1. Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zikaFebruwari - Matshi wama-2015.

2. Iimviwo zokuXabangela ze-NSC zicwangciselwe ukuqala ngowe-16 Februwari 2015 zize zigqitywe ngowe-24 Matshi 2015.

3. Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa ziya kuqala ngo-09:00 ukuze ezasemva kwemini ziqale ngo-14:00.

4. Iifom zokubhalisela iimviwo zokuxabangela zaathunyelwa kubo bonke abaviwa abakulungeleyo ukuhlalela iimviwo. Iifom zokubhalisa ezizalisiweyo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Directorate: Examinations Administration
Attention: Mr L van Gensen
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

Iifomu zokubhalisa ezizalisiweyo zisenokuziswa ubuqu apha:

WCED Call Centre
Grand Central Towers: 2nd Floor
Lower Parliament Street
CAPE TOWN


5. Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo lokuxabangela (supplementary examination entries) ngoMvulo, wama-26 Januwari 2015. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaviwa ukuba bawulandele ngqo lo mhla, njengoko ukubhalisela uviwo sewugqithile umhla wokuvala kungayi kuvunyelwa.

6. Kuya kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo eziziisekondari nakumanye amaziko njengoko kumiselweyo liSebe leMfundo.

7. Ngabagadi bangaphandle babaviwa ababebandakanyeke ekuqhutyweni kweemviwo zikaNovemba 2014 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke abaya kusetyenziswa ekugadeni olu viwo, njengoko kukhankanyiwe kwiimvumelwano zabo ezisayiniweyo. Umgadi wabaviwa oneqhuzu wango2014 uyakusebenza njengomgadi oyintloko koluviwo lokuxabangela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke sango-2015.

8. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
8.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, njl. njl.
8.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
8.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity).
8.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.

9. Iinqununu zezikolo ziyacelwa okokuba zazise okubhalwe kule setyhula kubo bonke abaviwa ababhale iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zango-Oktobha-Novemba 2014.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:01:02

"Final Examination Timetable NSC Supplementary Examination"  (ubukhulu: xx KB)