957.
12.3 Abaviwa mabahlale kwiqumbi elineekhomyutha (computer room) de umbane ubuye. Abaviwa mabangathethi omnye nomnye ngexesha belinde ukubuya kombane. Ixesha abaphulukene nalo ngethuba lokumka kombane liya kubuyiswa njengexesha elongeziweyo loviwo.
12.4 Ukuba emva kweeyure ezimbini (2), umbane awukabuyi, uviwo luya kuhlehliselwa elinyeIxesha kwakuba kubhungiswene neCandelo loLawulo lweeMviwo leSebe iWCED.
12.5 Umsebenzi ogqityiweyo ngabaviwa uya kugqithiswa uze ungeniswe kwiSebe iWCED kunye namaxwebhu
12.6 Kwimeko apho uviwo luye lwarhoxiswa ngenxa yokumka kombane, abafundi mababhale iphepha i-backup paper ngomnye umhla omiselwe liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke.
12.7 Kwimeko apho iiseshoni ezimbini zoviwo zicwangciselwe ixesha loviwo, elileli, kusasa nasemva kwemini, le nkqubo ingentla inokusetyenziswa kwezo seshoni zoviwo kumke ngazo umbane.

13. Kwimeko yokonakala kweekhomyutha (computer breakdowns) ngexesha loviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
13.1 Abaviwa mabasuswe ngokukhawuleza basiwe kwezo zixhobo ze-backup equipment, baze bongezelwe ixesha elifanelekileyo.
13.2 Akukho xesha liya kongezwa ngenxa yomsebenzi ekuphulukenwe nawo kuba ungakhange ugcinwe ngokuchanekileyo (not correctly saved).
13.3 Abaviwa mabaligqibe iphepha lemibuzo yoviwo ngexesha elimisiweyo.
13.4 Makunikwe ingxelo epheleleyo malunga nemo yomonakalo owenzekileyo kwikhompyutha ndawonye nenyathelo elithatyathiweyo.

14. Ukungalandelwa ngqo kwale miyalelo ikule ingcaciso kungakhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo oluleko nokubekwa ityala lowo ungayithobelanga ngokomthetho osebenzayo.

15. Kucelwa uqhagamshelane noMnu I Francis (ifoni 021 467 2549 okanye idilesi ye-imeyili Ighsaan.Francis@westerncape.gov.za ukuba ufuna ukucaciselwa nangakumbi kunye/okanye uncedo.

16. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba ikopi yale ingcaciso inikwa bonke ootitshala nabagadi babaviwa be-Computer Applications Technology nabe-Information Technology.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:10:01

"Government Gazette No. 31337"  (ubukhulu: 6 241 KB)
IsiHlomelo A: Ezona mfuno zisezantsi zokufundiswa kwe-Computer Applications Technology ne-Information Technology  (ubukhulu: 34 KB)
IsiHlomelo B: Imisebenzi eluxanduva  (ubukhulu: 45 KB)
IsiHlomelo C: Iilisti zokutshekisha  (ubukhulu: 111 KB)