1. Kwenziwa isicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya (ezicaciswe kwisiHlomelo A), ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba ziimodareyitha zangaphakathi, abamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi aziintloko nabamakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ukususela ngoNovemba 2015 ukuya kutsho ngoNovemba 2017 (kubandakanywa neeMviwo zokuXabangela (Supplementary Examinations) zangoFebruwari – Matshi 2015 [apho kufanelekileyo]) kunye neemviwo zeSatifikethi seMatriki ukususela ngoJuni 2016 ukuya kutsho ngoJuni ngo-2018.

2. Ngo-2015, iWCED iya kuba iqhuba iimvavanyo zobuchule kwezi zifundo zilandelayo: Accounting, Business Studies, Economics, English Home Language, Geography, History, Life Sciences, Mathematics, Physical Sciences, Consumer Studies ne-Mathematical Literacy.

3. Kuphela ngabenzi-sicelo abafumana amanqaku ayi-60% nangaphezulu kwiimvavanyo zobuchule abaya kuqatshelelwa ukuqeshwa njengamagosa angabamakishi.

4. Abenzi-sicelo abaye babhala uvavanyo lobuchule kwi-Accounting, Business Studies, Economics, English Home Language, Geography, History, Life Sciences, Mathematics, Physical Sciences, Consumer Studies ne-Mathematical Literacy ngo-2011, 2012, 2013 kunye/okanye nango-2014 nababefumene ireyithi yokupasa ye-60% nangaphezulu akukho mfuneko yokuba baphinde babhale uvavanyo lobuchule kwezi zifundo ngo-2015. Nakuba kunjalo, kukhuthazwa ootitshala ukuba babhale iimvavanyo zobuchule apho banqwenela ukuphucula iziphumo zabo.

5. Amalungiselelo amalunga nokubhalwa kweemvavanyo zobuchule
5.1 Kuya kwenziwa zonke iinzame zokuba kulungiselelwe abenzi-sicelo kwindawo ekwisithili semfundo sabo kufutshane nalapho bahlala khona. Ingcaciso ngeendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo iimvavanyo zobuchule iya kwaziswa kumenzi-sicelo ngamnye ethubeni.
5.2 Iimvavanyo zobuchule ziya kusekelwa kwikharityhulam yesifundo seNSC okanye kwiphepha nakubuchule bokumakisha obufanelekileyo (appropriate marking skills) kweso sifundo okanye kwelo phepha. Nakuba kunjalo, kwimeko ye-Economics ne-Geography, abenzi-sicelo baya kuviwa kwikhontenti yekharityhulam yawo omabini amaPhepha u-1 no-2 ngokulandelelanayo. Ngokubhekiselele kwi-English Home Language abenzi-sicelo baya kuviwa kwikhontenti yekharityhulam yamaPhepha 1, 2 no-3 ngokudibeneyo.
5.3 Ithayimthebhile yokubhala iimvavanyo zobuchule:

IZIFUNDO UMHLA IXESHA
Accounting and Mathematics Paper 1 18/05/2015 14:30 – 16:30
Business Studies, History Paper 1
Geography Paper 1 and 2
(Iphepha elinye)
19/05/2015 14:30 – 17:00
14:30 – 17:00
Mathematical Literacy Paper 1
History Paper 2
20/05/2015 14:30 – 16:30
14:30 – 17:00
Physical Sciences Paper 1 and
Life Sciences Paper 1
21/05/2015 14:30 – 17:00
14:30 – 16:30
Physical Sciences Paper 2,
Life Sciences Paper 2 and
Mathematical Literacy Paper 2
25/05/2015 14:30 – 17:00
14:30 – 16:30
14:30 – 16:30
Consumer Studies
Mathematics Paper 2
26/05/2015 14:30 – 17:00
14:30 – 16:30
English Home Language Paper 1, 2 and 3 (Iphepha elinye)
Economics Paper 1and 2 (Iphepha elinye)
27/05/2015 14:30 – 17:30
14:30 – 17:30

6. Ukungeniswa kwezicelo
6.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yaye kufuneka zikhatshwe kokulandelayo:

  • I-declaration form ezaliswe ngokupheleleyo, ekopi yayo eqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane njenge- (isiHlomelo C).
6.2 Bonke abenzi-sicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo
  • Ikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/ Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo yakhe.
6.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor, Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

6.4 Izicelo mazifike eWCED ungadlulanga owe-17 Apreli 2015. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964.

7. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa incwadi yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neWCED. Enye imbalelwano ephathelele kwinkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

8. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke kakhulu kwinkqubo yoviwo. I-WCED iyazingca ngokuqesha kwayo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mabakwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokufanelekileyo ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala.

9. Kubaluleke kakhulu ukuba iinqununu, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi bezeIMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso emfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba bazazi iikhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo zabo. ICandelo loLawulo loVavanyo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso emfutshane.

10. I-WCED ixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yakho ngalo mba ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:27

IsiHlomelo A: Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi  (ubukhulu: 63 KB)
IsiHlomelo B: "Application form for marking"  (ubukhulu: 64 KB)
IsiHlomelo C: "Declaration"  (ubukhulu: 64 KB)
"Employment of Educators Act"  (ubukhulu: 160 KB)