ISALANTHISO: | 20151117-5362 14/28/2/1 |
 | IMIBUZO: | JA PARBHOO | IFONI: | 021 467 2572 | IFEKSI: | 021 467 9370 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOVAVANYO: 0022/2015 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NEENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO NAKWIINTLOKO ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NEZEZIKOLO EZIZIMELEYO EZILUNGISELELA ABAFUNDI KWIIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE |
| ISIKHOKELO SOKUPHUMEZA UKUDLULELA KWABAFUNDI KWELINYE IBAKALA KUMABAKALA 10 NO-11 |
1. |
Iikhrayitheriya zokuphumeza ukudlulela kwabafundi kwelinye ibakala kumaBakala 10 no-11 |
1.1 |
IMimiselo Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R to 12 icacisa ukuba umfundi unokugcinwa kube kanye qwaba kwicandelo le-Further Education and Training band. Oku kuthetha ukuba umfundi ongakhange azifezekise iimfuno ezimiselweyo zokupasa kwiBakala 10 okanye kwiBakala 11, emva kokuphinda ibakala, unokudluliselwa kwibakala elilandelayo. |
1.3 |
Ukucacisa, abafundi banokudluliselwa kwelinye ibakala kuphela xa ngaba bayazifezekisa ezi khrayitheriya: |
1.3.1 |
Abafundi mababe abaphumelelanga ukuzifezekisa iimfuno ezimiselweyo zokupasa zeBakala 10 okanye zeBakala 11, nokuba bebekhe baliphinda iBakala 10 okanye 11. |
1.3.2 |
Umfundi makafumane i-30% kwizifundo ezi-4 ubuncinane nemazibandakanye uLwimi loKufunda noKufundisa (Language of Learning and Teaching (LoLT)) lwesikolo. |
1.3.3 |
Umfundi makabe ngobehamba isikolo rhoqo yaye engakhange angabikho esikolweni ithuba eliziintsuku eziyi-20 okanye ezingaphezulu koko, kungekho sizathu samkelekileyo. |
1.3.4 |
Umfundi makabe ngozanelisileyo iimfuno ezimiselweyo ze-School-Based Assessment (SBA)/Practical Assessment Task (PAT)/oral zazo zonke izifundo ezichaphazelekayo. |
1.4 |
Izithili zifanele ukubeka esweni ukuthotyelwa zizo zonke izikolo kwesi sikhokelo sokuphumeza ukudlulela kwabafundi kwelinye ibakala kumaBakala 10 no-11 kwizikolo zazo. |
1.5 |
Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke ootitshala, abafundi nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:11:20
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |