1. Le ngcaciso emfutshane icacisa ngee-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate (NSC) examination ngokumalunga nethuba lokusebenza ngokusemthethweni koVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School-Based Assessment) (SBA), uMsebenzi woVavanyo oyiPrakthikhali (Practical Assessment Task) (PAT), uVavanyo lwePrakthikhali (Practical Assessment) namanqaku eOrali oLwimi (Language Oral marks).
2. Ummiselwana (3) woMmiselo 7, (ikhasi 3) kwimimiselo efakelwe izilungiso ii-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the NSC examination (Government Gazette No. 354297 of 7 June 2012) ucacisa ukuba, "Amanqaku oVavanyo oluQhubekela eSikolweni afunyenwe ngumviwa ophindayo kuviwo lwakhe lokugqibela lweNSC aya kusebenza ngokusemthethweni ithuba leminyaka emihlanu (5) emva kokugqitywa koviwo lokuqala lweNSC olubhalwe ngumviwa".
3. Ngokwalo mmiselo, amanqaku e-SBA, e-PAT, oVavanyo lwePrakthikhali namanqaku eOrali oLwimi omviwa owayebhale uviwo lweNSC ngo-2008 nakwiminyaka elandelayo emva koko aya kusebenza ngokusemthethweni iminyaka emihlanu (5) emva komhla woviwo njengoko kubonisiweyo kwitheyibhile yokuqala (1).

ITheyibhile 1
UNYAKA WOKUQALA WOVIWO LWE-NSC ITHUBA LOKUSEBENZA NGOKUSEMTHETHWENI KAMANQAKU EORALI OLWIMI
2008 NgoNovemba 2013 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2009 NgoNovemba 2014 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2010 NgoNovemba 2015 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2011 NgoNovemba 2016 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2012 NgoNovemba 2017 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2013 NgoNovemba 2018 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko

4. Ummiselwana (I) (ikhasi 13), woMmiselo 7, kwii-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the NSC examination (Government Gazette No. 37651 of 16 May 2014) ucacisa ukuba "Ukuqala ngo-2014 ithuba elingaphezulu lokusebenza ngokusemthethweni kwamanqaku liya kutshintsha ukusuka kwiminyaka emihlanu (5) ukuya kwiminyaka emithathu (3), ukuba ngaba kuye kwenziwa esinye isiqinisekiso samabanga emfundo sabaviwa abaphindayo nabangesosigxina (repeaters and part-time candidates).
5. Ukuqala ngo-2014 ukubheka phambili ithuba elingummiselo ophezulu lokusebenza kwe-SBA, kwe-PAT, koVavanyo lwePrakthikhali nolwamanqaku eOrali oLwimi liyatshintsha ukusuka kwiminyaka emihlanu (5) ukuya kwiminyaka emithathu (3) emva kokuhlala okokuqala koviwo lweNSC, oko kukuthi, abaviwa abaphindayo ababebhale uviwo ngo-2014 lweNSC banethuba elikukuphela kwalo qwaba ukuya kutsho ku-2017 ukugqiba i-NSC yabo ngaphandle kokunyanzeleka ukuba bangenise amanqaku amatsha abo e-SBA, e-PAT, oVavanyo lwePrakthikhali kunye/okanye namanqaku eOrali oLwimi.

Le theyibhile elandelayo ibonisa ithuba lokusebenza ngokusemthethweni kwamanqaku ukuqala ngo-2014 ukuya kwithuba eliya kuphinde laziswe:
UNYAKA WOKUQALA WOVIWO LWE-NSC ITHUBA LOKUSEBENZA NGOKUSEMTHETHWENI KWAMANQAKU EORALI OLWIMI
2014 NgoNovemba 2017 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2015 NgoNovemba 2018 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko
2016 NgoNovemba 2019 nakuviwo lokuxabangela olulandela emva koko

6. Kucelwa iinqununu zazise le ngcaciso bonke abaviwa abaphindayo nabafundi abangoontanga babo ngo-2015 (cohort of learners) ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:08