1. INtloko yezeMfundo inike imvume yokuba kunokuqhutywa uphononongo (study) yi-Human Science Research Council (HSRC) malunga nokuxhaphaka kwe-HIV/AIDS phakathi kootitshala naphakathi kwabasebenzi bezolawulo nakwabanika inkxaso kwizikolo eziziprayimari nezizisekondari ezikhethiweyo. Olu phononongo luyinxalenye yeSaveyi kaZwelonke ebandakanya amaphondo olithoba.
2. Izikolo zazikhethwe ngokungamiselwanga (randomly selected) liSebe leMfundo esiSiseko yaye ukuthatha inxaxheba kootitshala, kwabasebenzi bezolawulo nakwabanika inkxaso kukuzithandela. Kuvunyiwe nokuba ootitshala nabasebenzi bezolawulo nabanika inkxaso banokubuzwa imibuzo kudliwano-ndlebe ligqiza labaphandi phakathi ko-14:00 no-16:00. Ithuba eliya kuthathwa yile khweshine liya kuba malunga neyure enye.
3. Le program iya kuqhubeka ngethuba leKota yesiThathu yaye ikomiti evela kwi-HSRC iya qhagamshelana ngqo nesikolo.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abathathi-nxaxheba ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:24