1. Ukususela ngo-2015 uNcwadi lweMveli (Folklore) luya kuba yinxalenye yeCandelo B kwiPhepha 2 leeLwimi zeeNkobe zase-Afrika (African Home Languages) kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).
2. KwiPhepha 2 umviwa uya kukhethiswa ukuphendula ikhomponenti yeNOVELI okanye eyoNCWADI LWEMVELI kwiCandelo B, nenamanqaku ayi-25 ewonke.
3. Oku kuthetha ukuba uNcwadi lweMveli ludidi loncwadi (genre) olunganyanzelekanga (optional). Abaviwa abafunda iiLwimi zeeNkobe zase-Afrika (African Home Languages) banokukhetha ukufunda uNcwadi lweMveli okanye inoveli apha kunyaka wokufunda.
4. Okuhamba nale ngcaciso imfutshane liphepha lemibuzo elingumzekelo loNcwadi lweMveli kwiiLwimi zeeNkobe zase-Afrika, iPhepha 2 (African Home Languages Paper 2) kwiBakala 12, ukulungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2015.
5. Kukwaqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane ilisti yeZihloko ezimiselweyo zoNcwadi lweMveli zamaBali nemiBongo (Folk Narratives and Folk Poetry Titles) ezifundwa kwiBakala 12 kuzo zonke iiLwimi zeeNkobe zase-Afrika (African Home Languages) kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo ezizimeleyo ukususela ngo-2015 ukubheka phambili.
6. Eli phepha lemibuzo lingumzekelo liya kunceda izikolo ekubeni zenze njani na xa zivavanya yaye zidibanisa iingoma, izaci, amaqhalo namaqhina kunye namabali emveli nemibongo yemveli.
7. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeLwimi zeeNkobe zase-Afrika ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:10

"IsiXhosa HL P2 Folklore Exemplar 2015"  (ubukhulu: 47 KB)
"IsiXhosa HL P2 Folklore Exemplar 2015 Memo"  (ubukhulu: 53 KB)
"Sesotho HL P2 Folklore Exemplar 2015"  (ubukhulu: 47 KB)
"Sesotho HL P2 Folklore Exemplar 2015 Memo"  (ubukhulu: 54 KB)
"Setswana HL P2 Folklore Exemplar 2015"  (ubukhulu: 50 KB)
"Setswana HL P2 Folklore Exemplar 2015 Memo"  (ubukhulu: 67 KB)
"2015 List of Prescribed books for African Languages"  (ubukhulu: 1 841 KB)