1. Ngethuba lenkqubo yokumakisha amaphepha eemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zonyaka ka-2014, amanqaku azuzwe ngumviwa ngombuzo kwiphepha loviwo ngalinye afakwe kwikhompyutha ukuze iSebe leMfundo leNtshona Koloni linike ingxelo kwisikolo ngasinye.

2. Iziko ngalinye lemfundo elibhala iiMviwo zeMatriki zikazwelonke phantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokwenjenje linikwa ucazululo lweziphumo ezizuzwe ngabaviwa balo kwiimviwo zeMatriki zika-2014.

3. Abacwangcisi bekharityhulam nabacebisi baya kunikwa iinkcukacha-manani zephondo kunye nezithili zabo ukwenzela ukuba baqulunqe iindlela zokuncedisa ootitshala bajongane nemiba enzima yekharityhulam. Ii-ofisizezithili zikwanikwa iinkcukacha-manani zephepha ngalinye lezikolo zazo.

4. Okubalulekileyo kukuba, olu cazululo lweziphumo lwenza isikolo ngasinye sibone apho abafundi baso baqhube kakuhle nalapho baye bafumana ubunzima khona ukuphendula imibuzo yemviwo.

5. Ezi nkcukacha-manani zibonisa oku kulandelayo ngokubhekiselele kwisikolo ngasinye:
5.1 Umahluko ngepesenteji ongaphezulu okanye ongaphantsi komndilili wephondo ofunyenwe ngabafundi besikolo eso kumbuzo ngamnye. Ipesenteji engumahluko onguphozithivu ibonisa ukuba ipesenteji engumndilili yesikolo ibingaphezulu komndilili wephondo, lo gama umahluko wepesenteji engunegethivu ibonisa ukuba umndilili wepesenti yesisikolo ungaphantsi komndilili wephondo.
5.2 Inani labaviwa abazame ukuphendula umbuzo ngamnye.
5.3 Kukho umahluko kwipesenteji yomndilili wamanqaku afunyenwe ngabaviwa kwiphepha lilonke nakumndilili wephondo. Oku kubonakala kwikholam yokugqibela.

6. Ootitshala abachaphazelekayo kwisifundo ngasinye bafanele ukuxoxa ngezi nkcukacha, baqaphele iinkalo abenze kakuhle kuzo nezo babe buthathaka kuzo abaviwa, basebenzise le ngcaciso ekwenzeni isicwangciso samanyathelo okuphucula isifundo kunyaka ka-2015.

7. Apho kuqatshelwe khona iingxaki ezimandla kwisifundo, iintloko zezifundo maziqhagamshelane nabacebisi babo ngezekharityhulam ukucela uncedo. Ootitshala ababafundi babo bafumene impumelelo eyodwa kwimibuzo ethile bangacelwa ngumcebisi ngezekharityhulam babelane nabanye ngeemfihlo zempumelelo yabo nezo zikolo zingaqhubanga kakuhle.

8. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linengqiniseko yokuba iinqununu, ootitshala nabacebisi ngekharityhulam baya kuzuza lukhulu kwezi nkcukacha zeemviwo. Oku kuya kukhokelela ekuphuculweni komgangatho wokufunda nokufundisa kwiphondo leNtshona Koloni.

9. Kucelwa iinqununu ukuba bazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kootitshala nakwiintloko zamacandelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:01:01