1. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lakhupha iSetyhula S10 ka-2015 malunga nokuqaliswa ngezigaba kweMandarin njengolwimi olungelulo olwaseburhulumenteni ukususela ngo-2016 ukuya ku-2018.
2. ULwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (Second Additional Language) kumaBakala 4 ukuya ku-9 luya kuthathwa njengesifundo esongezelelweyo esingayi kuthathelwa ngqalelo kwiimfuno ezimiselweyo zokupasa, njengoko kucacisiwe kumhlathi 14 woMgaqo-nkqubo i-National Policy Pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement Grades R to 12.
3. Ngaphezu koko ukufundiswa kweMandarin kumaBakala 4 ukuya ku-9 njengoLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo akuqhubeki ngexesha lokufundisa yaye akubandakanywa kwiimfuno ezimiselweyo zokupasa. Iilwimi ezinganyanzelekanga zinokufundiswa xa ngaba isikolo sinokwenza amalungiselelo okwabiwa kwexesha elongezelelweyo eliziiyure eziyi-27.5 kwixesha lokufundisa laqho ngeveki.
4. Ukuqaliswa kweMandarin kuya kwenziwa ngezigaba ezikolweni ngolu hlobo lulandelayo: kumaBakala 4 ukuya ku-9 nakwiBakala 10 kuya kuqaliswa ngoJanuwari 2016, kulandeliswe ngeBakala 11 ngo-2017 neBakala 12 ngo-2018.
5. Ukuqaliswa kolwimi olunganyanzelekanga (optional language) kwiSigaba esiPhakathi (amaBakala 4-6) nakwiSigaba saBadala (amaBakala 7-9) kwizikolo zikarhulumente kuxhomekeke ekuvunyweni kwalo yiNtloko yezeMfundo yePhondo.
6. Ukulungiselela iSigaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET)) (amaBakala 10-12), ngokuxhomekeke kumhlathi 28(5) nomhlathi no-28(6) kuMgaqo-nkqubo i-National Policy Pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statements Grades R to 12, zinokufundiswa izifundo ezithathu ubuncinane nokuba zeziphi na ezikhethwe kwiQela B kwisiHlomelo B, kwiiTheyibhile B1-B8 zoxwebhu olukhankanyiweyo. Kwizifundo ezifunekayo ezithathu ezizizona zimbalwa, iilwimi ezimbini ezongezelelweyo ezizezona zininzi ngaphezu kwezo lwimi zaseburhulumenteni zimbini ezichatshazelweyo kumhlathana (a), zinokufundiswa kuzo zombini iTheyibhile A1 no-B4 zolu xwebhu lungentla.
7. Izikolo ezinqwenela ukuqalisa i-Mandarin mazisebenzise inkqubo efanayo naleyo ichazwe kwiSetyhula 11 of 2010 – UKWANIDISA OKANYE UKUNCIPHISA INANI LAMABAKALA OKANYE LEZIFUNDO OKANYE UKUTSHINTSHA ULWIMI LOKUFUNDISA (AMABAKALA R-12). Umhla wokuvala kwizicelo zokuqaliswa kweMandarin ushenxiselwe kwi-30 Septemba 2015.
8. Ukulungiselela ukuqaliswa koku, amaxwebhu eCAPS achaphazelekayo, ayafumaneka kwiziko lewebhu leSebe iDBE: www.education.gov.za phantsi koCAPS.
9. KwiSetyhula ifanele ukufundwa namaxwebhu eCAPS eMandarin.
10. Uyacelwa ukuba wazise okuqulethwe kwiSetyhula onke amagosa amaphondo nawezithili, iinqununu nootitshala bezikolo zikarhulumente nabezikolo ezizimeleyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:03