1. Kwenziwa isicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo A, ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba ziimodareyitha zangaphakathi, abamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi aziintloko nabamakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ukususela ngoNovemba 2015 ukuya kutsho ngoNovemba 2017 (kubandakanywa neeMviwo zokuXabangela (Supplementary Examinations) zangoFebruwari – Matshi phakathi ko-2016 no-2018 (apho kufanelekileyo) kunye neemviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) ukususela ngoJuni 2016 ukuya kutsho ngoJuni ngo-2018.

2. Uluhlu lwezifundo zeNSC neSC zibhaliwe kwiTheyibhile 1 lo gama iTheyibhile 2 ijoliswe kuphela kwiNSC.

ITheyibhile 1: Uluhlu lwezifundo eziviwa kwiNSC neSC

IZIFUNDO IZIFUNDO
Afrikaans Home Language Afrikaans First Additional Language
Agricultural Sciences Computer Applications Technology
English First Additional Language Information Technology
IsiXhosa Home Language IsiXhosa First Additional Language
Religion Studies Sesotho Home Language
Setswana Home Language

ITheyibhile 2: Uluhlu lwezifundo eziviwa kuphela kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke:

IZIFUNDO IZIFUNDO
Afrikaans Second Additional Language Agricultural Technology
Agricultural Management Practices Civil Technology
Dance Studies Design (Theory)
Design (Practical) Dramatic Arts
Engineering Graphics and Design Electrical Technology
Hospitality Studies IsiXhosa Second Additional Language
Mechanical Technology Music
Tourism Visual Arts

3. Inani lamagosa okumakisha eliqeshwayo liya kuxhomekeka kwinani labamakishi elifunekayo kwiphepha elithile.

4. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) liqwalasela inkqubo yokumakishelwa ndawonye kwezifundo ezincinane ezikhethiweyo ngo-2015. Uluhlu lwezifundo luya kwaziswa kwabo banqwenela ukuba ngabamakishi nje ukuba lenziwe lifumaneke lisuka kwiDBE.

5. Kwimeko apho olo luhlu lufumanekayo khona emva kokuba inkqubo yokuqesha abamakishi seyenziwe, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) alisayi kuba nandlela yimbi ngaphandle kokuba likuyekise oko kuqeshwa kwenziwe kwezo zifundo zikhethiweyo.

6. Amagosa azifaneleyo ezi khrayitheriya zokuqeshwa (isiHlomelo A) navelisa ireyithi yokupasa yesikolo ka-70% kuviwo lweNSC lwangoNovemba 2014 kwisifundo esifundisiweyo, kucelwa ukuba enze izicelo zezi zithuba zikhankanywe apha ngentla. Kucelwa ukuba ungenise ifom yesicelo (isiHlomelo B) ne-declaration form (isiHlomelo C) kwiWCED ungadlulanga owe-17 Apreli 2015.

7. Ukungeniswa kwezicelo
7.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yaye kufuneka zikhatshwe kokulandelayo:

  • I-declaration form ezaliswe ngokupheleleyo, ekopi yayo eqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane njengoku- (isiHlomelo C).
7.2 Bonke abenzi-sicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo
  • Ikopi /iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi semfundo/ iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo.
7.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor, Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

7.4 Izicelo mazifike eWCED ungadlulanga owe-17 Apreli 2015. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964.

8. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa incwadi yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neWCED. Enye imbalelwano ephathelele kwinkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

9. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke kakhulu kwinkqubo yoviwo. I-WCED iyazingca ngokuqesha kwayo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mabakwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokufanelekileyo ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala.

10. Kubaluleke kakhulu ukuba iinqununu, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi bezeIMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso emfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba bazazi iikhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo zabo. ICandelo loLawulo loVavanyo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso emfutshane.

11. I-WCED ixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yakho ngalo mba ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:27

IsiHlomelo A: Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi  (ubukhulu: 62 KB)
IsiHlomelo B: "Application form for marking"  (ubukhulu: 64 KB)
IsiHlomelo C: "Declaration"  (ubukhulu: 64 KB)
"Employment of Educators Act"  (ubukhulu: 160 KB)