1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) lipapashe iSetyhula S4 ka-2015 njengesihlomelo soxwebhu oluprintiweyo lweNkcazelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo lweBakala 12 loLwazi ngezoBomi.
2. Esi sihlomelo siphathelele kwiProgram yoVavanyo (Programme of Assessment) (PoA) ebhalwe kwikhasi 27 loxwebhu oluprintiweyo lweCAPS.
3. Ngokoxwebhu lweCAPS, iPoA (eyiProkethi) iqhutywa kwikota yesibini kodwa kufuneka ingeniswe kwikota yesithathu, njengoko kuchaziweyo kwikhasi 29 loxwebhu lweCAPS kumhlathi 4.5.2.

IBakala 12: IProgram yoVavanyo (iPoA)
IKota 1 IKota 2 IKota 3 IKota 4
Umsebenzi 1
Umsebenzi
obhalwayo: 80
amanqaku
Umsebenzi 5
I-PET: 20 amanqaku
Umsebenzi 2
Uviwo lwesiqingatha
sonyaka: 80 amanqaku
Umsebenzi 3
Iprojekthi: 80 amanqaku
Umsebenzi 5
I-PET: 40 amanqaku
Umsebenzi 4
Uviwo lokuphela
konyaka:
80 amanqaku
Umsebenzi 5
I-PET: 20 amanqaku
 

4. Ngokumalunga nokurekhoda nokunika iripoti ngenkqubo yomfundi weBakala 12, le projekthi irekhodwa ize inike iripoti malunga nayo kwiKota 2. Oku kubangele ukungangqinelani kwezinto kumaphondo njengoko le nkqubo iqaliswe ngokwahlukeneyo kwisistim iphela.
5. Kwiintlanganiso zeekomiti zoLwazi ngezoBomi zomhla we-05 Februwari 2015 nowe-10 Juni 2015 ngokulandelelanayo, kwaye kwavakaliswa iinkxalabo ngokomhlathi 4.5 ngokumalunga nePoA ebhalwe kwikhasi 27, utoliko lwekhasi 29 lomhlathi 4.5.2 nokwenza iripoti kunye nokurekhoda malunga nePoA njengoko ibhalwe kwikhasi 33 elixhaswa yitheyibhile elapha ngasezantsi:

IKota Umsebenzi wovavanyo Amanqaku ekota nganye I-% yonyaka
Ukurekhoda Ukwenza iripoti
1 Umsebenzi obhalwayo 80 100 25%
I-PET 20
2 Uviwo lwesiqingatha sonyaka 80 200 50%
Iprojekthi 80
I-PET 40
3 Uviwo lokuphela konyaka 80 100 25%
I-PET 20
Amanqaku ewonke 400 400 100%
6. Nangona ukwenza iripoti yeProjekthi kucace gca, ixesha lokuyingenisa libangela ukudideka.
7. ISetyhula yeDBE ifuna ukunika ingcaciso ukuba le projekthi mayingeniswe kwaye irekhodwe kwiKota 2 njengakumhlathi 4.5.2. Esi sihlomelo siyafumaneka kwakhona kwiziko lewebhu leDBE http://www.education.gov.za phantsi kweCAPS.
8. Esi sihlomelo masifundwe namaxwebhu eCAPS aprintiweyo kunye neempazamo zeCAPS ezikuxwebhu (original CAPS errata) ezipapashwe phantsi kweSetyhula S11 ka-2013, ezifumaneka kwiziko lewebhu yeDBE.
9. Kucelwa wazise okubhalwe kwiSetyhula bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi bezikolo zikarhulumente kunye nabezikolo ezizimeleyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:02