1. IiMvavanyo ii-ANA zika-2014 zazibhalwe ngabafundi bamaBakala 1-6 nangabafundi beBakala 9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, nakwizikolo ezithile zemfundo eneemfuno ezizodwa ukususela ngowe-16 ukuya kowe-19 Septemba 2014. Kwizikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente kuphela liBakala 3 okanye liBakala 6 eliya kubhala ii-ANA, nokuba leliphi na ibakala esikolweni elilelona liphezulu.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) linike isikolo ngasinye ingxelo i-ANA -2014 report nenako ukufumaneka kwi-Centralised Educational Management Information System (CEMIS) ngolu hlobo lulandelayo: klikha ku-"Assessments" uze uscroll down ukuya kwi-"ANA 2014 report".

3. Ingxelo i-ANA 2014 school report iqulathe iingxelo ezintathu zoku kulandelayo:
3.1 Inkcazo ecazulula iziphumo zesikolo ngebakala ngalinye. Kunikwa i-avareji yebakala nepesenti yabafundi ngebakala ngalinye abafumene ngaphezu ko-50% besikolo eso nendlela abafundi abaqhube ngayo engqinelana noku kwisekethe, kwisithili nakwiphondo. Kukwanikwa kule ngxelo nenkcazo yokuhlelwa ngokwamanqanaba epesenti okuphumelela (achievement level percentage distribution) kwabafundi ngeklasi nganye.
3.2 Inkcazo ecazulula iziphumo zesikolo ngeklasi nganyi; kunye
3.3 neNkcazo ecazulula iziphumo zesikolo ngebakala ngalinye kwithuba leminyaka embini.

4. Abacwangcisi bezekharityhulam abakhulu namagosa ezithili zemfundo kumele baqaphele ukuba i-ngxelo i-ANA 2014 report iyafumaneka kwi-EduInfoSearch phantsi ko-"Exams and Assessments". Khetha u-"ANA" (Annual National Assessments) uze ukhethe u-"ANA Results by Grade (2012-2014)" ukufumana idatha.

5. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:01:13