1. Kucelwa ootitshala abazanelisayo ezi khrayitheriya zicaciswe kwisiHlomelo A ukuba benze izicelo zezithuba zaBamakishi abaziiNtloko naBamakishi abaQhelekileyo bokumodareyitha okwenzelwa ndawonye kweeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (ANA) kumaBakala 3, 6 no- 9 ngo-2015. Kuya kulindeleka ukuba utitshala angene kwesi sikhundla ithuba leminyaka emithathu ukususela ngo-2015 ukuya ku-2017, ngokuxhomekeke kwintsebenzo eyanelisayo kunyaka ngamnye.
2. Kuya kumakishwa ezi zifundo zilandelayo:

IBakala Isifundo
3 IsiNgesi uLwimi lweeNkobe
Afrikaans Huistaal
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe
SeSotho Puo Ya Lapeng
Mathematics - English
Wiskunde – Afrikaans
IMathematika - IsiXhosa
Mmetse - Sesotho
6 IsiNgesi uLwimi lweeNkobe
Afrikaans Huistaal
IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo
IMathematika
Wiskunde
9 IsiNgesi uLwimi lweeNkobe
Afrikaans Huistaal
IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo
IMathematika
Wiskunde
3. Izicelo zokumakisha mazingeniswe kwifom yesiHlomelo B eqhotyoshelweyo kwisithili semfundo esichaphazelekayo ukuze ziqwalaselwe nguMququzeleli woVavanyo okanye yiNtloko yoQuquzelelo neNgcebiso ngezeKharityhulam. Izicelo mazifike kwii-ofisi zezithili zemfundo ungadlulanga owe-15 Meyi 2015. Kule theyibhile ilapha ngezantsi kubhalwe uluhlu lwaBaququzeleli boVavanyo okanye lweeNtloko zoQuquzelelo neNgcebiso ngezeKharityhulam kunye neenombolo zabo zefoni:

Isithili semfundo UMququzeleli woVavanyo /
iNtloko yoQuquzelelo neNgcebiso ngezeKharityhulam
Ifoni
ISithili iCape Winelands Nks Monica Stanley 023 348 4655
ISithili i-Eden & Central Karoo Nks Alta Raath 044 803 8329
ISithili iMetro Central Mnu Johann Afrika 021 514 6970
ISithili iMetro East Nks Geraldine Kirchner 021 300 7029
ISithili iMetro North Dr Ludwig Punt 021 938 3011
ISithili iMetro South Nks Charmaine Pietersen 021 370 2067
ISithili i-Overberg Mnu Trevor de Bruyn 028 214 7364
ISithili iWEST COAST Nks Heather Van Ster 021 860 1205
4. Ukumakishwa kwee-ANA kuya kuqhutywa ukususela nge-3 – 11 Oktobha 2015, kwiziko lokumakishela elikhethiweyo kwisithili semfundo ngasinye. Kucelwa abamakishi ukuba bancede bafumaneke ngalo lonke ithuba lokumakishwa kweemvavanyo zikazwelonke zonyaka.
5. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngencwadi ebhaliweyo sisithili semfundo esichaphazelekayo yaye baya kucelwa basayine imvumelwano yengqesho yeminyaka emithathu neSebe leMfundo leNtshona Koloni.
6. Umgangatho wokumakisha uxhomekeke ekuqeshweni kwabamakishi abanobuchule. Sicela ukuba iinqununu zezikolo zibakhuthaze ootitshala bakuvume ukwenza inkonzo yokumakishwa kwee-ANA.
7. Ootitshala baya kuhlawulwa ngokweentlawulo ezimiselweyo ezibhalwe kwiMimiselo yoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administrative Measures) (PAM).
8. Kucelwa iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam bazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:27

IsiHlomelo A: IIKHRAYITHERIYA ZOKUTYUNJWA KWAMAGOSA ANGABAMAKISHI  (ubukhulu: 60 KB)
IsiHlomelo B: "ANA moderation marking application profile"  (ubukhulu: 45 KB)