1. |
Ulawulo nokubhalwa kweemviwo ngendlela eyiyo kuwo onke amaziko lubaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuthembeka nokunyaniseka kweziphumo zeemviwo. Ngokwemigaqo-nkqubo kazwelonke neyamaphondo iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko bamelwe kukuphendula ngazo zonke iimviwo eziqhutyelwa ezikolweni zabo. |
2. |
Nangona kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) okanye ze-AET Level 4 kuya kuphazamiseka ngo-2015, kubaluleke kakhulu ukuba kwenziwe isicwangciso esibanzi solawulo lweemeko ezingaziziphazamiso (comprehensive risk management plan) liziko ngalinye ukwenzela ukuba libe nokusingatha nakuphi na ukuphazamiseka okungathi kuchaphazele ulawulo nokubhalwa kwezi mviwo. |
3. |
Kwimeko yokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo, makwaziswe umphathi wekomiti yesekethe okanye umlawuli we-ofisi yesithili semfundo sakho ngoko nangoko ngesi siganeko. Umphathi wekomiti yesekethe okanye elinye igosa elityunjwe ngokusemthethweni kwi-ofisi yesithili semfundo, liya kuzama ukuya kwisikolo eso ngokukhawuleza ukwenzela ukuba liqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo sisikolo. Eli gosa lityunjwe ngokusemthethweni lisuka kwi-ofisi yesithili malijongisise yonke imeko ngoqwalaselo olukhulu ukususela kwixesha elifike ngalo kweso sikolo. |
4. |
Ukungenziwa kokukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa ngokungqinelana ngqo neenkqubo ezibekiweyo kuya kuchaphazela ukuthembeka koviwo njengolungenachaphaza kwaye kungakhokelela ekubeni kwenziwe amanye amalungiselelo anjengokuphinda kubhalwe kwakhona elo phepha lichaphazelekayo ngomnye umhla. |
5. |
Iinqununu mazixelele abaviwa ngesicwangciso sesikolo esenziweyo sokuqulela okungekehli, IsiHlomelo A, ukuba kuvele imeko efuna bakhutshwe ngobungxamo abaviwa neziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini enkulu abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo. |
6. |
Kwimeko engalindelekanga mpela yokuba kufuneke ukuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iWCED iya kwazisa ngoko nangoko, zonke iinqununu emva kokuba kuthathwe isigqibo. |
7. |
Iinqununu mazisebenzise olu luhlu lokutshekisha luqhotyoshelweyo, IsiHlomelo B, ukuzinceda ekuqapheleni iimeko ezingaziziphazamiso ekuqhutyweni ngempumelelo kweemviwo yaye mazenze esazo isicwangciso solawulo lweemeko ezingaziziphazamiso ngokungqinelana noku.
|
8. |
Nakuphi na ukuphazamiseka kwinkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo ngelo xesha makuxelwe nako ngoko nangoko komnye wala magosa alandelayo eWCED:
Mnu H Swart, ifoni: 021 467 2057, iselula: 082 409 8820
Mnu AP Clausen, ifoni: 021 467 2945, iselula: 082 773 9980
Nksk T Singh, ifoni: 021 467 2541, iselula: 084 312 8333
Mnu BK Schreuder, ifoni: 021 467 2519, iselula: 082 373 5989
|
9. |
IWCED ininqwenelela okuhle kodwa kwezi mviwo zizayo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:10:08
|
|