1. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lakhupha iSetyhula S9 ka-2015 emalunga nokubekwa mgangathweni-mnye kwezixhobo ii-software tools zokuphumeza nokufikelela kwi-Computer Applications Technology (CAT) ne-Information Technology (IT) kwizikolo ezibhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zeSebe iDBE.

2. I-Computer Applications Technology
2.1 Ukususela ngoJanuwari 2016, iSebe iDBE liya kusebenzisa kuphela u-Microsoft Office suite ukuphumeza ukufikelela kwikharityhulam ye-CAT.
2.2 Kuphela ziinguqulelo zakhutshanje ezimbini zika-MS Office suite oko kukuthi u-MS Office 2010 no-MS Office 2013, eziya kusetyenziswa.
2.3 Xa kunokwenzeka ukuba kukhutshwe iinguqulelo ezintsha zika-MS Office suite, ukupheliswa kweenguqulelo ezindala nokuphunyezwa kweenguqulelo ezintsha kuya kwaziswa kubo bonke abachaphazelekayo.
2.4 Ukubekwa mgangathweni-mnye kwezixhobo ii-CAT software tools akufuni naluphi na uqeqesho okanye izibonelelo ezitsha njengoko izikolole zizisebenzisa ezi zizixhobo kungokunje.
2.5 Kucelwa niqaphele ukuba ukubekwa mgangathweni-mnye akuluchaphazeli uhlanganiso i-e-Learning/Information and Communication Technology (ICT) integration kwamanye amabakala apho nasiphi na isixhobo se-software esithathwa njengesifanelekileyo, sinako ukusetyenziswa.

3. I-Information Technology
3.1 Ulwimi lokuprogramela ukuphumeza nokuvavanya ikharityhulam ye-IT luya kubekwa mgangathweni-mnye kusetyenziswa i-Object Pascal (Delphi).
3.2 Ukubekwa mgangathweni-mnye kwesixhobo i-IT software tool siyalufuna uqeqesho yaye luya kwenziwa ngolu hlobo lulandelayo:
3.2.1 KwiBakala 11 ngoJanuwari 2016; kunye
3.2.2 nakwiBakala 12 ngoJanuwari 2017.
3.3 Ukususela ngoNovemba 2017, iSebe i-DBE liya kusebenzisa kuphela i-Object Pascal (Delphi) kuvavanyo kwiimviwo ze-IT ze-NSC.

4. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane inikwa bonke ootitshala be-Computer Applications Technology ne-Information Technology.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:28

"DBE Circular S9 of 2015"  (ubukhulu: 41 KB)